Let us know how it is going

Wamkelekile

Ngoku ubhalise ngempumelelo kwaye sele ukulungele ukuqala inyathelo lakho lokuqala kwinkqubo yokufunda enomdla kunye nezakhono. Le khosi iyakukubonelela ngezixhobo onokuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kokufunda kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.

Wamkelekile kwiKhosi Ukujolisa kunye ii Goals

Umntu ugqiba njani ukwenza izinto? Uwathatha njani amaphupha akhe kunye nezicwangciso kwaye azenze zibeyinyani? Uninzi lwethu lunamacebo ngezinto elifuna ukuzenza okanye libenazo maxa wambi ezonto zihlala ziyinto esiyicingayo kwaphela. Okanye mhlawumbi sineengxaki ebomini okanye izinto esifuna ukuzenza ezibonakala zinzima okanye zingenakho ukufezeka.

Abantu, amashishini kunye namazwe kukonke kuya kwazi ukuba nengxaki yokungakwazi ukucwangcisa nokwenza izinto ziphumelele. Xa sijonga emva kwimbali, ungayifumana imizekelo emininzi yoku. Izakhiwo ezonakalisiweyo zezixeko zakudala zibonisa uninzi lwezicwangciso olungaphumelelanga.

Kwisihloko sokulungiselela, u L. Ron Hubbard ufumanise iindlela ezininzi ezinokuthi abantu kunye namaqela baphumelele ngazo. Uye wafumana nendlela yokujongana nenye yeenzima eziqhelekileyo abantu ababanayo, eyaye ibe kukungakwazi ukwenza i goal kunye nezicwangciso zabo zibe nyani.

Kwesi sahluko, uya kufumana indlela ongayiphumeza ngayo nayiphi na i goal, enkulu okanye encinci. Izicwangciso zinakho ukugqitywa kwaye oku kwenziwa ngokulandela amanyathelo alula. Uya kufunda ukuba ngawaphi la amanyathelo kwaye ungawasebenzisa njani ukufezekisa ii goals zakho, zosapho lwakho, zeqela, kwishishini nokunye okuninzi. Uya kufunda ukuba amaphupha akho anakho ukuba yinyani.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

1.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Isikali sokuLawula

Sonke sinamaphupha kenye nee goal, izinto esifuna ukuzenza okanye sibenazo ebomini. Nokuba ezi goal zinkulu okanye zincinci, singakwazi ukuziphumeza xa sinomtya wokulinganisa kwaye silungelelanise izicwangciso nezenzo zethu.

I goal ayifezekiswa nje kukuba umntu egqibe ekutheni iza kwenzeka. Umzekelo, umntu obukele umdlalo webhola yomnyazi unokucinga ukuba kuya kuba mnandi ukuba ngumdlali webhola yomnyazi, kodwa oku akuyi kwenzeka ngokwakho. Ukufikelela nakweyiphi na i goal, umntu kufuneka athabathe amanyathelo athile, njengokuziqeqesha kwisakhono esinye esifunekayo rhoqo amahlandla amaninzi okanye usebenzele ukungena kwiqela lesikolo ze emva koko uye kuziqeqeshela ibhola yomnyazi imihla yonke. Ezi kunye nezinye iintshukumo ezifanayo ziya kwenza iinguqu ezifunekayo nophuhliso ukuze ufikelele kwi goal.

Unokuba usebenzela ekufikeleleni kwi goal kodwa ufumanise ukuba izenzo ozenzayo azikuncedi ukuba usondele kuyo. Inokuba kungenxa yezicwangciso nezenzo ezingenamtya wokulinganiswa ekufikeleleni kwi goal. Umzekelo, umntu ofuna ukuba ngumdlali webhola yomnyazi onobunzima bokuphucula umdlalo wakhe. Uchitha ixesha elininzi edlala ibhola yomnyazi kunye nabahlobo bakhe emveni kwesikolo kuba kumnandi, kodwa akukho ngqeqesho yaneleyo yesakhono ngasinye esahlukileyo ayifumanayo. Ke loo midlalo yasemva kwesikolo ayinamtya wokulinganiswa ukufikelela kwi goal leyo.

Izihloko ezininzi kufuneka zilungelelaniselwe ukufikelela kwi goal. e Scientology, zonke ezi zilungiswe ngokwesikali. Ngayo nayiphi na i goal onayo, uthabatha izinto ezikwesi sikali uzame ukufumanisa ukuba zizaba ziintoni ukuze zilingane naloo goal uyifunayo. Emva koko uziphonononge uphinde uzenze zonke ezizinto ide enye ibe semgceni nezi zishiyekileyo kunye ne goal leyo.

Xa usebenzisa esisikali nazo zonke ezizinto ezikumtya wokulinganisa ziya kuvelisa ukufezekisa kwe goal yakho.

ii Goals

I goal yinto umntu afuna ukuyenza okanye abenayo, ngoko imikhomba-ndlela yakhe uyalathisa ekuyifezekiseni. I goal kwixesha elininzi igqumathela ixesha elide.

Iinjongo

Injongo yi goal encinci ngokubaluleka okanye indawo esiyigubungele. Injongo isisebenza kwimisebenzi ethile ngaphakathi kwe goal ngokubanzi.

