Let us know how it is going

Wamkelekile

Ngoku ubhalise ngempumelelo kwaye sele ukulungele ukuqala inyathelo lakho lokuqala kwinkqubo yokufunda enomdla kunye nezakhono. Le khosi iyakukubonelela ngezixhobo onokuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kokufunda kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.

Wamkelekile kwiKhosi Ungazisombulula Njani Iimbambano kwi-Intanethi

Ngamanye amaxesha abantu baba nengxaki yokusebenzisana.

Ngesizathu esingaziwayo, abantu ababini ekubonakala ukuba akukho nto bayenzileyo omnye komnye banokufunyanwa bengavani ngequbuliso. Xa uzama ukusombulula ingxaki, akukhathaliseki nokuba wenza ntoni ukubanceda, ungquzulwano aluyi ndawo.

Isibini esitshatileyo kubonakala ngathi siyavana, suka ngaminazana ithile, siqale ukuphikisana sibonane impazamo omnye komnye. Kubonakala ngathi ingxaki ayisombululeki, nokuba kwenziwa ntoni ukuzama ukuyisombulula. Umtshato uyaqhawuka uphele ngoqhawulo mtshato.

Emva koko sifunda ngamazwe amabini athi ngequbuliso aqala umlo ojika ube yimfazwe. Abantu bayabulawa kwaye kukho usizi olukhulu, kodwa akukho mntu ubonakala ngathi uyayiqonda into eqale ingxabano. Ayibonakali ngathi inokusonjululwa.

Kuqhubeka ntoni? Ingaba le yinto eyenzekayo, nokuba senzantoni? Ingaba yinto ebekumele ukuba iyenzeka? Ingaba yinto engenakuze iqondwe okanye isonjululwe? Hayi. Asiyiyo nanye kwezi. Ngokuqinisekileyo yinto enokuqondwa, isonjululwe kwaye isonjululwe ngokupheleleyo.

U L. Ron Hubbard wafumanisa izinto ezininzi ezothusayo malunga neengxabano. Wafumanisa ukuba yintoni kanye kanye ebangela ungquzulwano—phakathi kwabantu, amaqela kunye nezizwe—waza wenza amanyathelo angqalileyo nalula okusombulula ingxabano nganye yazo.

Kule khosi, uzakufunda isizathu sazo zonke iimbambano ufunde nendlela yokusebenzisa izixhobo ukuzisombulula, ukuzisa uxolo nolonwabo ebomini bakho nakubomi babanye.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

1.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Isisombululo Kwiimbambano

Izinto ezibangela ubundlobongela nogquzulwano phakathi kwabantu naphakathi kwezizwe zifundwe ixesha elide.

Amazwe amaninzi amakhulu awayefudula ebaluleke kakhulu, njenge Yiphutha kudala anyamalala. Apho ayefudula eququzela khona, kuncinci okwenzekayo namhlanje. Amabhodlo edolophu ezazifudula zizidolophu enkulu abonisa ukuba zazikhona iingxabano ezininzi ngaphambili. Nangona kusetyenziwe kwasetyenziswa nobulumko (ulwazi) kunye neminqweno emihle yabantu, imbali yomntu yakhiwe kwimbambano. Ke ngoko, kumele ukuba kukho into engaziwayo malunga nokuba imbambano yenzeka njani naxa kutheni.

Kufunyaniswe ukuba kukho umthetho ohambisana nazo zonke iimbambano.

Umthetho ubonakala ngathi ngulo:

KUFUNEKA KUKHO I THIRD PARTY ENGAZIWAYO KUYO YONKE INGXABANO UKUZE KUBEKHO UNGQUZULWANO. Ingxabano yingxoxo enomsindo okanye ukulwa kwaye ungquzulwano kukungavisisani okukhulu okanye impikiswano, idla ngokuqhubeka ixesha elide. Iqela ngumntu yona i Third Party ngumntu wesithathu ongenelelayo kwingxabano phakathi kwabantu ababini. Akayonxalenye yongquzulwano phakathi kwaba bantu babini, kodwa ngunobangela wayo.

Okanye

UKUZE KUBEKHO INGXABANO I THIRD PARTY ENGAZIWAYO KUFUNEKA AYIDALE PHAKATHI KWABANTU ABANOKUPHIKISANA.

Okanye

NANGONA KUKHO INKOLELO YOKUBA KUTHATHA ISIBINI UKUDALA UMLO I THIRD PARTY KUFUNEKA IKHO IYIPHEMBELELE UKUZE UNGQUZULWANO LWENZEKE.

Kulula kakhulu ukubona ukuba abantu ababini abangquzulanayo bayalwa. Babonakala kakuhle. Into ekunzima ukuyibona okanye ukucinga ukuba yenzekile kukuba i Third Party ikhona kwaye ingunobangela wengxabano.

