Let us know how it is going
10.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Uqeqesho 4: Ii Origination

Iingcaciso

Kubalulekile ukuqonda umahluko phakathi i origination kunye nezimvo.

1. I origination yenye into ethethwa ngomnye umntu ngaye, izimvo, iimvakalelo okanye ubunzima. Umzekelo, “Ndiziva ndidiniwe konke ngephanyazo” i origination.

2. Izimvo yinkcaza okanye intetho yomnye umntu ethetha nje ngaye. Umzekelo, “Ihempe yakho intle,” “Iinwele zakho zibonakala zimbi” kwaye “Awuyazi into oyenzayo” zizimvo zonke ezi.

Ii Origination kunye nezimvo zahluke ngokupheleleyo.

Ii Origination zika coach wakho zimalunga naye nendlela enza ngayo.

Izimvo zika coach wakho zizimvo malunga nawe ezingenanto yakwenza nombuzo nokuba wenza njani na. Izimvo yingxelo ethethwa ngu coach wakho ngenjongo yokuzama ukungawuphenduli umbuzo.

Ii Origination ziyaphathwa. Izimvo azikhathalelwa.

I Purpose

Le drill ikufundisa ukuba ukwazi ukuqaphela nokusingatha ngokuchanekileyo ii origination zomnye umntu. Le drill ikwafundisa ukuba uqaphele xa omnye umntu esenza i origination kwaye ungothuki okanye ulahlwe yiyo, kodwa ubambe i origination kakuhle kwaye ubuyele kumbuzo obuziweyo. Le drill iyaqhubeka ukufundisa ukuba uqaphele izimvo ngokwahlukileyo kwi origination kunye nokungahoyi izimvo kwaye ubuyele kumbuzo obuziweyo.

Isikhundla

Wena nomnye umntu nihleli malunga neenyawo ezintathu omnye komnye, nijongene.

Imibuzo

Kule drill, ubuza umntu ongaphesheya kwakho omnye kule mibuzo ilandelayo:

“ngaba iintaka ziyabhabha?”

Okanye

“ngaba iintlanzi ziyadada?”

Khetha ubemnye umbuzo oza kuwusebenzisa kule drill kwaye uwuphindaphinde ukuwusebenzisa. Sukudibanisa le mibuzo mibini.

Imiyalelo

Le drill yenziwa ngolu hlobo lulandelayo:

Wena: Buza u coach wakho, “Ngaba iintaka ziyabhabha?” okanye “Ngaba iintlanzi ziyadada?”

I Coach: Xa umfundi ekubuza umbuzo, yenza oku kulandelayo:

1. Phendula umbuzo.

2. Ngamaxesha athile, musa ukuphendula umbuzo, kodwa endaweni yoko yenza i origination uthathela kuluhlu olubizwa ngokuba yi Origination Sheet (ebekwe ekuphelenii kwale drill).

3. Ngamaxesha athile, ungaphenduli umbuzo, kodwa endaweni yoko yithi gqabagqaba izimvo zakho.

Wena: Ukuba u coach wakho uphendule umbuzo, acknowledge impendulo emva koko
buza umbuzo ofanayo kwakhona.

Ukuba u coach wakho wenze i origination, phatha i origination ngale ndlela ilandelayo:

1. Qonda i origination.

2. Uku acknowledge i origination.

3. Bamba i origination ngelixa ugcina unxibelelwano no coach wakho.

4. Xa i origination isingathwa, buyisela u coach wakho kumbuzo ebuziweyo.

Ukuba u coach wakho uthethile, musa uku acknowledge, kodwa wuphinde umbuzo.

I Patter

Ukusilela komfundi ukuqhubeka kusoloko kumfumanisa u “Yiyi leyo,” nakweyiphi na i TR, ngakumbi kule drill. U coach kufuneka rhoqo afunde kwi Origination Sheet xa esenza ii origination. Inika uluhlu lweengxelo ezahlukeneyo okanye amazwi abhekisa kwindlela u coach aziva ngayo okanye malunga nokukhathazeka kwakhe, njl. Umzekelo:

Umfundi: “Ngaba iintaka ziyabhabha?”

