Let us know how it is going

Wamkelekile

Ngoku ubhalise ngempumelelo kwaye sele ukulungele ukuqala inyathelo lakho lokuqala kwinkqubo yokufunda enomdla kunye nezakhono. Le khosi iyakukubonelela ngezixhobo onokuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kokufunda kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.

Wamkelekile kwiKhosi Uphando kwi-Intanethi

Abantu abaninzi bachitha ixesha bezama ukuqonda ukuba kutheni bengaphumeleli okanye kutheni iingxaki zabo zibonakala ngathi azipheli okanye kutheni ezinye zeeprojekthi zabo ziphucuka kodwa ezinye zingaphumeleli. Iziphumo kukuqajisela okuninzi kunye neziphumo ezimbalwa. Ngaphandle kokwazi ukuba lwenziwa njani uphando kwaye ufumane eyona nyani, umntu akanathuba lokufumanisa phandle ukuba yintoni engalunganga okanye lokuza nezisombululo ezilungileyo.

Into ebilahlekile yindlela yokwenza uphando oluchanekileyo. Kwiimeko ezininzi, ukuba umntu akayiqondi into, angayamkela neyiphi na inkcazelo ayifumanayo nokuba ayilunganga kangakanani na. Ngenxa yoko, akukho ndlela yokwenyani yokwenza uphando eyenziweyo. Nangona kunjalo, u L. Ron Hubbard wenze impumelelo kw’ ingqiqo (umxholo wokuqiqa). Ukusuka kule impumelelo kufike uphuhliso lwakhe lwendlela yokuqala yokwenyani yokukhangela kunye nokufumana okungoyena nobangela wezinto.

Ukukwazi ukuphanda kunikeza ukubanako ukwahlula zonke iinyani ezahlukeneyo kunye nezimvo kwaye kufumanise ezona zizathu ngasemva kwempumelelo okanye ukusilela nakweyiphi indawo ebomini. Ngokufumanisa phandle kutheni izinto zingendlela ezingayo, uya kukwazi ukulungisa nokuphucula imeko—nayiphi na imeko. Le yeyona ixabisekileyo iteknoloji yabantu kuyo nakweyephi na indlela yobomi.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

1.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Uphando kunye Nomsebenzi Walo

Ukusuka kusuku nosuku kunye neveki neveki, umntu angajongana nezininzi ezingathandekiyo iimeko ebomini bakhe. Ngandlela thile uyakwazi ukuphumela kula maxesha, eqinisekile ukuba akukhonto ingako anokuyenza ukuphucula ubomi bakhe. Mhlawumbe iprojekthi ibicwangciswe iinyanga emsebenzini ayizisi elindelekileyo impumelelo, Imveliso e ofisini ihlile kakhulu ngexesha lenyanga ezidlulileyo okanye ukongezwa kwindlu yakhe kuthatha ixesha elide kunokuba bekucwangcisiwe kuqala. Izinto ezinje ziyenzeka kwaye zixhaphakile kuthi uninzi lwethu.

Kodwa ezi azidingi ukuba ziintlobo eziqhelekileyo zamava ezenzeka ebomini bakho. Ungaphila ubomi obonwabisayo kwaye ufeze ii goals zakho nakweyiphi na indawo yobomi—ngokukodwa, nosapho lwako, umsebenzi okanye ekuhlaleni. Iinjongo ozicingele ngokwakho zinokufezekiswa.

Ukuba ii goals ezinjalo azikafikelelwa okanye ukuba ukwimeko embi kakhulu, ukhona unobangela woko onokufunyaniswa. Ngokwesiqhelo, le ngcinga yenye abantu abangayiqapheliyo—izinto ziyabangelwa. Azenzeki nje. Kukho izizathu ezibangela yonke imeko engathandekiyo okanye enzima—izizathu onokuthi wenze into ngazo.

