Let us know how it is going

Wamkelekile

Ngoku ubhalise ngempumelelo kwaye sele ukulungele ukuqala inyathelo lakho lokuqala kwinkqubo yokufunda enomdla kunye nezakhono. Le khosi iyakukubonelela ngezixhobo onokuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kokufunda kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.

Wamkelekile kwiKhosi yaBantwana kwi-Intanethi

Kwihlabathi lanamhlanje, uninzi lwabazali alunikwa mfundo ngendlela yoku khulisa abantwana babo. Abanabo ubuchule bokuba babakhathalele njani, babancede njani xa benzakele, babathuthuzele njani xa bekhathazekile kwaye belila okanye nokuba bangayifumana njani intsebenziswano nomntwana ngeyona ndlela ibhetele.

Ngenxa yoko, abantwana banamhlanje rhoqo bakhuliswa ngendlela abazali babo ababekhuliswa ngayo; kwaye oku, kwiimeko ezininzi, kwakungengawo amava amnandi okanye aphumeleleyo.

Indlela okhathalela nokhulisa umntwana ngayo inempembelelo enamandla kwikamva lakhe. Umzekelo, ukuba umntwana ufumana uthando oluninzi nonxibelelwano oluvela kubazali bakhe, uya kubanakho ngokuninzi ukufuna ukubuyisela olo thando kunye nonxibelelwano kusapho lwakhe. Kodwa ukuba uhlala enikwa imiyalelo, ngokuqhubekekayo evinjelwa ukwenza le nto afuna ukuyenza kunye nokuzifumana kwiimpikiswano nokulwa nabazali bakhe, akakwazi ukulinda ukuba aze ahambe ekhaya. Rhoqo, xa eshiya ikhaya ngoluhlobo, angokha ubuhlobo nabantu abagwenxa kwaye aqalise ukwenza izinto ezingamfaka engxakini.

L. Ron Hubbard uphuhlise iindlela ezininzi zokukhupha okona kulungileyo emntwaneni—ukumnceda ukuba afumane iinyawo zakhe emhlabeni kwaye umnike ulonwabo ebuntwaneni apho ekhula khona njengelungu elinegalelo kusapho. Ngelixa nje isahlulo soko kubhalwe ngu L. Ron Hubbard malunga nokuphatha abantwana sifakiwe apha, esi sahluko sikunika izixhobo ezixabisekileyo kwaye sifundisa iindlela zokunceda umntwana wakho angeke azifumane kwenye indawo.

Olu lwazi kule khosi luya kukunceda ukhulise abantwana bakho ngothando nonxibelelwano kwaye ubanike oko bakudingayo ukubenza onwabileyo, anothando kwaye anemveliso amalungu osapho lwakho—abantwana abaza kukhula babe ngamalungu axabisekileyo kuluntu lwethu kwixesha elizayo.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

1.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Uhlala Kanjani Nabantwana

Abazali bahlala rhoqo bezibuza, “Ndingabakhulisa njani abantwana bam ngeyona ndlela?”

Umzali olungileyo, ozinzileyo onothando ne nyameko (ukuvuma ukwamkela into engafezekanga) entliziyweni yakhe ingaba yeyona nto intle umntwana anokuba nayo.

Ulawulo Olungakanani?

Into yokuqala kwaye eyona ibalulekileyo ukuyazi malunga nokukhulisa abantwana bakho yindlela yokubaqeqesha ngaphandle kokubophula (ukubenzakalisa ngokweemvakalelo ukuze baphelelwe lithemba okanye ukuzithemba). Ufuna ukukhulisa umntwana wakho ngendlela yokuba akwazi ukuzikhathalela kwaye akufuneki ukuba umlawule rhoqo. Ukuziphatha kwakhe okuhle, impilo yakhe kunye nokonwaba kwakhe kuxhomekeke kuwe ekwenzeni oku ngokuchanekileyo.

Abantwana abazozinja. Abanakuqeqeshwa ngendlela izinja eziqeqeshwa ngayo. Umntwana akalulo uhlobo olukhethekileyo lwesilwanyana esahlukileyo kumntu. Umntwana yindoda okanye umfazi ongafezekanga ngokupheleleyo.

