Let us know how it is going

UKUJOLISA KUNYE II GOALS

AMAGQABANTSHINTSHI NGEKHOSI

Wamkelekile kwiKhosi Ukujolisa kunye ii Goals

Umntu ugqiba njani ukwenza izinto? Uwathatha njani amaphupha akhe kunye nezicwangciso kwaye azenze zibeyinyani? Uninzi lwethu lunamacebo ngezinto elifuna ukuzenza okanye libenazo maxa wambi ezonto zihlala ziyinto esiyicingayo kwaphela. Okanye mhlawumbi sineengxaki ebomini okanye izinto esifuna ukuzenza ezibonakala zinzima okanye zingenakho ukufezeka.

Abantu, amashishini kunye namazwe kukonke kuya kwazi ukuba nengxaki yokungakwazi ukucwangcisa nokwenza izinto ziphumelele. Xa sijonga emva kwimbali, ungayifumana imizekelo emininzi yoku. Izakhiwo ezonakalisiweyo zezixeko zakudala zibonisa uninzi lwezicwangciso olungaphumelelanga.

Kwisihloko sokulungiselela, u L. Ron Hubbard ufumanise iindlela ezininzi ezinokuthi abantu kunye namaqela baphumelele ngazo. Uye wafumana nendlela yokujongana nenye yeenzima eziqhelekileyo abantu ababanayo, eyaye ibe kukungakwazi ukwenza i goal kunye nezicwangciso zabo zibe nyani.

Kwesi sahluko, uya kufumana indlela ongayiphumeza ngayo nayiphi na i goal, enkulu okanye encinci. Izicwangciso zinakho ukugqitywa kwaye oku kwenziwa ngokulandela amanyathelo alula. Uya kufunda ukuba ngawaphi la amanyathelo kwaye ungawasebenzisa njani ukufezekisa ii goals zakho, zosapho lwakho, zeqela, kwishishini nokunye okuninzi. Uya kufunda ukuba amaphupha akho anakho ukuba yinyani.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Kule khosi uya kufunda:

  • Kutheni abantu ngamanye amaxesha besebenza nzima ukufikelela kwinjongo kodwa bangenzi inkqubela-phambili ekuyifezekiseni.
  • Yintoni ekufuneka uyenzile, inyathelo nenyathelo, ukwenza ukuba izicwangciso zakho zibe yinyani.
  • Izixhobo ezichanekileyo ofuna ukuseta kunye nokufezekisa iinjongo zakho kuwo nawuphi na umsebenzi.

Wamkelekile

Ngoku ubhalise ngempumelelo kwaye sele ukulungele ukuqala inyathelo lakho lokuqala kwinkqubo yokufunda enomdla kunye nezakhono. Le khosi iyakukubonelela ngezixhobo onokuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kokufunda kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.