Umzekelo, ukuba une goal yokuba ngumdlali webhola yomnyazi oqeqeshiweyo, injongo inokuba kukufumana udumo kunye neimali eninzi.

Umgaqo-nkqubo

Umgaqo-nkqubo wenziwe ngemigaqo okanye izikhokelo umntu athatha ngazo isigqibo. Imigaqo-nkqubo mide kwaye ayinakulindelwa ukuba itshintshe.

Izicwangciso

Isicwangciso yindlela yokufezekisa into ethile. Iqukethe izenzo ezisisiseko ekufuneka zenziwe ukuphucula into ethile okanye ukusombulula ingxaki. Isicwangciso njengesiqhelo sisekwe kwizixhobo ezikhoyo (imali, abasebenzi, izixhobo, iindawo zokusebenzela, izibonelelo, njl.) kwaye sibandakanya nezimvo ezihlakaniphileyo malunga neendlela zokuba sityenziswa njani.

Uhlelo

Uhlelo luthotho lwamanyathelo ngokulandelelana kwawo ukwenza isicwangciso.

Iiprojekthi

Iprojekthi luthotho lwamanyathelo ngokulandelelana kwawo ukwenza inyathelo elinye lohlelo.

Imiyalelo

Umyalelo sisikhokelo komnye umntu sokuba enze inyathelo lohlelo okanye leprojekthi.

Indawo Elungileyo

Indawo elungileyo icacisa imo okanye indawo ukuba ifanele kukubanjani. Iyinto engafezekiswa. Nawuphi na umsebenzi unendawo yawo ekhoyo, okuyindlela into engayo kwangoku. Xa uthelekisa indawo elungileyo kunye nendawo ekhoyo, uyakwazi ukubona ukuba yintoni efuna ukutshintshwa ukwenzela ukusondeza indawo kufutshane kwindawo efanelekileyo.

Amanani

Amanani ngamanani okanye isixa xa kuthelekiswa inani elangaphambili okanye isixa sezinto ezifanayo. Amanani ommlinganiso wemveliso obonakalisa ukuba kufezekisiwe kangakanani.

Iimveliso Yokugqibela Enexabiso

Imveliso yokugqibela exabisekileyo yinto enokutshintshiselwana ngayo ngemisebenzi ethi yenziwe. Utshintshiselwano luthetha ukunikezela into exabisekileyo ngembuyekezo yento ebalulekileyo. Imveliso yokugqibela exabisekileyo inakho ukutshintshiselwa ngenkxaso, njengokutya, impahla, imali okanye ubambiswano.

Ukufikelela empumelelweni, zonke izinto kwesi sikali kufuneka zingqinelane nazo zonke ezinye izinto ezikwisikali kwisihloko leso.

Umzekelo, ukuba umntu ube ne goal yokuphucula iimeko kwindawo ahlala kuyo, usenokuba necebo lokutshintsha indawo engenanto (isiqwenga somhlaba esingasetyenziswanga) sibe yipaki apho abantu basekuhlaleni banokonwabela imisebenzi eyahlukeneyo yezemidlalo.

Uhlelo oluhambelana noku linokubandakanya amanyathelo okufumanisa ukuba imvume evela esixekweni ingafumaneka njani ngokusebenzisa isiqwenga somhlaba esingasasetyenziswa. Amanye amanyathelo angaba kukuthetha namaqela eecawe okanye iiklabhu zoluntu malunga nokwenza ipaki yaye neendlela abanokuthi bazibandakanye ngazo ekuncediseni. Kwaye amanyathelo okuqhubeka olu hlelo phambili isenokubandakanya ukufumana izixhobo zokudlala zemidlalo zepaki.

Amanani eziza kunyusa imveliso yoku kungaba linani lamaqela athe kwaqhagamshelwana nawo kunye nenani lamaqela athe avuma ukuncedisa ekwakheni ipaki.

Imveliso yokugqibela exabisekileyo iya kuba yipaki evulelekileyo nenokusetyenziswa, nenomtsalane kuluntu luphela abanye bafune ukuzihlalela kuyo abanye bahamba-hambe okanye benze imidlalo eyohlukileyo. Le paki isenokuba yinto enokuthi kutshintshiselwane ngayo nabahlali bale ndawo. Kwaye ubuhlobo, ubumelwane obukhuselekileyo ngowona mvuzo wotshintshiselwano wokuba nepaki kulo ndawo.

Xa ngaba into kwisikali ayibekwanga ngokuhlelwa kokuqondiswa nezinye izinto, iprojekhthi iyakublokwa okanye isilele. Kumzekelo ongentla, amanani zeemoto ezihamba ezitalatweni ezijikeleze ipaki zinokuba yingozi ukuba iziphumo ziba kukugcwala kwezithuthi apho abantu behamba khona kwaye nabantwana bedlala.

Isakhono ekuthi ngaso, zonke ezi zinto nakowuphi na umsebenzi zihlelwe ngokuqondiswa kwaye zenziwe sibizwa “ukuphatha.” Kwaye nawuphina na umsebenzi unokuphuculwa ngokuhlela kokuqondisa izinto kwesi sikali ukwezela ukuba zisebenze kunye ukufezekisa i goal.

Esi sikali kunye neencukacha zaso nesakhono sokubanakho ukuzibeka emgceni zezinye zezixhobo ezixabisekile zokulungiselela.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.