Ungathanda ukutsalatsalwa ujikeleze ngamandla kwaye uyalelwe malunga nokuthintelwa ekwenzeni oko ubufuna ukukwenza? Ungaziva unomsindo kwaye ucaphuka ukuba umntu wenze loo nto kuwe. Unjalo nomntwana, kodwa ngenxa yokuba emncinci, uyoyika ukuthetha okanye enze nantoni na ukubonisa ukuba akayithandi into eyenzeka kuye. Kodwa leyo yindlela aphathwa ngayo umntwana ophakathi. Umntwana akazilweli ngenxa yokuba engekho mkhulu ngokwaneleyo kwaye uyayazi. Endaweni yoko wenza izinto ezifana nokwenza ukuba umgangatho wakho ubenodaka, ukuphazamisa ebuthongweni bakho kunye nokutshabalalisa uxolo kwikhaya lakho. Oku yindlela yokuziphatha komntwana njengesiqhelo. Kodwa ayifanelanga ukuba ngalendlela.

I Self-determinism kuthetha ukuba umntu unokhetho kwaye unokuthatha isigqibo sokuba kwenzeka ntoni kuye, into afuna ukuyenza, njalo njalo. Xa umntu ene self-determinism, ubanokuzithemba kulawulo lwezinto ezimngqongileyo nakwindlela arhwebana ngayo nabanye abantu. Wonke umntwana unelungelo kwi self-determinism yakhe.

Ubumandi kunye nothando lomntwana luya kuqhubeka ixesha elide njengoko enokwazi ukubaneyakhe i self-determinism. Ukuba uyaphazamisa kwi self-determinsm yakhe, uphazamisa ubomi bakhe.

Isizathu esinye esinokukwenza uba ubenelungelo lokuphazamisa ilungelo lomntwana lokuzikhethela ngokwakhe ku xa kungenzeka kube nengozi kule ndawo emngqongileyo. Kule meko, wena njengomzali wakhe kufuneka wenze indawo ahlala kuyo okanye adlalela kuyo ingabi nazinto ezinokumenzakalisa. Umzekelo, ungabiyela iyadi yakho ukuze umntwana wakho angakwazi ukubalekela esitratweni.

Abanye abantu bakhuliswe kakubi bengabantwana kangangokuba bacinga ukuba ukulawula yeyona nto ibalulekileyo ekukhuliseni umntwana. Kodwa ukuba uba unyanzelisa ukulawula umntana, uya kumenza ukuba angakhathali ntoleyo eluvakalelo lwengqondo apho engakhathalelanga nantoni na eyenye. Uyakuthobela enze lento umxelela yona, kodwa uya kuba ulahlekelwe yi self-determinism yakhe kwaye akasayi kuba ngumntwana owonwabileyo.

Ke, ekukhuliseni umntwana wakho, kufuneka uthintele “uqeqesho” ngale ndlela. Umntwana wakho ngokwenene uqala ubomi bakhe ngokuba nobuhlobo kwaye abenovumelwano kwabanye abantu. kananjalo uya kwenza ngendlela ezolileyo kwaye azuze nembeko. Kodwa kwithuba nje elifutshane, ukuba akaphathwanga ngokuchanekileyo, umntwana uya kuvukela (enze ngokuchasene negunya). Le mvukelo ingaba mbi kangangokuba angade abangele ingxaki ezininzi. Unokwenza ingxolo eninzi kwaye enze izinto ezibonisa ukuba akabakhathalelanga abanye abantu. Angangakhathaleli izinto zakhe okanye azingcolise kwaye angahlambi. Angenza nantoni na ukuze akucaphukise.

Ke ukuba uzama nje ukuqeqesha nokulawula umntwana, uya kuphulukana nothando lwakhe. Kwaye ukuba uyaqhubeka nokulawula kwaye uqeqesha umntwana wakho, ungagqibela ulahlekelwa ngumntwana unaphakade.

Nalu uvavanyo onokulwenza: Myeke umntwana wakho ahlale ethangeni lakho. Uya kuhlala apho onwabile kakhulu. Ngoku beka iingalo zakho kuye kwaye umbambe ukuze umenze ukuba aqhubeke nokuhlala apho. Yenza oku nangona wayengazami nokuhamba. Ngophanyazo uya kungqisha. Uya kulwa ukuze emke kuwe. Uya kuba nomsindo. Uya kulila. Kodwa khumbula, wayonwabile ngaphambi kokuba uqale ukumbamba kwaye umenze ukuba ahlale apho.

Yimizamo yakho “yokuqeqesha” nokulawula umntwana wakho eya kumbangela ukuba aqhankqalaze kwaye enze kanye njengoko esenza xa uzama ukumbamba umbeke kwi thanga lakho.

