Let us know how it is going
8.‎1 FUNDA ELI NQAKU

uBukhulu (imiGaqo) boHlelo

Uhlelo lubalulekile kakhulu kwaye kukho ulwazi oluninzi malunga nalo. Elinye lamanqaku abalulekileyo kukuba naluphi na uhlelo lunamalungu aliqela. La malungu kufuneka adityaniswe ngendlela enocwangco kungenjalo uhlelo aluyikuphumelela. Le yeminye yemigaqo malunga neenhlelo.

Nantsi eminye imithetho ebalulekileyo ekufuneka uyazi malunga neenhlelo:

Ubuninzi Bokuqala: Nawuphi na umbono (ingcebiso okanye icebo) ungcono kuno kungabi nambono kwaphela, nokuba awenziwanga kakuhle (wangenzwa kwaphela).

Ubuninzi beSibini: Ukuze ikhuphe imveliso, uhlelo kufuneka lwenziwe.

Ubuninzi besiThathu: Uhlelo luthe lwenziwa ukuba isebenze kufuneka isetyenzwe kwaye luhoywe.

Ubuninzi beSine: Ukuba akunalo ixesha lokusebenza kuhlelo, ungaqalisi ukulenza emva koko ulityeshele. Endaweni yoko, sebenza ngakumbi kolunye uhlelo osele uqalile ukusebenza kulo.

Ububanzi beSihlanu: Naluphi na uhlelo lufuna imali. Ke ngaphambi kokuba uqale uhlelo, yiba nemali okanye yazi okokuba uza kuyifumana njani—okanye qiniseka ukuba inkqubo leyo izakuzisa imvelisomali.

Ubunbanzi beSithandathu: Uhlelo kufuneka lujongwe ngomnye umntu kungenjalo aluzi kuhoywa kwaye alunakuze lugqitywe.

Ubuninzi beSixhenxe: Elona hlelo lulungileyo lolu luyakuthi lufinyelele kubantu ngokubanzi, kwiintsapho, kumaqela ohlukeneyo, njl., kwaye luya kwenza okuhle kakhulu kuluntu ngobubanzi, neentspho, namaqela, njl.

Ubuninzi besiBhozo: Iinhlelo kufuneka zizixhase zona ngemali kwaye akufuneki ukuba zimana zizama ukufumana imali kwezinye imithombo.

Ubuninzi beThoba: Iinhelo kufuneka zisoloko zidala umdla omkhulu. Njengokuba abantu abaninzi besiya beba nomdla kuhlelo, uninzi luyaye lufune ukufaka inxaso kulo. Oku kuthetha ukuba uhlelo luya kuqhubeka lukhula kwaye likhula ngakumbi.

Ubunizi beShumi: Inkqubo ayilunganga ukuba ithatha inxaxheba kwezinye iinhlelo ezisele zibonelela ngempumelelo okanye ukuba ziphazamisa abantu abasebenza kwezinye izinhlelo.

Ubunizi beShumi elinanye: Sukuchitha imali engaphezulu kohlelo engazi kubonakalisa imbuyekezo kwangoko ngexesha elifutshane.

Ubuninzi beShumi elinambini: Sukuqala uhlelo olutsha oluzakubloka olunye uhlelo esele liqaliwe ukwenziwa okanye sukuthatha kwa imali yengeniso yayo.

Iinhlelo kufuneka zisetyenzwe. Abantu abenza olu hlelo abakwazi ukuvumela olu hlelo ukuba luyekwe. Abo balawula uhlelo kufuneka babenakho ukubona ukubangaba le nkqubo yenza loonto imele ukuba iyenze kwaye iqhuba kakuhle. Kuya kufuneka ukuba babenakho ukubona xa ngaba uhlelo aluqhubi kakuhle ze emva koko bakwazi ukubona ukuba mabayeke ukuyenza.

Iinhlelo zinokutsala kakhulu kwaye zithathe ixesha elide ukuba iintlobo ezahlukeneyo zoko ekujoliswe kuko azityenziswa okanye azigqitywa kwaphela. Bayasilela kuba iintloko ezahlukeneyo zoko ekujoliswe kuko akwenziwa okanye akugcinwanga.

Ungayenza phantse yonke into ofuna ukuyenza ukuba iintlobo zoko ekujoliswe kuko kuyaqondwa kwaye kufunyaniswe ukuba kuyinyani kwaye ziyenzeka. Oko kujoliswe kuko kufuneka kuqhubeke kwaye kungalahlwa de kugqityiwe nganye nganye.

Ngokuqhubeka usebenza kwinhlelo, ungazivumeli ukuba ziyekwe okanye zilityalwe, uya kuba nakho ukuba zenziwe. Kwaye ngale ndlela unokukwazi ukufezekisa i goal nokuba wenzela wena okanye iqela lakho liphela.

Le yindlela yokwenza ucwangciso lube yinto eyiyo kwaye ufezekise i goal. Kuyinyani kumntu ngamnye njengoko kunjalo kwiqela elikhulu. Bonke abantu banokuzuza ngokwazi ezi nyaniso kunye nokuzisebenzisa.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.