Let us know how it is going

Wamkelekile

Ngoku ubhalise ngempumelelo kwaye sele ukulungele ukuqala inyathelo lakho lokuqala kwinkqubo yokufunda enomdla kunye nezakhono. Le khosi iyakukubonelela ngezixhobo onokuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kokufunda kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.

Wamkelekile kwiKhosi ii Dynamics zoBukho kwi-Intanethi

Ayikaze ibekhona indlela yokuqhekeza ubomi buye kumanqanaba achanekileyo ngendlela apho unokuyijonga ngaphezulu nangaphaya kwaye ubone ukuba zeziphi iindawo zobomi bakho ebeziqhuba kakuhle kwaye nezidinga ingqalelo.

L. Ron Hubbard wafumanisa ukuba bonke ubomi, yonke into ephilayo elapha emhlabeni, ilandela i purpose enye: ukusinda!

Kodwa le purpose inye inkulu egubungela bonke ubomi kunye nokuphila ingahlulahlulwa ibengamacandelo amancinane.

Njengoko uza kufunda kwesi sahluko, nje ukuba uyazi ukuba yintoni la malungu mancinane, uyakubona ukuba usinda kakuhle kangakanani nakweyiphi na kuwo.

Ukwazi ukuba zeziphi inxalenye zobomi kuya kukunceda wenze isigqibo esifanelekileyo ekusombululeni nayiphi na ingxaki—nokuba yeyiphi enokwenzakalisa okanye ukucaphukisa abanye abantu abanokubandakanyeka kuloo ngxaki. Akuzange kubekho indlela enokusetyenziswa kunye nephethini echanekileyo yokusombulula iingxaki ezinjengale ngaphambili, ngakumbi enye enokuthi ifundiswe nakwabanye ukuze nabo bayisebenzise. De abe u L. Ron Hubbard ufamanisa, njalo, kwaye wasibonisa uba ingenziwa kanjani.

Kwesi sahluko, uza kufunda izixhobo zokukunceda usinde kakuhle kwaye uthathe izigqibo ezichanekileyo.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

1.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Ii Dynamics

Amandla angasemva kokuqhuba kwazo zonke izenzo zakho kunye nezigqibo zakho kwaye eyona nto ibalulekileyo ebomini kukusinda. Ukusinda kuthetha ukuhlala okanye ukuqhubeka ebomini, ukuze uphile.

Lamandla akuqhuba ukuba uphile siwabiza ukuba yintshisakalo. Kwi Scientology, sifunde ukuba kukho iintshisakalo zokusinda ezisibhozo ezahlukeneyo zokuphila. Nganye yezi ibizwa ngokuba yi dynamic. Yonke into oyenzayo kunye naluphi na ukhetho olwenzayo luqhutywa yintshisakalo yokusinda.

Ii dynamics ezisibhozo zibonisa amacandelo ahlukeneyo obomi bakho osindayo kuzo:

I Dynamic yokuQala yintshisakalo yokuphila njengawe, ngokwakho. Yintshisakalo yokuba ngumntu ngamnye kwaye ufikelele kwelona nqanaba liphezulu lokusinda kwelona xesha lide linokwenzeka wenzela wena.

Umzekelo, ukuzikhathalela, ukugcina umzimba ucocekile, ukugcina amazinyo akho, ukutya ngokufanelekileyo, ukuphumla kunye nokufumana ukukhathalelwa xa ugula zizinto zonke ozenzayo ezinokukunceda ukuba uphilele kwi Dynamic yokuQala.

I Dynamic yesiBini yintshisakalo yokuphila kwisizukulwana esizayo. Inamacandelo amabini: isini, kunye nosapho, okubandakanya ukukhulisa kwabantwana.

I Dynamic yeSithathu yintshisakalo yokuphila njengenxalenye yeqela.

Umzekelo, abantu abase ofisini yakho, isikolo sakho, idolophu yakho, isizwe sakho kunye neqela lakho lebhola okanye iqela lomculo zonke ziyinxalenye ye Dynamic yakho yeSithathu.

I Dynamic yeSine yintshisakalo yokusinda ngoLuntu. Ngelixa abantu bombala omnye (abantu abanombala oqhelekileyo okanye ubuzwe) lingathathelwa ingqalelo njenge Dynamic yeSithathu, zonke iintlanga zoLuntu zidibeneyo zingathathelwa njenge Dynamic yeSine.

I Dynamic yesiHlanu yintshisakalo yokuphilela nayiphi na nalo lonke uhlobo lobomi. Oku kubandakanya zonke izinto eziphilayo, nokuba zizilwanyana okanye isityalo.

Umzekelo, iintlanzi, izinja, iikati, iingonyama, ingca, imithi, iintyatyambo kunye nazo izinambuzane zonke ziyinxalenye yesiHlanu i Dynamic.

I Dynamic yeSithandathu yintshisakalo yomntu yokokuba aphucule ubomi bezinto ezibambekayo zomhlaba.

Umzekelo, ukukhathalela iimpahla zakho, izihlangu, indlu, imoto, isikolo, iofisi okanye izinto zomnye umntu zonke ziyinxalenye yezenzo zokusinda kwakho kwi Dynamic yeSithandathu.

I Dynamic yesiXhenxe ingabizwa ngokuba yi dynamic yomoya. Yintshisakalo yokusinda njengomntu womoya okanye ukuba impilo buqu isinde. Oku kwahlukile kwindalo yonke ebonakalayo kwaye ingumthombo wobomi buqu.

I Dynamic yesiSibhozo yi dynamic ekuthethwa ngayo kakhulu ngokuqhelekileyo njengoMdali, i dynamic kaThixo okanye oyena Mntu oPhakamileyo, umoya wonke wokudala. Yintshisakalo ebhekise kubukho njengokungenamda.

Ezi dynamics zisibhozo zibandakanya zonke iinjongo zakho zokusinda kwaye nazo zonke izinto ozisindelayo.

Umntu uzama ukusinda, ngandlela-thile, kuzo zonke ezi dynamics ngexesha elinye.

Ezi dynamics zingaboniswa njengothotho lwesangqa kunye ne Dynamic yokuQala kwiziko. Umntu wandisela ngaphandle njengoko eqala kwezinye ii dynamics ebomini bakhe.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.