Let us know how it is going

UNXIBELELWANO

AMAGQABANTSHINTSHI NGEKHOSI

Wamkelekile kwiKhosi Unxibelelwano kwi-Intanethi

Unxibelelwano yenye yezona zinto zibalulekileyo ebomini.

Ukuqonda nabani na okanye ukufumana ukwazi malunga nantoni na ekungqongileyo, kufuneka ukwazi ukunxibelelana.

Unxibelelwano yenye yezinto ezenziwa ngumntu wonke ebomini. Yenye yendima ezibalulekileyo zokuqonda. Kwaye ukuba ufuna ukuphucula ukuqonda kwakho, uphumelele ngakumbi, ube ngumntu owonwabileyo kwaye wenze nabanye abakufutshane nawe bonwabe ngakumbi, kufuneka unxibelelane kakuhle.

Kanye njengokuba unako ukuphucula ukuqonda kwakho ngokunxibelelana, ungaphucula unxibelelwano lwakho ngokuqonda ukuba luyintoni unxibelelwano kunye nendlela ongaphucula ngayo ubuchule bokunxibelelana nabanye.

U L. Ron Hubbard uye waphonononga nzulu umbandela wonxibelelwano waza wafumanisa izinto ezibalulekileyo athe wazibhala kwiimfundiso zakhe, ezincwadini nakwimibhalo yakhe. Uvelise iindlela ezinempumelelo kakhulu zokunceda abantu baqonde iindawo zonxibelelwano kwaye bafunde indlela yokuphucula ubuchule babo bokunxibelelana nabanye. Ukufumanisa kwakhe ngalomxholo wonxibelelwano—usetyenziswa yonke imihla zizigidi kwihlabathi liphela ngempumelelo enkulu.

Kwesi sahluko, uza kufunda ukuba luyintoni unxibelelwano olulungileyo kwaye nendlela yokuqaphela unxibelelwano olubi. Uya kufunda ukuba zithini iinxalenye zonxibelelwano kunye nendlela yokuzisebenzisa ekunxibelelaneni nabanye.

Ukuqonda iindawo zonxibelelwano kunye nokufunda ukuzisebenzisa kuya kukunika izixhobo ezibalulekileyo onokuzisebenzisa naphakade.

Njengoko u L. Ron Hubbard wayekhe wabhala, umntu uphila njengokuba anokunxibelelana.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Kule khosi uya kufunda:

  • Unxibelelana njani nomnye ukuze bamamele kwaye baqonde into oyithethayo.
  • Eyona fomyula ifanelekileyo yonxibelelwano oluphumeleleyo kunye nendlela onokubuphucula ngayo ukubanakho bakho ekunxibelelaneni nabani na.
  • Izixhobo onokuzisebenzisa ukulungisa nakuphi na ukusilela konxibelelwano onalo nabanye.

gcui_courses:welcome-thank-you

Ngoku ukulungele ukuqalisa inyathelo lakho lokuqala ngomdla kunye nesakhono sokufunda ngokwenza. Le khosi iya kukubonelela ngezixhobo ezifanelekileyo oza kuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kwesifundo kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.