Ukuba sele umqeqeshile, wamlawula, wamyalela ukujikeleza kwaye wamyekisa umntwana wakho ekubeni nezinto zakhe kunye nezinto ezinjalo ixesha elithile, ungaba nobunzima xa uqala ukumvumela enze into ethile. Ukuba, emva kokumlawula, uzama ukumnika inkululeko, usenokukrokrela kwaye abe nobunzima ukuzama ukutshintsha kule nto.

Masithi uhlala emiswa nguwe ukuba akhwele ibhayisekile kuba “angonzakala.” Ke ngequbuliso umnika ibhayisekile kwaye umxelele ukuba ayikhwele. Kungathatha ixesha kuye ukuba adlulise ulawulo lwangaphambili lokunyanzelwa kwaye akwazi nje ukukhwela ibhayisekile.

Ukuba uvumela umntwana wakho ukuba abenayo i self-determinism kwaye akhe ukuzithemba kwakhe kwaye ungazami rhoqo ukumqeqesha nokumlawula, uyawukwenza kakuhle. Kwaye ukuba usebenza nje nomntwana wakho ngoluhlobo, uya kugqibela sowu nomntwana olungileyo, oziphethe kakuhle okucingelayo. Kwaye—okona kubaluleke kakhulu, uya kuba nomntwana okuthandayo.

Kulula kakhulu kwaye, kubhetele kakhulu emntwaneni xa ungamniki ii-odolo kunye nemiyalelo engapheliyo, kodwa umncedise aphuhlise i self-determinism kunye nokuzithemba.

Izinto zoMntwana

Enye into ekufuneka uyikhumbule kukuba xa unika umntwana into,yeyakhe. Ayiseyo yakho. Yeyakhe ngoku. Oku kubandakanya iimpahla zakhe, iithoyi kunye negumbi lakhe. Oko akunikiweyo kufuneka kuhlale ngaphantsi kolawulo lwakhe. Angagqibela ekrazula ihempe yakhe, esonakalisa ibhedi yakhe okanye ophule injini yomlilo wethoyi yakhe, kodwa le nto ayenzayo ngezinto zakhe ayinanto inokwenza nawe.

Ungathanda njani ukuba umntu othile akuphe isipho seKrisimesi kwaye emva koko akuxelele, usuku nosuku emva koko, into ekufuneka uyenzile ngayo aze akohlwaye xa usoyiseka ukuyikhathalela ngale ndlela lo mntu akunike yona ecinga kufuneka ikhathalelwe ngayo? Ungasonakalisa esosipho.

Ke xa uphazamisa kwi zinto zomntwana, into aza kuqala ukuyenza kukonakalisa uluvo lwakho. Le yimpindezelo yakhe. Uya kulila. Uya kukukhathaza. Uya kuzaphula izinto zakho. Uya “kuchitha ngengozi” ubisi lwakhe. Kwaye uya kuthi, ngamabomu, atshabalalise nantoni na omnike yona kwaye wathi wamlumkisa uba ayikhathalele njani kwaye angakwenzi oku okanye okuya. Kutheni? Ulwela eyake i self-determinism.

Ke xa unika umntwana wakho into ethile, yazi ukuba ngoku seyiyakhe.

Ilungelo Lomntwana Lokufaka Isandla

Kuya kufuneka unike umntwana wakho ilungelo lokufaka isandla.

Nawuphi na umntu uziva enakho ukwenza izinto, kwaye azenze kakuhle, logama nje engavunyelwa ukuba enze izinto kwabanye kangangoko kusenziwa kuye okanye ngaphezulu kokuba kusenziwa kuye.

Wena, njengomzali, ngokwemvelo unogalelo elingakumbi emntwaneni wakho ngaphezu kogalelo lwakhe kuwe. Umnika ukutya, indlu anokuhlala kuyo, iimpahla, iincwadi, iithoyi, imali nothando lwakho. Xa esengumntwana, akanakuze akubuyisele njengokuba umnika.

Xa ethe wakhawuleza wabona umntwana ukuba wamkela ngaphezulu kunendlela ayibuyisayo, angangonwabi. Uya kuzama ukufaka isandla ngakumbi. Kodwa ukuba akavumelekanga, uya kuba nomsindo kuwe aze aqalise ukungakuthandi.

Ngokungakuqondi okwenzekayo, unokuzama ukuphatha imvukelo yomntwana wakho (ukusabela ngokuchasene negunya) ngokuba negalelo ngakumbi kuye. Kodwa kunokwenzeka ntoni ke, kuba ngoku akasakwazi ukuba negalelo elingako kuwe njengoko umnika, kukuba umntwana wakho uza kuvukela ngakumbi. Ukuba lo mjikelo uyaqhubeka, umntwana wakho unokuphetha ukungakhathali. Ke kufuneka uvumele umntwana wakho ukuba abe nogalelo kuwe.

