Let us know how it is going
2.‎1 FUNDA ELI NQAKU

uKwenza Ucwangco lube Lokwenyani

Ukuze umntu okanye iqela lifikelele kwi goal, kufuneka okokuqala bazi iziseko malunga nokulungiselela. uKulungiselela kuthetha iindlela zokulungisa izinto kunye nezenzo ukwenzela ukuzisa loonto efunwa ngulomntu okanye iqela.

Isiteyitimenti esilula malunga nokulungiselela sesokuba sine njongo ukwenza izicwangciso sibe yinto eyinyani. Into eyinyani yinto yokwenene, ayisiyiyo into ekwiingcinga zomntu kuphela.

Ukulungiselela asiyo nkqubo intle nje kwaphela engena zinjongo—olo lugunyaziso lukarhulumente. Ugunyaziso lukarhulumente yinkqubo entsonkothileyo yemigaqo neeprosijazi ezingaphakathi kweqela elo elivumela ukuba abantu baphephe uxanduva kwaye lithintela kwanezinto ukuba zenziwe. Abantu bazakuzama ukushenxisa amaqela kunye noorhulumente ngoluhlobo kuba bazisa kuphela izinto ezinje ngeemveliso eziphantsi, iirhafu eziphezulu kunye nolawulo oluninzi olungenelela endleleni yabo bazama ukuvelisa.

Kwakhona, ukulungiselela ayondlela yokuba abanye abantu bazame ukuba babaluleke okogqitha abanye abantu. Ukuba oko kuyenzeka, kungagcina kuvimba abo bazama ngokunyanisekileyo ukulungiselela umsebenzi wokwandisa imveliso.

Endaweni yokuba luncedo kwaye uhlale uhleli, ukulungiselela kufuneka kungene ekwenzeni izicwangciso zibe zezokwenyani.

Nangona ezimbalwa kwezikhohlakeleyo iinkokheli zamaqela kunye nokulungiselela akufuni zimphucuko zabantu bazo, uninzi lwabantu kumaqela, kwimibutho kunye noorhulumente bebonke bayazifuna iimeko eziphuculiweyo zeendawo zabo. Imizekelo enjalo inokubandakanya ukutya okuthe kratya, Imivuzo engcono okanye izakhiwo ezifanelekileyo zokuhlala nokusebenza kuzo. Ngokwenene, ukuphuculwa kuthetha okuninzi nokungcono kwizinto umntu azicingayo eziya kuba luncedo kuye nakwintsapho yakhe, njengemfundo engcono kunye nemisebenzi, iindawo ezicocekile zasekuhlaleni, iipaki ezinomtsalane zabantwana zokudlalela. Oku kubandakanya okuncinci kakhulu kwizinto ezimbi, njenge mfazwe, ulwaphulo-mthetho kunye neziyobisi.

Iinhlelo ezithandwayo ngabantu abaninzi kwaye bazixhase ziqulathe okungakumbi kokulungileyo nokuncinci kakhulu okubi. “Ukutya okuninzi, izifo ezimbalwa,” “izakhiwo ezongeziwe ezintle, izindlu ezincinci ezingekho mgangathweni,” “ixesha elininzi elikhululekileyo, umsebenzi omncinci,” “imisebenzi emininzi emihle, intswela-ngqesho encinci,” iinhlelo ezixabisekileyo nezamkelekileyo.

Kodwa ukuba nohlelo kuphela kungaphinda kuthethe ukusilela. Ngazo zonke iintlobo zezizathu, izinhlelo zinokusilela ukufikelela kwii goals zazo. Uhlelo lukhulu kakhulu. Alucingelwa ukuba luyanqwenelwa. Alufuneki kwaphela. Luyakuxhamla abambalwa kuphela. Ezi iyakubonakala ingonobangela ukuba kutheni iinhlelo zide zigqitywe. Kodwa esona sizathu kukusilela kokulungelelanisa njani kombutho.

Nokuba uhlelo belili khulu kakhulu okanye lwamkelekile kwabambalwa, okanye nokuba belingafuneki, lusenokwenziwa. Naluphi na uhlelo lunokwenziwa kwaye luzise oko kufanelekileyo ukuba lucwangciswe kakuhle.

Ayikuko ukuba amaphupha abantu awenelanga. Kukuba abantu abasoloko benalo lonke ulwazi-oluyimfuneko ukuzisa loo maphupha abambekayo awokwenyani.

Izinto ekufuneka ziphathwe kakuhle lulawulo olufaneleyo (izenzo ezibandakanyekayo ekuphatheni okanye ekulungiseleni iofisi, ukulungiselela okanye umsebenzi othile) ezi nakanjani kufuneka zenzekile:

1. Ukugcina inkampani esele ikho okanye ilizwe liqhubeka.

2. Ukwenza iziwangciso zibe zezokwenyani.

Ukuba ubunezinto ezisisiseko zeqela, zombutho okanye zelizwe, njengomhlaba, abantu okanye izixhobo sokusebenza, uya kufuna umgaqo-nkqubo wolawulo ukuze-ukwazi ukulondoloza yonke loonto.

Ke u (1) kunye no (2) apha ngentla eneneni baba ngu (2)—okwenza izicwangciso zibe zezokwenyani. Isicwangciso ekufuneka senziwe ukugcina inkampani ekhoyo iqhuba okanye ukugcina ilizwe liqhubeka. Kwaye akukho nkampani okanye lizwe liyakuqhubeka ngaphandle kokuba abantu abalapho basebenze ukwenzela ukuba inkampani okanye ilizwe elo lihlale likhona liselugcinweni. Ke iindlela zolawulo, nokuba zingalula kangakanani okanye zibesisiseko esilula kangakanani, ziyimfuneko ukugcina naliphi na iqela libonakalisa ukuqhubela phambili.

