Let us know how it is going

II DYNAMICS ZOBUKHO

AMAGQABANTSHINTSHI NGEKHOSI

Wamkelekile kwiKhosi ii Dynamics zoBukho kwi-Intanethi

Ayikaze ibekhona indlela yokuqhekeza ubomi buye kumanqanaba achanekileyo ngendlela apho unokuyijonga ngaphezulu nangaphaya kwaye ubone ukuba zeziphi iindawo zobomi bakho ebeziqhuba kakuhle kwaye nezidinga ingqalelo.

L. Ron Hubbard wafumanisa ukuba bonke ubomi, yonke into ephilayo elapha emhlabeni, ilandela i purpose enye: ukusinda!

Kodwa le purpose inye inkulu egubungela bonke ubomi kunye nokuphila ingahlulahlulwa ibengamacandelo amancinane.

Njengoko uza kufunda kwesi sahluko, nje ukuba uyazi ukuba yintoni la malungu mancinane, uyakubona ukuba usinda kakuhle kangakanani nakweyiphi na kuwo.

Ukwazi ukuba zeziphi inxalenye zobomi kuya kukunceda wenze isigqibo esifanelekileyo ekusombululeni nayiphi na ingxaki—nokuba yeyiphi enokwenzakalisa okanye ukucaphukisa abanye abantu abanokubandakanyeka kuloo ngxaki. Akuzange kubekho indlela enokusetyenziswa kunye nephethini echanekileyo yokusombulula iingxaki ezinjengale ngaphambili, ngakumbi enye enokuthi ifundiswe nakwabanye ukuze nabo bayisebenzise. De abe u L. Ron Hubbard ufamanisa, njalo, kwaye wasibonisa uba ingenziwa kanjani.

Kwesi sahluko, uza kufunda izixhobo zokukunceda usinde kakuhle kwaye uthathe izigqibo ezichanekileyo.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Kule khosi uya kufunda:

  • Inkuthazo esisiseko yazo zonke izenzo kunye nezigqibo zakho.
  • Amacandelo asibhozo ahlukeneyo enza ubomi kwaye ngalinye linxibelelana njani nelinye.
  • Ungazenza njani ngokuzithemba izigqibo ezichanekileyo ebomini.

Wamkelekile

Ngoku ubhalise ngempumelelo kwaye sele ukulungele ukuqala inyathelo lakho lokuqala kwinkqubo yokufunda enomdla kunye nezakhono. Le khosi iyakukubonelela ngezixhobo onokuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kokufunda kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.