Ngaphandle kokuyazi le nto, uMntu uhlala exhomekeke kwinkolelo yokuba umlingo okanye ithamsanqa linamandla okuba nefuthe kubomi bakhe, okanye ujonge ukufunda iinkwenkwezi ukumisela ikamva lakhe, eneneni ecinga ukuba ukuhamba kweeplanethi kunye neenkwenkwezi kungamxelela into enokwenzeka ebomini bakhe. Akukho nanye kwezi esekwe kwisizathu okanye kulwazi. Abantu abaninzi banethemba nje eli lilize (ngokungena kufikelelwa kwisiphumo esifunwayo) ukuba akukho kwanto izakuhamba kakubi okanye bazilahlekise ngenkolelo yokuba ubomi buqhelekile ngumzabalazo kwaye “yindlela ubomi obungayo.”

Umzekelo, umlimi onesivuno esibi kakhulu ngonyaka akanankcazo ngaso iyavakala lonto. Akanalo nofifi lokuba nguye ngokwakhe obangele le meko. Nangona kunjalo, ukuba ubunokujonga kuyo, uya kufumanisa ukuba umlimi ngaphambili usilele ukugcina imbewu ikhuselekile ekutyaleni kwentwasahlobo, kwaye ke imbewu yenzakalisiwe zizinambuzane. Engayifumani le nto, unokuza nazo zonke iintlobo “zezizathu” ezingathandekiyo okanye ukutyhola nje ilishwa.

Nanku omnye umzekelo. Kumzi-mveliso onemveliso ephantsi, umphathi ushenxisa abaqeshwa, uqesha abasebenzi abatsha, njl njl, kumzamo wokunyusa imveliso ngaphambi kokuba umzi mveliso utshone. Kodwa umphathi usenokungabi nazo izakhono ezifunekayo zokuvavanya ngokwenyani indlela osebenza ngayo umzi-mveliso ukufumana oyena nobangela wemveliso ephantsi. Ukuba uphonononge umzi-mveliso, unokufumanisa ukuba iisupliers zezixhobo zalile ukuzizisa kuba i ofisi esingatha imicimbi yemali yefektri ayihlawulanga iindleko.

Ukujonga kwinto, ukuphatha kunye nokuphucula nayiphi na imeko elolu hlobo kuyo nayiphi na indawo yobomi kufuna ubuchule kuphando—ukubanako ukucinga ngendlela esengqiqweni okanye enengqiqo kwaye ufike kunobangela wengxaki.

Uphando kukufunyanwa kwezinto ngononophelo kunye nokuhlelwa kwenani. Kuphando, ukhangela phandle kwaye uphonononge iinkcukacha zento ukuzama ukufunda iinyani, ngakumbi kwilinge lokufumana unobangela.

Xa usenza uphando olufanelekileyo, ufumanisa phandle oyena nobangela wengxaki ojongene nayo. Umzekelo, kuwo nawuphi na umbutho, unokujonga ukuba imveliso yawo iphantsi. Esi ayisosimo esilungileyo kwaye kufuneka kuphandwe kwaye unobangela afunyanwe. Uphando lunoku setyenziswa kubomi bakho buqu ukuphucula iimeko.

Xa usenza uphando, kuya kufuneka ubuze umbuzo, “Yintoni endingayiqondiyo?” ngokubhekisele kwiimeko ezikhoyo ofuna ukuzisingatha. Uyakufumanisa ukuba iinyani ezimbini azivumelani—kuthetha ukuba zahlukile kwaye zenza ukuba loo nto ingenzeki kuzo zombini ukuba zibeyinyani—ngoko asokuze uziqonde. Ke uzama ukwenza ingqiqo phandle kwezi nyani zimbini: ubuza ezi nyani zimbini kwaye uya kufumana enye ingcaciso ongayiqondiyo. Kwaye xa uzama ukuba le ngcaciso iqondwe, ngoku uyakufumana enye inyani ongayiqondiyo. Kwaye kwenye indawo apha endleleni, uya kufumana esona sizathu okanye unobangela weemeko ophanda ngazo.