Kodwa awukwazi ukumyalela ukuba abenogalelo. Awunakho ukumyalela ukuba achebe ingca kwaye oku ukubize njengo mnikelo wakhe. Kuya kufuneka azibonele ngokwakhe ukuba yintoni igalelo lakhe aze ke alinike. Ukuba wenziwe ukuba enze into ukuze abe negalelo, akayikhethanga ngokwakhe kwaye ayiyo yakhe. Ukuxelelwa ukuba into amele ayenze ukufaka isandla kubonakala kuye njengolawulo olungaphezulu kuwe.

Kwa nomntwana unegalelo ngokuzama ukukwenza uncume. Umntwana uya kuqhayisa. Xa sele emdala, uya kukudanisa. Uya kukuzisela izipho ezincinci njengezithungo azifumene emhlabeni okanye ilitye okanye igqabi. Uya kuzama ukuphindaphinda iintshukumo ozenzayo ngezandla okanye ngomzimba wakho ukuze akuncede xa usebenza. Umzekelo, uya kuzama ukukunceda ukududula ivacuum yokucoca okanye ukuxuba umxube kwisitya xa usenza ikhekhe.

Ukuba awuyamkeli imigalelo esuka kwisana okanye umntwana, njengemicumo, loo midaniso, ezo ntonga, ezo ntshukumo zomsebenzi, uya kuba uqalile ukumisa umnikelo womntwana wakho. Kwaye ukuba uyeka iminikelo yakhe, uya kuqalisa ukuba nexhala. Uya kwenza izinto ezingaqhelekanga kwimpahla yakho ukuzama ukuzenza “bhetele” kuwe. Umzekelo, unokuthatha isigqibo sokuba ikhaphethi inga jongeka bhetele nge-inki kuyo okanye udonga lunga khangeleka lubukeka luluhle ngomzobo wekhrayoni. Kodwa ukuba uyamgnxolisa okanye umohlwaye ngokwenza loo nto, yeyona nto imbi onokuyenza.

Vumela nje umntwana wakho abe negalelo yaye konke kuya kuhamba ngcono kakhulu.

Ukuqonda Ukuba uSapho luSebenza Njani

Umntwana angayazi njani into yokufaka igalelo xa engazi ukuba usebenza njani umzi wakho?

Ngelixa kungekho nto unokuyenza ngaphandle nje kokwamkela uncumo, imidaniso kunye “nezipho” ezincinci xa umntwana wakho esemncinci, ngokukhawuleza nje ukuba aqonde, kufuneka anikwe lonke ibali lokuba usapho lusebenza njani kunye nendlela indlu edtiyaniswe ngayo.

Ungamcacisela ukuba usapho liliqela elincinci elisebenza kunye ukunceda ukusinda kwelungu ngalinye kunye nokuncedana ukuya phambili nokwenza ngcono ebomini. Ungamcacisela ukuba isibonelelo sakhe sivela phi. Ungamxelela ukuba kwenzeka ntoni ukwenza ukuba kubekho ukutya etafileni ukuze wonke umntu atye, apho iimpahla zakhe zivela khona, into ekufuneka uyenzile ukwenza indlu icoceke kunye nendlela usapho olunemoto kwaye olunokuyigcina ngayo ihamba.

Ungamxelela ukuba uTata uyasebenza. uTata uchitha iiyure esebenzisa izandla zakhe kunye nengcinga yakhe ukusebenza nzima kwaye ngoku ufumana imali. Loo mali isetyenziselwa ukuthenga ukutya enikutyayo nonke. Imoto ikhathalelwe, ngoba kuxabisa imali eninzi ukuyibuyisela imoto. Ungamchazela umntwana ukuba indlu ezolileyo kunye noku khathalela uTata kuthetha ukuba utata usebenza bhetele, kwaye oko kuthetha ukutya kunye nempahla neemoto.

Ngamanye amazwi, nika umntwana wakho ingcazelo epheleleyo ngayo yonke into malunga nekhaya, sebenza kwaye udlale ngendlela aya kuyiqonda.

Ukuba umntwana wakho uyavukela, unokuqhubeka evukela okwethutyana. Kodwa ukuba ufundile ngosapho kwaye uyazi ukuba yintoni nonke enizama ukuyifezekisa njengeqela, ekugqibeleni uyakuqonda abe yinxalenye yosapho kwaye asebenze kunye nani ukwenza lonke usapho lwenze ngcono nangakumbi.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.