Xa yonke inkqubo yolawulo ilahleka okanye ilibaleka, okungenzeka ngenxa yemfazwe okanye utshintsho kurhulumente, njengo mzekelo, iqela elo liyakwazi ukuba lichithakale ngaphandle kokuba olunye uhlobo lolawulo lungenelele ngokuthatha indawo yolu lungasekhoyo.

Ukutshintsha intloko yesebe okanye umphathi okanye nkqu nomlawuli ingayitshabalalisa inxalenye yeqela okanye iqela liphela kuba iinkqubo ezindala ebeziqhelwe ukulandelwa azaziwa okanye zilityelwe. Zisenokungasetyenziswa kwaye inkqubo entsha ingakaqondwa kakuhle. Ukutshintshwa rhoqo (ukutshintsha abantu ubasuse kumsebenzi abawuqhelile ubase komnye umsebenzi abangawuqhelanga) ngaphakathi kwenkampani okanye kwilizwe kungagcina iqela lonke lilincinci elifuna ukusebenza, lingayazi ukuba malenze ntoni yaye libhidekile. Oku kubangelwa lolu tshintsho oluchitha-chitha naluphi na uhlobo lolawulo olunokubakho.

Ngezi zizathu, kubalulekile into yokwazi isihloko sesiko sombutho.

Nokuba iqela lizama ukuzikhusela kwintlekele elibona ukuba iyalisongelayo, iqela kwakhona alinasicwangciso. Umzekelo, mhlawumbi uqhwithela olunamandla lusingise edolophini, ke iinkokheli zedolophu kufuneka zenze izicwangciso zokunceda abantu ukuba bahlale bekhuselekile. Nje ukuba isicwangciso silungisiwe, kufuneka senziwe ngokuvula izikolo kunye neecawe apho abantu banokuhlala khona de kuphele isaqhwithi okanye ngokwenza izibhengezo zikanomathotholo ezixelela abantu ukuba baphume kuloo ndawo iintsuku ezimbalwa.

Ezinye izicwangciso zinokuba lula kakhulu. Thatha, umzekelo, xa amajoni otshaba ehlasela inqaba (isakhiwo esikhulu esineendonga ezomeleleyo zokukhusela abantu kunye namajoni). Inqaba kufuneka ikhuselwe, okubandakanya ukudala nokwenza izicwangciso, nokuba ngumyalelo nje wokuba “Tyhilizani umva majoni utshaba olunyuka ngodonga lwasezantsi.”

Umyalelo onjalo sisiphumo esilula nesikhawulezileyo sokujonga nokucwangcisa. Ukukhusela udonga olusemazantsi kwenzeka ngenkqubo ethile yolawulo, nokuba ngamagosa nje awuvayo lo myalelo kwaye atyhalele amadoda awo kudonga lwasezantsi.

Umbutho otyala imali enininzi nayo kufuneka wenze isicwangciso. Izicwangciso sawo kufuneka sisombulule indlela yokuhlawula abantu ababatyala imali. Emva koko kufuneka babone ukuba bazakubaxelela njani abo bantu ukuba bakuhlawulwa nini iimali zabo. Olu hlobo lwesicwangciso luya kuvumela uinkampani ixesha elaneleyo lokwenza imali abayifunayo.

Iinkokeli zoorhulumente zihlala zithembisa abantu ukuba ziya kwenza izinto ezintle. Kodwa xa ezi zinto zingenzeki, iinkokeli azikho, njengoko uninzi lwabantu lukholwa, zizama ukunqanda oko zikuthembisileyo okanye ukuzama ukuxoka ebantwini. Ngokwenyani abanakho ukubeka izithembiso zabo ekusebenzeni, hayi ngenxa yokuba ezi zithembiso zinkulu kakhulu, kodwa ngenxa yokuba uninzi lweenkokheli zikarhulumente zinokwazi okuthile ngorhulumente kodwa hayi okuninzi ngolawulo. Ke abanalo ulwazi lokulungiselela lokuba banze njani izicwangciso zabo ukuze zibe zezokwenyani.

Kwabanye abantu, kubonakala ngathi ukuba bathe baphupha iphupha elimangazayo loo nto yanele kubo. Ngenxa yokuba beyiphuphile, bacinga ukuba kufanele yenzeke ngoku. Bayakhathazeka xa lonto ingenzeki. Iintlanga zizonke, amashishini namaqela aphilile iminyaka emininzi aneendawo ezininzi ebomini zawo angaziqondiyo ebhidekile kwaye ephazamisekile kuba amaphupha alo asisiseko kulo kunye nezicwangciso zalo khange zide zenzeke.

Nokuba umntu uceba ii goals ezinkulu, ezinje ngemisebenzi emininzi kunye nemali eninzi kwidolophu ahlala kuyo, okanye into encinci, njengokupenda indlu yakhe, izicwangciso azizukufeza into efunekayo ukuba kukho ukusilela kolawulo lokuba wazi-njani.

Nokuba umntu akazi malunga neenkcukacha zobuchwephesha okanye akayazi indlela enokuthi imzisele mali ayifunayo, nokuba angangakwazi ukwenza abantu ukuba balandele imiyalelo yakhe, nokuba izicwangciso zakhe azicacanga kwaye akakwazi ukuzicinga kakuhle ayikho nayinye kwezi engaba sisithintelo phakathi kwezicwangciso zakhe nento ephathekayo.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.