Let us know how it is going

UNGAZISOMBULULA NJANI IIMBAMBANO

AMAGQABANTSHINTSHI NGEKHOSI

Wamkelekile kwiKhosi Ungazisombulula Njani Iimbambano kwi-Intanethi

Ngamanye amaxesha abantu baba nengxaki yokusebenzisana.

Ngesizathu esingaziwayo, abantu ababini ekubonakala ukuba akukho nto bayenzileyo omnye komnye banokufunyanwa bengavani ngequbuliso. Xa uzama ukusombulula ingxaki, akukhathaliseki nokuba wenza ntoni ukubanceda, ungquzulwano aluyi ndawo.

Isibini esitshatileyo kubonakala ngathi siyavana, suka ngaminazana ithile, siqale ukuphikisana sibonane impazamo omnye komnye. Kubonakala ngathi ingxaki ayisombululeki, nokuba kwenziwa ntoni ukuzama ukuyisombulula. Umtshato uyaqhawuka uphele ngoqhawulo mtshato.

Emva koko sifunda ngamazwe amabini athi ngequbuliso aqala umlo ojika ube yimfazwe. Abantu bayabulawa kwaye kukho usizi olukhulu, kodwa akukho mntu ubonakala ngathi uyayiqonda into eqale ingxabano. Ayibonakali ngathi inokusonjululwa.

Kuqhubeka ntoni? Ingaba le yinto eyenzekayo, nokuba senzantoni? Ingaba yinto ebekumele ukuba iyenzeka? Ingaba yinto engenakuze iqondwe okanye isonjululwe? Hayi. Asiyiyo nanye kwezi. Ngokuqinisekileyo yinto enokuqondwa, isonjululwe kwaye isonjululwe ngokupheleleyo.

U L. Ron Hubbard wafumanisa izinto ezininzi ezothusayo malunga neengxabano. Wafumanisa ukuba yintoni kanye kanye ebangela ungquzulwano—phakathi kwabantu, amaqela kunye nezizwe—waza wenza amanyathelo angqalileyo nalula okusombulula ingxabano nganye yazo.

Kule khosi, uzakufunda isizathu sazo zonke iimbambano ufunde nendlela yokusebenzisa izixhobo ukuzisombulula, ukuzisa uxolo nolonwabo ebomini bakho nakubomi babanye.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Kule khosi uya kufunda:

  • Oyena nobangela uyintloko wazo zonke ingxabano zabantu kunye neembambano.
  • Kutheni ezinye iimbambano zinokubonakala zinzima—ukuba akunakwenzeka— ukusombulula ngokupheleleyo.
  • Izixhobo ezichanekileyo ozifunayo ukuse ufumanise ukuba ngubani na oxhokonxa izinto obekade esenza izinto-kwaye kutheni oku kufunyanwa kuvula iingcango zokusombulula nayiphi na imbambano.

Wamkelekile

Ngoku ubhalise ngempumelelo kwaye sele ukulungele ukuqala inyathelo lakho lokuqala kwinkqubo yokufunda enomdla kunye nezakhono. Le khosi iyakukubonelela ngezixhobo onokuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kokufunda kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.