Let us know how it is going

Wamkelekile

Ngoku ubhalise ngempumelelo kwaye sele ukulungele ukuqala inyathelo lakho lokuqala kwinkqubo yokufunda enomdla kunye nezakhono. Le khosi iyakukubonelela ngezixhobo onokuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kokufunda kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.

Wamkelekile kwiKhosi Izisombululo Zobungozi Bokusingqongileyo kwi-Intanethi

Kulula ukuziva unexhala malunga nemeko yehlabathi. Vula iTV, funda iphephandaba okanye uye nakweyiphi na isite yeendaba. Konke esikubonayo yintlekele: iinyikima, izikhukula, iimfazwe, izidubedube nolwaphulo-mthetho.

Kubonakala ngathi yenzeka kuyo yonke indawo—kwamanye amazwe, elizweni lethu kwanakufutshane namakhaya.

Kunokusenza sizive singenako ukuzinceda. Umhlaba, ingathi, awunabungozi nje kuphela, kodwa uba njalo ngakumbi nangakumbi imihla ngemihla.

Kodwa kukho into ebalulekileyo ekufuneka uyazi ngayo yonke le nto. Indawo esingqongileyo eneneni ayinabungozi njengoko inokubonakala injalo.

U L. Ron Hubbard ufumana ukuba kukho abantu abathile abanjongo ikukwenza okusingqongileyo kukhangeleke kusongela kunokuba kunokwenzeka. Kwaye uye wabonelela ngezisombululo ukuba nabani na angazisebenzisa ukoyisa uloyiko kwaye ajongane ngcono nendawo emngqongileyo.

Kule khosi, uya kufunda ngawaphi amanyathelo onokuwathatha ukunciphisa ukusongela kwindawo ekungqongileyo. Uya kufunda nokuba ubanceda njani abanye boyise uloyiko lwabo ukuze babenako ukuphatha ngokufanelekileyo okubangqongileyo. Ulwazi kulekhosi lungazisa impembelelo enkulu yokuthomalalisa kwaye ikhokelele kukonwaba ngakumbi kunye nobomi obunempumelelo.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

1.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Ngaba Bunobungozi Kangakanani Okusingqongileyo?

Okusingqongileyo kuthetha indawo ekungqongileyo: abantu, izinto kunye neendawo ezikufutshane kuwe okanye ezikurhanqileyo. Indawo esingqongileyo yinto ebanzi kakhulu. Nantoni na ejikeleze wena, kufutshane okanye kude, enokuthi ichaphazele ubomi bakho, yinxalenye yendawo ekungqongileyo.

Abantu abaninzi abaqinisekanga nje kuphela ukuba okusingqongileyo kuyingozi, kodwa ukuba buyakhula ubungozi usuku ngalunye. Kwabaninzi, kungumngeni kunoko beva ukuba banokujongana nako.

Inyani yomcimbi yile, nangona kunjalo, imeko yokusingqongileyo yenziwe yabonakala inobungozi kakhulu kunokuba injalo eneneni.

Abantu abaninzi banobuchule bokwenza okusingqongileyo kube nobungozi. Oku kubandakanya imisebenzi yobuchule efuna indawo ezisingqongileyo ezinobungozi ubukho bayo, nje ngepolitiki, amapolisa, abamaphepha ndaba, abangcwabi nabanye. “Bathengisa” ngobungozi bokusingqongileyo. Ukuba abathanga bathengisa ngobungozi bokusingqongileyo, baziva bophukile. Ke kungumdla wabo ukwenza okusingqongileyo kube nobungozi ngaphezulu kakhulu kunokuba kunjalo. Indawo esingqongileyo iyingozi ngokwaneleyo, kodwa bayenza ibe yingozi kakhulu.

Ocacileyo umzekelo unokubonwa kumaphephandaba. Awekho amabali amnandi amatsha. Baxela iindaba ezimbi nentlekele kwaye abazihoyi kakhulu iindaba ezilungileyo, benza ukuba okusingqongileyo kubonakale ngathi kuzele zizisongelo.

Omnye umzekelo, ngusopolitiki enqwenela ukunyulwa, unika iintetho malunga nokuba le ndawo igcwele lulwaphulo mthetho nogonyamelo, okuphela kwakhe ongenza into ngako. Ewe, ulwaphulo mthetho nogonyamelo zikhona kule ndawo. Kodwa uyazenza zibonakale ngathi zimbi ngakumbi kunokuba zinjalo ukuze afumane abantu ukuba bamvotele.

Masihlukane nombono ongeyonyani abantu abanikwe wona malunga nokusingqongileyo. Kwiminyaka embalwa edlulileyo, umntu othile weza nombono wokuba abantu abakwimimandla ethile yehlabathi khange benze nkqubela yaneleyo ngoba babengenalo ucelomngeni kwindawo ebangqongileyo. Umceli mngeni yinto evavanya ubuchule bomnye umntu kwaye imfuna ukuba asebenzise imizamo elungileyo yakhe.

Elinye lamazwe lomntu awaye ecinga ngalo yiMexico. Kusenokwenzeka ukuba wayeyibonile iposta yabakhenkethi enomfanekiso weMexican, elangeni, ihleli ngase ludongeni enxibe umnqwazi wakhe phezu kwamehlo akhe kunye neshawl yakhe ejikeleze amagxa akhe. Ke watsho isizathu iMexican ingaphumeleli kukuba akabinamngeni waneleyo kwindawo emngqongileyo. Uthe isizathu sokuba abantu eMzantsi Melika babengazixakekisi ngakwenzanto yayikukuba abanawo umceli-mngeni ngokwaneleyo kwindawo ebangqongileyo.

