Let us know how it is going
14.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Ukugcwalisa IiFomyula zeMeko

Iifomyula zeMeko ziyahamba, enye iye kwelandelayo, inyathelo lokuqala kwifomyula enye ngqo elandela inyathelo lokugqibela kwifomyula yangaphambili.

Kodwa wenza ntoni ukuba i graph yakho yenkcukacha manani ibonisa ukuba uyisusile imeko ngaphambi kokuba ufumane nethuba lokugcwalisa ifomyula? Ngaba uyayilahla le fomyula kwaye uqalise elandelayo? Impendulo ngu “Hayi.” Ugcwalisa ifomyula osele uyiqalile.

Umzekelo, masithi kukho umntu owenza iFomyula Yengozi. Kodwa ngaphambi kokuba agqibe ukugcwalisa ifomyula, amanani akhe emsebenzini anyuka. Kuya kuba yingozi kulo mntu ukuba angayigqibi iFomyula Yengozi. Kusafuneka enze amanyathelo okugqibela “Ukuhlengahlengisa ubomi bakhe” kwaye “Enze futhi athethe umgaqo-nkqubo owomeleleyo.”

Ukunyuka kwezibalo zomntu ngaphambi kokugcwalisa ifomyula akuthethi ukuba akanakukwazi ukuya kwimeko ephezulu yenkcukacha manani eboniswayo. Nangona kunjalo, kuya kuba yimpazamo embi ukungagcwalisi amanyathelo angenakususwa kwifomyula yangaphambili.

Ke, njengakumzekelo ongentla, umntu kuya kufuneka agcwalise ifomyula yangaphambili, aze ke azalise ifomyula elandelayo kwaye aqhubeke ngokuseka amanani akhe.

Ukugcwalisa ifomyula kubaluleke kakhulu. Umntu akabizi nje ifomyula. Uyayenza aze ayigqibe.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.