Let us know how it is going
4.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Uqeqesho lwe Drills zoNxibelelwano

Kuba ngoku ufumanise amacandelo onxibelelwano kunye nefomyula yawo, ulusebenzisa njani olu lwazi? Uyisebenzisa njani into oyifundileyo kwiFomyula yoNxibelelwano? Ungakufunda njani ukusebenzisa imithetho yokunxibelelana ngokulula nangokwemvelo kude kuphantse kubonakala kuyinxalenye yakho? Ngapha koko, uphumelela njani kunxibelelwano?

Kwi Scientology, kukho ii drill ezenzelwe ukuba wonke umntu aphucule ubuchule bakhe bonxibelelwano. I drill yindlela yokufunda okanye yoqeqesho apho wenza into uyiphindaphinde de ube uyayazi kwaye ungayenza kakuhle nangokulula.

Kumxholoo wonxibelelwano, sinee drill ezikhethekileyo eziya kukunceda ukuphucula ukubanako kwakho unxibelelana naye nabani na.

Ii drill zokukeqeqeshela unxibelelwano zikwabizwa ngokuba zi TRs.

Nge drilling yamacandelo onke eFomyula yoNxibelelwano ngee TRs, nawuphina umntu unako ukuwazi kakuhle umjikelo wonxibelelwano kwaye ngaloo ndlela imnceda ukuba akwazi ukuphucula ngakumbi indlela yokunxibelelana nabanye.

Ngokwenza ezi drills, uya kufunda indlela yokwenza unxibelelwano lwakho luqondwe ngabanye kunye nendlela yokuqonda ngokwenyani into abayithethayo kuwe. Ii TR ziya kukunceda ube “ngumphulaphuli olungileyo,” ukukunceda ukuba ukwazi ukukhokela umjikelo wonxibelelwano onaye nomnye umntu kwaye akuqeqeshe indlela yokuqonda nokulungisa ukusilela kwimijikelezo yonxibelelwano yabanye.

Zonke ezi zizakhono zexabiso elikhulu kubomi bemihla ngemihla. Nokuba nawuphi na umsebenzi okanye unaziphi na iinqubo nabanye abantu, ukukwazi ukunxibelelana ngokulula nangokuqiniseka kubalulekile.

FUMANA OMNYE UMNTU OZABUSEBENZA NAYE UKWENZA II DRILL.

Ii TR azinokwenziwa zodwa; kufuneka uzenze ngoncedo lomnye umntu. Fumana omnye umntu oza kusebenza nawe kwaye wenze ii drill kunye naye. Oku kunokuba ngumhlobo okanye umntu omaziyo.

Xa usenza ii drill, kwenziwa kwinto ebizwa ngokuba sisiseko sokujikajika. Ukujika kuthetha ukuba umntu ngamnye uthatha ithuba ukwenza i drill, ngokutshintsha ubuye umva uye phambili ukusuka komnye umntu uye komnye. Isiseko sithetha inkqubo okanye indlela into eyenziweyo. Umzekelo, xa usenza idriving yokuqala nomntu, wenza u drill njengomfundi (lowo ufunda izakhono ezifundiswa ngu drill). Umntu osebenza nawe ubizwa ngokuba ngu coach. Xa unokwazi ukwenza i drill kakuhle nangokulula, uyatshintsha uncede omnye umntu ngelixa esenza i drill. Isenzo sokunceda omnye enze i drill sibizwa ngokuba yi coaching.

Ii drill zinika isikhokelo kwiindima zomfundi kunye no coach. Khumbula, xa uziqhelanise ne drill, ubizwa ngokuba ungumfundi kwaye umntu okuncedayo nge drill ubizwa ngokuba ngu coach. Xa unceda omnye umntu, uba ngu coach yena abe ngu mfundi.

Akwenzi mahluko ukuba uqala kuqala ukuba ngumfundi okanye u coach ngenxa yokuba wena nomnye umntu nitshintshana ngokuba ngu coach kunye nomfundi. Ngokuncedana ngokusebenzisa ii TR kule ndlela yokutshintsha, nobabini niyakwazi ukufunda ukusebenzisa ngokupheleleyo umjikelo wonxibelelwano.

Ngaphambi kokuba uqalise ukwenza ii TR, fumana omnye umntu oza kwenza ii drill kunye nawe kwesi sithuba somfundi kunye no coach.

Kubaluleke kakhulu ukuba wena kunye neqabane lakho nifunde kwaye niqonde zonke ezi drills ngaphambi kokuqala ukuziqhelanisa nazo.

Nganye kwi i TR inenombolo kunye negama, ezinikwe ukwenza kube lula ukwahlulahlula.

IMIYALELO

I drill nganye ichaza indlela oza kuhlala ngayo.

Isakhono sokunxibelelana ngokukodwa osebenzela ukusifumana kwi TR nganye sichazwe phantsi kwe purpose yayo.

I patter ithetha oko kuthethwayo xa usenza i drill.

Xa sele yenziwe ngokupheleleyo nangokuchanekileyo, kwaye kanye njengoko ibhaliwe, ezi drill zikhokelela kunxibelelwano oluyimpumelelo—nakubani na.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.