Let us know how it is going

UKUZIPHATHA KUNYE NEE MEKO

AMAGQABANTSHINTSHI NGEKHOSI

Wamkelekile kwiKhosi Ukuziphatha kunye nee Meko kwi-Intanethi

Akukho namnye emhlabeni ongazifumaniyo ekwi meko embi ebomini. Mhlawumbi ubudlelwane bomntu buhamba kakubi ngequbuliso, unengxaki yokuhlawula amatyala akhe, okanye ishishini lisengxakini.

Iingcebiso eziqhelekileyo namhlanje kukuba “ufunde kwaye ukhule” kumava amabi. Kodwa olo asiloncedo kwaye alukuxeleli into onokuyenza.

Kwaye kunjani xa izinto ziqala ukuhamba kakuhle—ungaqhubeka njani nempumelelo yakho?

L. Ron Hubbard uphande indlela enokusetyenziswa ukufumana phandle imeko yobomi bakho, kwaye wabeka phandle ngqo amanyathelo okuba uyiphucula njani.

Ezi fomyula ziyasebenza kuba zisekwe kwimithetho yendalo.

Ngezisombululo zokwenyani kunye namanyathelo asebenzayo oya kuwafunda kule khosi, uya kuba nezixhobo ezizizo zokuzinceda, kunye nabahlobo bakho, usapho lwakho, amashishini akho kunye noluntu lwakho lonke.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Kule khosi uya kufunda:

  • Imithetho, ukuba ilandelwe ngokuchanekileyo inokukuzisela ikamva eliqaqambileyo, nelonwabisayo.
  • Zithini iinkcukacha-manani kwaye uzisebenzisa njani ukulinganisa impilo yawo nawuphi na umsebenzi kunye nokuqikelela ukuba kuya kwenzeka ntoni kwixesha elizayo.
  • Amanyathelo achanekileyo onokuwasebenzisa ukuphucula ngokukhawuleza nayiphi na imeko yobuqu okanye yobungcali ozifumana ukuyo.

Izifundo

Wamkelekile

Ngoku ubhalise ngempumelelo kwaye sele ukulungele ukuqala inyathelo lakho lokuqala kwinkqubo yokufunda enomdla kunye nezakhono. Le khosi iyakukubonelela ngezixhobo onokuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kokufunda kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.