Akunakwenzeka uthethile naye nawuphi na umntu kwabaseMexico okanye baseMelika. Ubonakala ngathi uzifumene izimvo zakhe ngobomi ngokufunda iincwadi ezibhalwe ngabantu abafana naye ababelichithe ixesha labo elininzi kumathala eencwadi.

Nanku omnye umzekelo wethiyori efanayo. Ngaphandle kwiPhilippines, indoda emhlophe ixhuma phezulu ithi kumaIgorrotes (isizwe esihlala kwiintaba ezikummandla osemantla), “Ngoku, ukuba nje ungawenza umendo osuka elalini uye ezantsi emlanjeni, uphathe inqwelana kusasa uye ezantsi emlanjeni kwaye ugcwalise itanki lamanzi kwaye uze nawo apha, amabhinqa akho akuyi kufuneka ukuba ahambe ngaloo ndlela ukuya emlanjeni. Kwaye kuya kufuneka uyenze le projekthi ngaxeshanye.” Wothukile ukuba bengayenzi kwaoko. Uyahamba athi, “Ha-ha! Abo bantu abanamceli mngeni waneleyo kwindawo ebangqongileyo. Akukho nto kubo yokulinganisa ukuya kuthi ga, njengathi eNtshona. Sinomceli mngeni kokusingqongileyo.”

Lo mfo unomceli mngeni kwindawo yakhe emngqongileyo? Unina wavula umlomo wakhe wafaka isidlo sakusasa kuyo kwaye utata wakhe wabhala zonke iitshekhi ukuba zimhlawulele ukuba afumane ikholeji. Indlela yakhe yahanjwa kuzo zonke iindlela ngoomatshini kunye nezithuthi. Indawo emngqogileyo yayibethiwe. Ewe kunjalo wayenokuma apho akhwaze kwaye abe nesibindi.

Yeyiphi eyona meko ingqonge iIgorrote kwiiPhilippines, ngelixa ehleli ejikeleze umlilo, limamele lo mntu emxelela ukuba enze njani umendo ohla esiya emlanjeni? Unenkwenkwana encinane kwaye ucinga ukuba yinkwenkwe entle kakhulu. Kodwa uyazi ukuba inkwenkwana le ayinalo ithuba lokuphila de ibe isixhenxe ngenxa yesifo, ukutya okonakeleyo kunye nezinye iingxaki. Uyazi ukuba zakufika iimvula, ziya kuba zinzima kangangokuba yonke imbewu ayityalileyo iya kukhukuliswa emhlabeni kwaye amasimi aya kukubetha abe ziingceba. Ukuba unokugcina nantoni na kuloo nto, mhlawumbi unokuphila iinyanga ezimbalwa. Uyazi kakuhle ukuba konke ekufuneka ekwenzile kukuhamba phantsi komthi ongalunganga ukuze afumane ukulunywa yinyoka enetyhefu, kwaye oko kuyakuba sisiphelo kuye. Ngamanye amagama, sele esazi ukuba akanakuphila, ngako kutheni ezama?

Asikuko ukuba akukho mngeni kokumngqongileyo. Yinto yokuba umngeni uyoyikisa, okuthetha ukuba kukhulu kangangokuba wonke umntu unokuziva ukuba akakwazi ukujongana nayo.

Abanye abantu bayathanda ukubalisa oluhlobo lwebali: umdwebi oselula uhlala eTerre Haute, isixeko esincinci eUnited States kwiphondo laseIndiana. Akanabahlobo kwaye ekugqibeleni ufudukela kwisixeko esikhulu. Bakwenza into enkulu oku. Indawo esingqongileyo ayiniki mngeni, batsho, yiyo loo nto wafudukela kwisixeko esikhulu ukuze abe nomceli mngeni ongakumbi. Ngokwenene? Isizathu sokuba ngumdwebi kwindawo yokuqala kukuba wayengafuni kusebenza ezantsi kwivenkile yasekuhlaleni enomntu obizwa ngokuba ngu-Butch Gregerty, ephosa amabhali e-hay ngeenxa zonke. Lo mfo wamxhaphaza ngexesha le-kindergarten, wamxhaphaza ngexesha lesikolo samabanga e-junior kwaye wayemphatha gadalala xa esenza amabanga aphakamileyo. Ngoku uceliwe ukuba amsebenzele kwivenkile yasekuhlaleni. Umceli mngeni omkhulu kakhulu.

Akukho mntu uthenga nayiphi na imizobo yakhe. Akukho mntu umbiza ngokuba “mnumzana” okanye umbonisa ukumhlonipha ingenxa yento ayenzayo. Indawo emngqongileyo ayinabuhlobo kancinci. Akanaxesha elizayo, ngokokubona kwakhe, njengegcisa. Akakwazi ukunxibelelana kakuhle nabantu kwindawo ahlala kuyo, ke uziva ngathi akananxaxheba kuyo. Kumgca wakhe womsebenzi ujongana nendlala. Yindawo esingqongileyo engenabuhlobo kwaphela leyo. Ke uya kwenobuhlobo obungcono: i Greenwich Village, eNew York.

Ke sifikelela kwisigqibo sokuba, ukuba umntu akakhange akwazi ukwenza ubomi bakhe into afuna ukuyenza, ke indawo emngqongileyo uyifuma isoyikisa. Iindlela zakhe zokuthathela ingqalelo imeko-bume leyo ayonelanga ukuba asinde. Ubukho bakhe bunjengathi abukhathali okanye bungonwabisi njengendawo emngqongileyo ibonakala kuye isoyikisa.

Ukuba siyakuqonda oko kufunyanwa, sithathe inyathelo lokunceda umntu aphathe ngcono okumngqongileyo.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.