Let us know how it is going

Wamkelekile

Ngoku ubhalise ngempumelelo kwaye sele ukulungele ukuqala inyathelo lakho lokuqala kwinkqubo yokufunda enomdla kunye nezakhono. Le khosi iyakukubonelela ngezixhobo onokuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kokufunda kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.

Wamkelekile kwiKhosi Umtshato kwi-Intanethi

Kwihlabathi lanamhlanje, imitshato eqhawukayo iphantse yalindeleka.

Ababini bayatshata kwaye babe nabantwana abambalwa kwaye umtshato uqalise ukonakala. Indoda iyabhadula ihamba nomnye umfazi abe umfazi esebenzela ukuxhasa abantwana.

Ngaphandle kosapho oludityaniswe ngobumbano njengeqela, apho ilungu ngalinye linokuxhomekeka kwabanye ukuba limncedise ukuhlangabezana namaxesha anzima kwaye ahlangabezane nobomi, umntwana unokulahleka kwaye ngokukhawuleza aqale ukungena engxakini.

Usapho luphawu lolwakhiwo loluntu. Kodwa amaqabane omtshato amaninzi anengxaki yokugcina usapho lukunye. Kungenxa yokuba abazi ukuba kufuneka benze ntoni ukuze umtshato uphumelele kwaye emva koko uqhubeke kwaye uqhuba kakuhle.

L. Ron Hubbard usinike izixhobo ezingezizo ezokwakha umtshato ophumelelayo wodwa kunye namaqabane omtshato onwabile kwaye esenza kakuhle, kodwa nokuthatha umtshato ongaphumeleliyo kwaye awusindise kwaye awubuyisele uhlangane kwakhona.

Izixhobo zokwenza umtshato owonwabileyo kunye nonempumelelo zilula kakhulu ukuzazi kunye nokuzisebenzisa. Xa uqonda ukuba ziyintoni kwaye ufunde ukuzisebenzisa, oko uzakukufunda kule khosi, ungenza owakho umtshato uphumelele nangakumbi. Kwaye uya kuba nezixhobo ezandleni zakho ukunceda abanye abatshatileyo abasengxakini yokubuyisela imitshato yabo kwindlela eya kulonwabo.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

1.‎1 FUNDA ELI NQAKU

I Adventure Yomtshato

Ukutshata kuyi adventure. Ngoba xa utshata, wenza into ongazi kwanto ngayo. Kwaye nokuba uyazama izihlandlo ezininzi, uhlala wazi kancinci malunga nayo okwesibini kunokuba wawenzile okokuqala.

Umtshato yinto usapho elakhelwa phezu kwayo. Sisiseko.

Kuluntu, ngeli xesha, usapho leli qela likhathalelanayo, lizikhusela kwaye likwazi ukuzithwala liye kwikamva.

Inkcubeko (iqela labantu abaneenkolelo ezifanayo, indlela yokuphila, izithethe, njl njl) iya kutshatyalaliswa okanye ilahleke ukuba indawo yayo esisiseko—usapho—iyasuswa.

Ubudlelwane bomtshato bubudlelwane obu postulated. Postulated kuthetha isigqibo esenziwe sokuba into ethile okanye iya kuba yindlela ethile. Ngamanye amagama, umtshato yinto edalwa ngabantu ababini kunye. Isigqibo abasithathileyo siso kuphela isizathu sokuba umtshato ubekhona.

Iingxaki ziqala xa abantu beyeka ukudala (ukwenza okanye ukubeka umsebenzi) okanye postulating umtshato. Kwaye oko kuyenzeka kwimitshato emininzi. Abantu bayayeka ukudala iqela losapho. Kwaye xa beyekile ukudala, umtshato awusekho apho.

Umzekelo, thatha isibini esiya kuhambo nje olufutshane kube kanye ngeveki kwipaki ekufutshane kwaye sithetha rhoqo malunga nezicwangciso zaso, njengokuthi bayokuhombisa njani indlu yabo, ukuphucula igadi yabo okanye ukunceda abantwana babo ngomsebenzi wabo wesikolo. Xa besebenza kwizinto ezinje, bancokola bodwa malunga nokudala ubudlelwane babo kunye nekamva losapho lwabo. Kodwa masithi ngenye imini, bangena kubunzima bezemali. Benza isigqibo sokuba baxakeke kakhulu kuhambo lwabo lweveki okanye nokuba bathathe ixesha lokuthetha bodwa malunga nezicwangciso zabo zexesha elizayo. Xa umyeni efika ekhaya, uchitha lonke ixesha lakhe ephendula i-imeyile kwaye uchitha ixesha lakhe lokuphumla ekhangela i-intanethi efuna iindlela zokwenza imali eyongezelelweyo ukuhlawula amatyala. Bangaxoxi nditsho nangezicwangciso zabo zokuphatha imali kunye. Bayekile ukudala umtshato wabo kunye nosapho. Kungekudala, umtshato uphelile.

Akungenxa yezinto ezimbi ezenziwa ngabantu ezenza izivumelwano ezinje ngomtshato ziwe, njengokuba elinye iqabane lingathembeki kwaye liqale ubudlelwane obufihliweyo nomnye umntu. Kungenxa yezinto ezingenziwayo ngabantu. Xa unobudlelwane obu postulated ngokupheleleyo, kuya kufuneka uqhubeke ubudala. Kuya kufuneka ugcine ububeka apho ngezenzo zakho. Kwaye usapho olungazukuqhubeka ludala lona njengentsapho luyayeka ukubakho njengentsapho. Yinto malunga nesiseko kunye neyona nto ibalulekileyo ekufuneka uyazi ngayo.

Apho abantu banengxaki ngomtshato, kungenxa yokuba balindele ukuba uqhubeke ngokuzenzekelayo. Bacinga ukuba iya kuhlala kunye ngaphandle kwabo benze nantoni na ukuyibeka apho kwaye igcinwe kunye. Ngelishwa, ayizukukwenza. Kuya kufuneka udalwe.

Xa umntwana engeniswa kusapho, uya kuqalisa uku postulate usapho njengeqela. Ukuba abazali abasawenzi umtshato wabo kwaye iqela losapho sele liqala ukwahlukana, umntwana uya kuzama zonke iintlobo zezinto ukugcina iqela losapho kubo ubukhona.

Ngokwenyani, kufumaniseke ukuba esinye sezizathu zokuba umntwana azonzakalise kukwenza ukuba abazali bakhe babone ukuba banoxanduva losapho. Ukugula komntwana kunye nokulimala kuhlala kwenzeka rhoqo emva kokukhathazeka kosapho.

Kodwa nokuba abazali bomntwana bahlala kunye okanye baqhawule umtshato, oku akunanto yakwenza nekamva lakhe kwaye nokuba yena uyakukwazi ukuwenza umtshato ophumeleleyo xa sele emdala. Impumelelo yomtshato wakhe iya kuxhomekeka ekubeni enze isigqibo kwaye asebenze ukuze agcine eso sigqibo.

Ukuba unoluvo lokuba umtshato usekwe ukuba uphumelele ngokuzenzekelayo kwaye awuzukwenza ngokwakho ukuzama ukwenza nantoni na ukuwugcina uqhubeka, uya kuphela ungaphumeleli okanye uqhawule umtshato. Kodwa ukuba ungena emtshatweni uqonda ukuba umtshato yinto ekufuneka u postulate ukuze ubekhona kwaye uqhubeke udala, unokwenza nawuphi na umtshato ukuba ube yimpumelelo okanye usindise nomtshato osilelayo.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.