Let us know how it is going

gcui_courses:welcome-thank-you

Ngoku ukulungele ukuqalisa inyathelo lakho lokuqala ngomdla kunye nesakhono sokufunda ngokwenza. Le khosi iya kukubonelela ngezixhobo ezifanelekileyo oza kuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kwesifundo kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.

Wamkelekile kwiKhosi Unxibelelwano kwi-Intanethi

Unxibelelwano yenye yezona zinto zibalulekileyo ebomini.

Ukuqonda nabani na okanye ukufumana ukwazi malunga nantoni na ekungqongileyo, kufuneka ukwazi ukunxibelelana.

Unxibelelwano yenye yezinto ezenziwa ngumntu wonke ebomini. Yenye yendima ezibalulekileyo zokuqonda. Kwaye ukuba ufuna ukuphucula ukuqonda kwakho, uphumelele ngakumbi, ube ngumntu owonwabileyo kwaye wenze nabanye abakufutshane nawe bonwabe ngakumbi, kufuneka unxibelelane kakuhle.

Kanye njengokuba unako ukuphucula ukuqonda kwakho ngokunxibelelana, ungaphucula unxibelelwano lwakho ngokuqonda ukuba luyintoni unxibelelwano kunye nendlela ongaphucula ngayo ubuchule bokunxibelelana nabanye.

U L. Ron Hubbard uye waphonononga nzulu umbandela wonxibelelwano waza wafumanisa izinto ezibalulekileyo athe wazibhala kwiimfundiso zakhe, ezincwadini nakwimibhalo yakhe. Uvelise iindlela ezinempumelelo kakhulu zokunceda abantu baqonde iindawo zonxibelelwano kwaye bafunde indlela yokuphucula ubuchule babo bokunxibelelana nabanye. Ukufumanisa kwakhe ngalomxholo wonxibelelwano—usetyenziswa yonke imihla zizigidi kwihlabathi liphela ngempumelelo enkulu.

Kwesi sahluko, uza kufunda ukuba luyintoni unxibelelwano olulungileyo kwaye nendlela yokuqaphela unxibelelwano olubi. Uya kufunda ukuba zithini iinxalenye zonxibelelwano kunye nendlela yokuzisebenzisa ekunxibelelaneni nabanye.

Ukuqonda iindawo zonxibelelwano kunye nokufunda ukuzisebenzisa kuya kukunika izixhobo ezibalulekileyo onokuzisebenzisa naphakade.

Njengoko u L. Ron Hubbard wayekhe wabhala, umntu uphila njengokuba anokunxibelelana.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

1.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Luyintoni Unxibelelwano?

Uthetha njani nomntu othile ukuze omnye umntu amamele kwaye aqonde? Ummamela njani omnye umntu ukuze azi ukuba unomdla kwaye uyayilandela into ayithethayo? Kwaye, xa uthetha into, wazi njani ukuba uviwe kwaye waqondwa?

Zonke ezi zinto ngamanqaku ngonxibelelwano olungakhange ngaphambili lujongwe ngononophelo kwaye luchazwe.

Abantu bayayazi ukuba unxibelelwano luyinto ebalulekileyo yobomi, kodwa kude kube ngoku akukho mntu ude wakwazi ngempumelelo ukuxelela nabani na ukuba injani indlela yokunxibelelana.

Phambi kwe Scientology, umxholo wonxibelelwano wawunganikwanga ukubaluleka kwawo ngokuchanekileyo okanye ubekwe kwikhosi enokufundwa ukufumana iziphumo ezizeleyo—ukubanako ukunxibelelana kakuhle. Iincwadi ezininzi kunye namanqaku awayebhaliwe malunga nonxibelelwano awawujonganga umxholo njengento ebalulekileyo okanye eyimfuneko ebomini okanye ubonise indlela ekunokusetyenziswa ngayo kubudlelwane nabanye. Bathetha ngonxibelelwano ngokungathi yinto eyenziwa ngumatshini. Kodwa bonke ubomi buxhomekeke kukwazi kunye nokuqonda iziseko, ezona zibalulekileyo kunye nezinto zokuqala zonxibelelwano.

Ukuze ukwazi ukunxibelelana ngokwenene naye nabani na kwaye wenze kakuhle kakhulu, kufuneka uqonde umxholo ngokupheleleyo.

Kwi Scientology, intsingiselo ngqo yonxibelelwano yenziwe, yavavanywa kwaye yangqinwa ngaphezulu kwesiqingatha senkulungwane. Kukhokelele ekuqondeni okunzulu ngakumbi kobomi ngokwabo.

Kukho indlela elula kakhulu yokutsho ukuba unxibelelwano luthetha ntoni na: unxibelelwano lutshintsho (okanye intshukumo) yesuntswana ukusuka kwenye inxenye yesithuba ukuya kwenye inxenye yesithuba. Isuntswana yilento edluliswayo kunxibelelwano. Ingaba yinto, umyalezo obhaliweyo, ilizwi elithethiweyo okanye umbono.

