Let us know how it is going
9.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Uqeqesho 3: Umbuzo Ophindaphindayo

I Purpose

Le drill ikufundisa ukuba ungabuza njani into uyiphindaphinda, kodwa ixesha ngalinye uyibuza ngokutsha, ngokungathi khange ibuzwe ngaphambili kwaye uvele wayicinga ngoku. Obu buchule buluncedo xa umbuzo owubuziweyo ungaphendulwanga kwaye kuya kufuneka ukuba ubuze kwakhona.

Isikhundla

Wena nomnye umntu nihleli malunga neenyawo ezintathu omnye komnye, nijongene.

Imibuzo

Kule drill, ubuza umntu ongaphesheya kuwe umbuzo omnye kule ilandelayo:

“ngaba iintaka ziyabhabha?”

Okanye

“ngaba intlanzi iyadada?”

Le mibuzo isetyenziswa kuba yimibuzo nabani na onokuyiphendula. Khetha omnye wemibuzo oza kuyisebenzisa kule drill kwaye uyisebenzise uphindaphinde. Sukudibanisa le mibuzo mibini.

Imiyalelo

Le drill yenziwa ngolu hlobo lulandelayo:

Wena: Buza u coach wakho, “Ingaba iintaka ziyabhabha?” okanye "Ngaba iintlanzi ziyadada?"

U coach: Phendula umbuzo.

Wena: Wakuba u coach wakho ewuphendulile umbuzo, acknowledge impendulo.

Emva koko buza umbuzo ofanayo kwakhona, ngokutsha, ngokungathi awuzange ubuzwe ngaphambili kwaye sowukhe wawucinga.

Umfundi ulungiswa ukuba akaphumeleli ukufumana impendulo yombuzo okanye usilele ukuphinda umbuzo ngqo.

I Patter

U coach usebenzisa "ukuqala" kwaye "Yiyo leyo" njengakwi TRs zangaphambili. Nangona kunjalo, u coachi akanyanzelekanga ukuba awuphendule umbuzo womfundi. Endaweni yoko unokwenza ingxelo engawuphenduli ngokwenyani umbuzo ukuze alahle umfundi. Umzekelo:

Umfundi: "Ngaba iintlanzi ziyadada?"

U coach: “Awulambile?”

Umfundi: "Ewe."

U coach: “Yiyo leyo.”

U coach akazange awuphendule umbuzo. Xa umbuzo ungaphendulwa, umfundi kufuneka awuphendule umbuzo ade afumane impendulo.

Umzekelo:

Umfundi: "Ngaba iintlanzi ziyadada?"

U coach: “Awulambile?”

Umfundi: "Ngaba iintlanzi ziyadada?"

U coach: “Ewe.”

Isiphelo

I drill yeenziwa de kwenzeke oku kulandelayo:

1. Ungabuza kakuhle umbuzo omnye, uphindaphinde, ngokungathi awuzange ubuze ngaphambili.

2. Uyakwazi uku acknowledge impendulo u coach wakho ngalo lonke ixesha.

3. U coach wakho wanelisekile ukuba unokwenza njalo.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.