Let us know how it is going

UPHANDO

AMAGQABANTSHINTSHI NGEKHOSI

Wamkelekile kwiKhosi Uphando kwi-Intanethi

Abantu abaninzi bachitha ixesha bezama ukuqonda ukuba kutheni bengaphumeleli okanye kutheni iingxaki zabo zibonakala ngathi azipheli okanye kutheni ezinye zeeprojekthi zabo ziphucuka kodwa ezinye zingaphumeleli. Iziphumo kukuqajisela okuninzi kunye neziphumo ezimbalwa. Ngaphandle kokwazi ukuba lwenziwa njani uphando kwaye ufumane eyona nyani, umntu akanathuba lokufumanisa phandle ukuba yintoni engalunganga okanye lokuza nezisombululo ezilungileyo.

Into ebilahlekile yindlela yokwenza uphando oluchanekileyo. Kwiimeko ezininzi, ukuba umntu akayiqondi into, angayamkela neyiphi na inkcazelo ayifumanayo nokuba ayilunganga kangakanani na. Ngenxa yoko, akukho ndlela yokwenyani yokwenza uphando eyenziweyo. Nangona kunjalo, u L. Ron Hubbard wenze impumelelo kw’ ingqiqo (umxholo wokuqiqa). Ukusuka kule impumelelo kufike uphuhliso lwakhe lwendlela yokuqala yokwenyani yokukhangela kunye nokufumana okungoyena nobangela wezinto.

Ukukwazi ukuphanda kunikeza ukubanako ukwahlula zonke iinyani ezahlukeneyo kunye nezimvo kwaye kufumanise ezona zizathu ngasemva kwempumelelo okanye ukusilela nakweyiphi indawo ebomini. Ngokufumanisa phandle kutheni izinto zingendlela ezingayo, uya kukwazi ukulungisa nokuphucula imeko—nayiphi na imeko. Le yeyona ixabisekileyo iteknoloji yabantu kuyo nakweyephi na indlela yobomi.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Kule khosi uya kufunda:

  • Ukuchonga ukuba yintoni eyenza into ibe sengqiqweni okanye ingekho ngqiqweni.
  • Uluhlalutya njani ulwazi ukuze wazi ukuba kufuneka wenze ntoni ukulungisa imeko.
  • Izakhono ozidingayo zokuchonga ezona zizathu zemphumelelo okanye ukusilela kuyo nayiphi na inkalo yobomi.

Wamkelekile

Ngoku ubhalise ngempumelelo kwaye sele ukulungele ukuqala inyathelo lakho lokuqala kwinkqubo yokufunda enomdla kunye nezakhono. Le khosi iyakukubonelela ngezixhobo onokuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kokufunda kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.