Naluphi na uphando kufuneka luqhubele phambili ngale ndlela—ukuqhubeka nokubuza imibuzo ngalo lonke ixesha into ingavakali. Ngamanye amaxesha imibuzo emininzi kufuneka ibuzwe, ngamanye amaxesha kuthatha nje kuphela u “yintoni lo ngxolo?” ukukhokhelela k’umthombo wobunzima. Nanku umzekelo wophando olwenziwe ngokukhawulezileyo ngenxa yokuba kukho imeko yongxamiseko: Injineli isemagumbini enjini yenqanawa. Ube yinjineli iminyaka emininzi, usebenzisa amava akhe xa ephawula indawo yakhe. Weva isandi sokwenza umlozi ekungafanelekanga ukuba sibekhona—into echaseneyo nale meko iqhelekileyo kwigumbi le enjini. Ujonga ngokukhawuleza ujonga le ndawo kwaye akaboni nto ingaqhelekanga ngaphandle kwelifu elincinci elimhlophe. Injineli idibanisa oko ikubonayo noko ikuvayo kwaye isiya kwilifu elimhlophe ukuze ikhangeleke kakuhle. Ubona ivalve yophukile ngoko nangoko avale kumgca ophambukayo (inkqubo yemibhobho ephethe umphunga wokufudumeza kunye namandla kwinqanawa). Umlozi uyathula.

Ngamazwi ambalwa, (a) ufumanisa ukuba inxenye yo mbutho ayisebenzi kakuhle okanye nantoni na oyiphandayo kwaye (b) ufumana into ongayiqondiyo ngayo kwaye (c) ubuze imibuzo abantu kwindawo enxulumene nengxaki okanye ujonge kuloo ndawo ukufumana ulwazi ngakumbi.

Ngokulandela la manyathelo kulo myalelo, uya kufumana unobangela wengxaki onokuthi emva koko usingathwe ukuze indawo isebenze ngokufanelekileyo kwakhona. K’umbutho, ungasebenzisa la manyathelo mathathu uphinda-phinda, kwaye uya kuhlala wanele ukuwigcina usebenza kakuhle.

Amanani (inani okanye inani ngokuthelekiswa nenombolo yangaphambili okanye isixa sento efanayo) adlala indima kuphando. Amanani abonisa ukuveliswa komsebenzi, indawo okanye umbutho, ngokuthelekiswa nomzuzwana wexesha. Abonisa ukuba ngaba le ndawo iyayifezekisa ipurpose yayo—ukuba amanani ayanda, isondela ngakumbi ekufezekiseni oko kwenzelwe le ndawo kuba izinto kufanele ukuba zikhule, zingabi ncinci kulo mbutho.

Ngokwenza uphando, ukhangela amanani ehlayo (ukuya phantsi). Oku akwenzi ngqiqo, kunjalo, ke ngoko, ubuza abantu abanoxanduva lokuvelisa amanani omlinganiselo. Kwimpendulo zabo kuya kubakho into ezingavakaliyo kuwe—umzekelo, banokuthi “Asinakuhlawula iindleko ngenxa yokuba uJosie uthathe ixesha engekho emsebenzini esenza ikhosi.” Ujonga kuphela into engenzingqondo. Ke ubuza umntu okunika olu lwazi kwaye uthethe noJosie malunga namatyala. Kungekudala uya kusifumana esona sizathu. Kule meko, masithi ufumanise phandle ukuba uJosie uthatha ikhosi kwi-accounting kuba ebengazi ubuchule bokuphatha iiaccounts ngokufanelekileyo. Ngenxa yoko, ubesoyika ukuhlawula amatyala de ayigqibe ikhosi. Ngoku kuba ufumene unobangela ochanekileyo, kulula kuwe ukuba usebenze kwindlela yokuyiphatha. Inkampani inemali eninzi yokuhlawula amatyala kwaye oku kuyenzeka ngendlela efanelekileyo, ngelixa iqinisekisa ukuba uJosie uyalugqibezela uqeqesho lwakhe kwaye uyayazi indlela yokwenza iaccounting.