I Coach: “Ewe.”

Umfundi: “Enkosi.”

Umfundi: “Ngaba iintaka ziyabhabha?”

I Coach: “Ndikhumbula ixesha lokugqibela kwam ukuyodada.”

Umfundi: “Enkosi ngokundazisa. Ngaba iintaka ziyabhabha?”

I Coach: “Ewe zenza njalo.”

Umfundi: “Kulungile.”

Isiphelo

I drill yenziwa de kube kwenzeka zonke kwezi zilandelayo:

1. Uyakwazi ukuqaphela ii origination, uyibambe kwaye ubuyele kumbuzo wokuqala.

2. Uyakwazi ukubona izimvo ezahlukileyo kwi originations, ungabahoyi kwaye ubuyele kumbuzo wokuqala.

3. U coach wakho wanelisekile unokwenza njalo.

I Origination Sheet

Le sheet isetyenziswa kuqeqesho lwe drilling 4: Ii Origination.

Ndinentlungu esiswini sam.

Igumbi likhangeleka likhulu.

Ndivele ndangcangcazela emlenzeni.

Ingathi ndiyatshona.

Imibala egumbini iyakhanya.

Ndiva kamnandi.

Ndiqondile nje ukuba ndinentloko ebuhlungu kangangeminyaka.

Bubudenge obu.

Ndiziva ndibhidekile.

Ndinehlaba elibuhlungu emqolo.

Ndiziva ndilula ngandlela ithile.

Andikwazi ukukuxelela.

Ndiva kabuhlungu—ngokungathi ndilahlekelwe yinto okanye into.

Wow—bendingayazi loo nto ngaphambili.

Igumbi likhangeleka liba mnyama.

Yitsho, oku kuyasebenza ngokwenene.

Ndiziva ndingonwabanga kakhkulu.

Olu donga lubonakala lusondela kum.

Ndiva ngathi kukho into endibethe esifubeni.

Ndiziva ndifudumele kuyo yonke indawo.

Intloko yam ivaka ngokungathi inebhanti eliqinileyo eliyijikelezileyo.

Kubonakala ngathi ndiyalubona udonga olusemva komzimba wam.

Kubonakala ngathi ndimde njengesi sakhiwo.

Esi situlo sihlalisa kamnandi kakhulu, ndingalala.

Ndihlala ndicinga ngela polisa livuthele umlozi kum ngale ntsasa.

Izinto ngequbuliso zikhangeleka zikhanya ngakumbi.

Asikagqibi ngale nto okwangoku?

Ndiziva ngathi ndiyabhabha.

Kubonakala ngathi udonga lundivalela ngaphakathi.

Olo donga lukhangeleka lubhitye ngokwenene.

Wowu!!! W-o-wu!!!!!!!

Ouch! Owu, ouch!

Ubuso bam buyangongoza.

Ndiyozela.

Ndilambile. Masiye kwisidlo sasemini.

Ndikhumbula ixesha endawa pnantsi ngalo ndaza ndazilimaza.

Ngokukhawuleza ndidiniwe.

Yonke into iyafiphala.

Ingaba eli gumbi liyanyikima?

Ndivele ndaqonda indlela ebendiphosise ngayo ubomi bam bonke.

Ndiva ngathi kukho intambo yesigcawu ebusweni bam.

Idolo lam lasekhohlo libuhlungu.

Ndiziva ndilula kakhulu!

Akunge kuya kubashushu apha?

Ndikhumbule nje ixesha lokuqala ndisiya kudada.

Umqolo wam ubebuhlungu ngoluhlobo iminyaka.

Bamba isandla sam.

Ndiziva ndililolo.

Ndiziva ngathi andikwazi ukuthetha.

Umzimba wam uqalisa ukungcangcazela wonke.

Iimbambo zam zibuhlungu.

Ndiva ngathi lelaxesha ndandinyathelwe yimoto.

Yonke into ibonakala ngathi iya iba mnyama.

Hayi—hayi, hayi, hayi, hayi!!!!!!

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.