Let us know how it is going
3.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Ukusebenza Ngezona Zisombululo ziChanekileyo

Ukuthatha isigqibo kwisisombululo esona siphathekayo sokuphatha nantoni na empilweni, kungcono ukujonga yonke into echaphazelekayo yile ngxaki kwaye wenze lento izakunceda kusinde uninzi lwe dynamics.

Oku akuthethi ukuba awukwazi ukutshabalalisa nantoni na. Ukufa okanye intshabalalo kufuneka ngamanye amaxesha kwenzeke ukuze kucace indlela yokuba izinto zihambela phambili nokuthi uphuculo lwenzeke. Kwaye intshabalalo, xa isetyenziswa ngaloo ndlela, ilungile kwaye yamkelekile. Umzekelo, awungekhe wakhe isakhiwo esitsha ngaphandle kokudiliza esidala esasimi apho ngaphambili.

Okanye khawucinge nje ukuba kuya kwenzeka ntoni ukuba ubunokugcina iphepa ngalinye olinikiweyo ebomini bakho bonke kwaye kuya kufuneka ufuduke. Ukuba awukwazi ukutshabalalisa nantoni na, kuya kufuneka utsale onke la maphepha kunye nayo yonke into onayo ngakuwe. Uyayibona indlela engabhadlanga ingenzeka ngayo. Kuyafuneka utshabalalise into kube kanye ethubeni.

Kukho indlela esengqiqweni yokwenza oku: akufuneki ukuba utshabalalise ngaphezulu kunokuba kufuneka, ekwenzeni indawo ilungele ukwakhiwa. Ukuba uqala ukutshabalalisa ngaphezulu kunokuba kufuneka, ungena kubume obubi ngokukhawuleza.

Ii dynamics zithetha, ngokulula, iintshiseko ezahlukeneyo zokusinda. Umntu usinda njani? Ungathi umntu usindela yena kuphela kuba ethathe isigqibo sokwenze njalo kwaye asebenze kwaye ayonwabele impilo nabanye kuba engumntu ngamnye. Kodwa ungatsho ukuba umntu usinda kuphela ukuba abe nabantwana ukuze kubekhona abantu kwixesha elizayo, kwaye le yeyona ndlela intle yokujonga ubomi. Okanye ungathi loo mntu usindela urhulumente kuphela, ehlala kwilizwe apho yonke impahla inabanikazi okanye ilawulwa ngurhulumente. Unokuthatha zonke iindlela aphila ngazo ezidweliswe apha ngasentla kwaye unokuthatha isigqibo sokuba ngasinye siyinyani. Kodwa xa uyivavanya, ufumanisa ukuba udinga zonke ii dynamics ezisibhozo ukuba usinde. Awungekhe usinde kakuhle ukuba akusindi kuzo zonke zosibhozo. Ii dynamics zidibaniseka zifikelele ekusindeni kobomi buqu.

Ke xa kufuneka usebenze esona sisombululo esisiso kuyo nayiphi na ingxaki, kuya kufuneka wenze njalo ngezo zonke ezi dynamics engqondweni. Esona sisombululo sayo nayiphi na ingxaki iya kuba sisisombululo esona sisombululo esenze umvuzo omninzi, esokwakha okanye esidala elona nani liphezulu lezi dynamics ezinento yokwenza nengxaki.

Umzekelo, ukuba umntwana wayehlaselwa yinyoka, esona sisombululo siphambili kukusindisa ubomi bomntwana kwaye ungayilimazi inyoka ukuba kuyenzeka.

Nangona kunjalo, ukuba kuye kwafanela uphathe ingxaki apho umntu onompu ebambe abantu abathandathu kwaye sele eza kubabulala bonke, esona sisombululo sisiso ingaba kukunqanda lomntu uphethe umpu, nokuba oko kuthetha ukuba uza kumdubula, ukusindisa ubomi babanye abantu abathandathu.

Izisombululo ezenzakalisa i dynamic elithile elinye ukuze kuxhamle elinye isiphumo sayo kuba kubhideka kunye nokuphazamiseka. Kodwa xa oku kufuneka kwenziwe, isisombululo kukusebenza kwaye wenze into eza kuzisa olona cwangco olukhulu kunye isiphithiphithi esincinci.

Njengomnye umzekelo, yithi ubulilungu leqela (i Dynamic yeSithathu yakho) elalisenza into echasene nomthetho. Uqala ukuziva unetyala (i Dynamic yakho yokuQala) kwaye ichaphazela umtshato wakho (i Dynamic yakho yesiBini) kunye nomsebenzi wakho (i Dynamic yakho yeSithathu). Ukujonga ngaphezulu kwe dynamics, esona sisombululo sisiso, ngelixa oko kunokudala iingxaki ngezinye indlela, ingaba kukushiya eliqela elalisophula umthetho.

Indlela yokwenza isisombululo esilungileyo okanye ukuphatha nayiphi na ingxaki kukukhangela iindlela ezahlukeneyo ezinokusonjululwa ngayo ingxaki kwaye ke nokuthatha isigqibo esinokwenza umonakalo omncinane kwinani elincinci kwezi dynamics okanye wenze okona kulungileyo ngobuninzi wenzele elona nani ngobuninzi lezi dynamics. Ngamanye amagama, kuxhomekeke kwixesha elikhoyo lokuphatha kunye nayo yonke into ebandakanyekayo, kuphumeza esona sisombululo siphambili. Izinto ozenzayo ukujongana naloo ngxaki kufuneka ziyile okanye zakhe ezona zininzi ii dynamics ezinokubakhona.

Ke, esona sisombululo sisiso sayo nayiphi na ingxaki iza kuba sisisombululo esanikezela inzuzo kakhulu kuzo zonke ezi dynamics.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.