Njengoko usihla usiya k’ umzila wezinto ongaziqondiyo, enye yezizinto zimbini iya kwenzeka. Nokuba sisiphelo esifileyo (ikhosi yesenzo engavelisi ziphumo) kwaye ingahambeli kude, ngeloxesha ubuyela kwindawo yophando lwakho apho izinto beziqala ukwenza ingqondo, okanye imibuzo yakho iphakamise ulwazi oluninzi oluluncedo. Kwaye ukuba ivelisa ulwazi oluninzi, uya kufumana izinto ezininzi ongaziqondi onokuzilandela.

Xa udibana neenyani ezibini ezichaseneyo (ezichaseneyo) enye kwenye, ubuza imibuzo kwezinyani zimbini kwaye ufumane elinye inqaku ongaliqondiyo. Uyaqhubeka kulondlela yezinto ongaziqondiyo de esona sizathu sifumaneke.

Ukuyibeka ngenye indlela nokukunika umfanekiso ocacileyo, isakhono sokwenza olu phando sifana nokufumana isiqwenga somtya esincinci esivele phandle—into ongayiqondiyo—kwaye, ngokubuza, utsala umtya. Njengoko utsala, ikati encinci iyavela. Utsala intambo ngokubuza imibuzo emininzi kwaye igorila yomntwana iyavela. Utsala enye ngakumbi kwaye ihlosi liyavela. Ngoku uyatsala kwakhona kwaye wow! Une General Sherman tank (itanki elinamandla elikhulu elithiywe ngogeneral wodumo)! Yile nto ubuyifuna, esona sizathu sobunzima ofuna ukusombulula.

Uyabona, akukho ngqiqweni ukuba abantu babe ngamavila okanye babezizidenge. Ezantsi kwengxaki uza kufumana owokwenyani unobangela wokuba abantu bangathathi manyathelo k’umbutho onobunzima okanye ekucaphukiseni okungazange kubonakale kusonjululwa.

Xa unetanki lakho eliyi “General Sherman tank,” ungathatha inyathelo.

Kuhlala kukho isizathu emva kwenkcukacha manani amabi nemeko embi. Buza imibuzo yabo babandakanyekayo ude ufumane esona sizathu sokuba usebenze phandle. Ayisokuze ibengu “Jane akaqaqambanga.” Kusenokwenzeka ukuba: UJane wayeqeshiwe njengo mchwethezi kodwa engakwazi uku chwetheza. Okanye umphathi olawulayo ophezulu wendawo akazi emsebenzini.

Esona sizathu sokuba amanani abesezantsi sisoloko siyinto enokuqondakala ngokulula. Kwaye ukuba ubuza imibuzo eyaneleyo, uya kufumana esona sizathu kwaye emva koko unokuthatha amanyathelo afanelekileyo.

Obu buchule bokuphanda, ngelixa bulula kakhulu, busebenza kakhulu kuba bufumana iziphumo ezilungileyo. Bungasetyenziswa xa ujongene nokulula okanye kunzima ukuqonda iingxaki ukuze ufumane oyena nobangela owenza oko. Oku kunceda ukuzisombulula.

Xa usenza uphando, izakhono zakho ziya kuphucuka. Unokukhulisa isakhono sakho kwaye usenze sisebenze ngakumbi ukuze ukwazi ukubona ngoko nangoko into ongaliqondiyo kunye nokuthatha inyathelo. Nangona oku kubanako bungebubo obendalo ebantwini—abazalwanga benabo—unokubufumana lula ngesakhono.

Ukwenza uphando lukhawuleze kwaye lusebenze, kufuneka ube nakho ukuqonda nokusebenzisa imigaqo ey’ ingqiqo—umxholo ongaqondwanga kakuhle kwaye wenziwe wabhidisa kakhulu ngaphandle kwesizathu esivakalayo. Ayiseyiyo loo meko. Kwinqaku elilandelayo uza kufunda izinto ezisisiseko ngokubhekisele kwingqiqo.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.