Umzekelo, ukuba uthathe ibaseball kwaye wayiphonsa komnye umntu ukuze ayibambe, loo nto iya kuba lunxibelelwano oluvela kuwe ukuya komnye umntu. Ukuba uthe “molo” komnye umntu, loo nto iyakuba lunxibelelwano, ilandela ngqo le ntsingiselo ingentla. Ukuba umntu ukuthumelele i-imeyile, oko kuya kuba lunxibelelano.

Ukuthatha le nkcazo ilula malunga nonxibelelwano inyathelo elinye ukuya phambili, kukho ifomyula ethe ngqo (indlela ethile okanye inkqubo yokwenza okanye ukuphumelela kwinto ethile) yonxibelelwano eyayenziwa ngononophelo kwaye ibhalwa ngu L. Ron Hubbard. Kubaluleke kakhulu ukuba uyazi kwaye uyiqonde Ifomyula yoNxibelelwano ukuze uyisebenzise ngempumelelo.

Ukwenza njalo, qala ujonge intsingiselo yamagama alandelayo ukuze ufumane ukuqonda okucacileyo nokuba asetyenziswa njani kwifomyula enikezwe ngezantsi.

Unobangela yindawo apho into ethile yenzeka okanye iqala khona. Ukuba uthetha into komnye umntu, ungunobangela.

Umgama sisithuba esikhoyo phakathi kwendawo ezimbini. Umzekelo, umgama phakathi kwabantu ababini unokuba ziinyawo ezimbalwa. Umgama phakathi kweedolophu ezimbini unokuba ngamakhulu eemayile.

Isiphumo yindawo efumana into. Ukuba uthetha into komnye umntu, nguwe unobangela kwaye omnye umntu uba sisiphumo. Ukuba omnye umntu lowo uthetha into kuwe, uba ngunobangela ukuze wena ubeyindawo yesiphumo.

Injongo luluvo lokuba uza kwenza into. Umzekelo, ukuba unenjongo eqinileyo yokuba ngumzobi, yiyo loo nto ekhokelela ekubeni ube nguye. Kulo naluphi na unxibelelwano, kufuneka ube nenjongo yokuthumela umyalezo komnye umntu ukuze kwenzeke.

Ingqalelo kukwazi into ethile, uyijonge okanye uyiqaphele. Ukuba ubiza umntu ngegama lakhe, kuxa ufuna ingqalelo yakhe. Ukunxibelelana nomnye ngempumelelo, kufuneka ufumane ingqalelo yakhe.

Uphinda-phindo sisenzo sokuphinda okanye ukwenza ikopi yento ethile. Ukuba uthetha nomntu kwaye umxelele ngekati yena afumane umbono wokuba uthetha ngenja, ayilophinda-phindo olo. Ukuba uyakuqonda ukuba uthetha ngekati kwaye ufumana olo luvo, uphinda-phindo lwalonto uyithethayo. Kulo naluphi na unxibelelwano, kubalulekile ukuba omnye umntu afumane uphinda-phindo lwalento uyithethayo.

Ukuqonda kungamandla okanye ukubanako ukuqonda, okuthetha ukuba nombono ocacileyo nolulungileyo okanye ulwazi olupheleleyo noluthe ngqo lokub ainto leyo ithetha ntoni. Kufuneka ukuba ukuqonde okuthethayo nanini xa unxibelelana.

Ifomyula yoNxibelelwano ngunobangela, umgama, isiphumo, ngenjongo, ingqalelo, uphinda-phindo ngokuqonda.

Yile nto kanye ekufuneka yenzeke kulo naluphi na unxibelelwano ukuze lube yimpumelelo.

Masithathe umzekelo wale fomyula kwincoko nje phakathi kwabantu ababini. Umntu ujonga usuku oluhle kwaye ugqiba kwelokuba axelele umfazi wakhe, u-Mabel, ukuba ucinga ukuba lusuku oluhle.

Uqala unxibelelwano (uba ngunobangela) kwaye athethe ngokuvakala ngokwaneleyo ukuba umyalezo uhambe usuka emlonyeni wakhe uye ezindlebeni zika-Mabel, ohleli ecaleni kwakhe (umgama).

Ufuna ngokwenene ukwazisa u-Mabel ukuba ucinga ukuba lusuku oluhle (injongo). Uqala unxibelelwano ngokubiza igama lika-Mabel ukuzeafumane ingqalelo yakhe (“Wow, Mabel…”).

Emva koko uchaza imeko ayibonayo, aze enze uphinda-phindo loko akubonayo kunye nendlela aziva ngayo (“Olunjani usuku ukuba oluhle. Jonga nje ukuphuma kwelanga. Kuyinto entle!”).

U-Mabel ufumana unxibelelwano, ujonga ukuphuma kwelanga kwaye ufumana ukuqonda oko kuthethwayo.

Ifomyula yoNxibelelwano ivula umnyango wokuqonda wonke umxholo.

Ngokwaphula unxibelelwano lube ngamalungu athe ngqo elo ngalinye kwaye unokusiqonda ngokucacileyo, unokubona indlela elisebenza ngayo icandcileyo isifundo. Ngokuqonda okwandileyo, unokuphucula naliphi na icandelo lefomyula kwaye uyisebenzise ukuphucula unxibelelwano lwakho nabanye.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.