I Third Party iyathanda ukubangumntu ekungekho mntu umcingelayo nokufuphi kodwa eyiphikha inxaxheba yakhe kwigxabano. Le Third Party ifihlakeleyo, ngamanye amaxesha obonakala exhasa icala elinye kuphela, kuyakufunyaniswa ukuba nguye oyena nobangela wembambano.

Umthetho we Third Party uluncedo ekusombululeni ungquzulwano kwiinkalo ezininzi zobomi. Ukusombulula kuthetha ukuphelisa ubunzima.

Ngunobangela wemfazwe.

Umntu ubona abantu ababini bekhwaza, bethukana, besilwa, bekwabethana. Akukho namnye umntu ngakubo. Ngokuphandle ngabo abadale umlo, akunjalo? Inyani yeyokuba i Third Party iqale umlo ngaphambi kokuba amadoda abethane.

Ukufumanisa ukuba umlo uqale njani, uyakufumana ulwazi olungumangaliso olungakholelekiyo. Yiyo ingxaki. Xa into ingummangaliso, kulula kakhulu ukungayikholelwa. Enye indlela yokufihla izinto kukwenza ukuba zingakholeleki.

Umzekelo, uMsebenzi A kunye noMsebenzi B, bebexambulisana. Balwe. Batyholane. Akukho nomye kubo owenze into echanekileyo nengxabano ayisombululeki kuba oyena nobangela wayo akaziwa.

Umntu uyijonga imeko enjalo ngokucokisekileyo. Ufumana into ekunzima ukuyikholelwa. Umfazi woMsebenzi A ebelala no Msebenzi B kwaye ekhalaza ngomnye komnye.

Omnye umzekelo ngowo uMlimi J kunye uMfama K, ababesoloko besilwa iminyaka kwimbambano engapheliyo. Kukho izizathu zomlo ezibonakala ngathi ziyavakala. Kodwa uyaqhubeka awusombululeki. Xa uqwalasela ufumana i Third Party, uMntu osebhankini L, othi ngenxa yemali uMlimi J noMfama K abaphulukana nayo ngenxa yomlo, afumane ithuba lokuboleka imali icala ngalinye. Ke ngoko, ugcina umlo uqhubeka. Kwaye uya kufumana imihlaba yabo ngokupheleleyo ukuba bobabini bayoyiswa.

Ungajonga iimpikiswano phakathi kwabantu, ungquzulwano phakathi kwamaqela kunye neemfazwe zesizwe uyakufumana i Third Party ukuba uyacokisa xa ukhangela. Uyakungarhanelwa ngabo bobabini abantu abalwayo okanye, ukuba uyakrokrelwa, kuyakucingwa ukuba ayinakuba nguye. Kanti amaxwebhu ajongwe ngononophelo aphela ayifumanisa iyinyaniso.

Olu lwazi luluncedo kakhulu.

Xa isibini esitshatileyo sinengxabano, indlela echanekileyo yokunceda ekusombululeni oku kukuthi omabini amaqela mawakhangele ngenyameko ade ayifumane i Third Party. Banokunika izizathu ezininzi zempikiswano ekuqaleni. Ezi zizathu ayingobantu. Ufuna i Third Party, umntu wokwenene. Xa bobabini beyifumene i Third Party kwaye bevumelana ukuba ngokwenene nguye, oko kuyakuba kukuphela kwengxabano.

Ngamanye amaxesha amaqela amabini, axabanayo, uyakukhetha umntu ongenguye ngempazamo. Oku kuyayiphelisa ingxabano, kodwa kuba ingeyoThird Party echanekileyo, ungquzulwano alupheli kwaye endaweni yoko, emva kwethutyana, kuvela iingxabano ngakumbi. Le yindlela onokuthi wazi ngayo ukuba ufumene i Third Party echanekileyo.

Izizwe ezibini ezilwayo kufuneka zidibane zifumane i Third Party yokwenene. Bayakusoloko belifumana ukuba bayalikhangela, kwaye banokufumana elona lichanekiileyo, njengoko kuyakufunyaniswa ukuba likho.

Xa abantu ababini befumana i Third Party echanekileyo, abalwi naye. Badla ngokumphepha.

Ukucaphuka emtshatweni kuxhaphakile. Imitshato ingasindiswa ngamacala omabini xa enokufumanisa ukuba ziqalwe ngubani imbambano. Kusenokwenzeka ukuba kukho (kuyo yonke imbali yomtshato) abantu besithathu abamaninzi kodwa ubamnye ngexesha.

Iingxabano phakathi komntu omnye nombutho ziphantse zonke zibangelwa yi Third Party okanye iqela lesithathu. Umbutho nomntu obandakanyekayo kufanele ukuba badibane bafumane i Third Party ngokuthetha nangokubonisana lonke ulwazi abalunikiweyo malunga nomnye.

Oorhulumente nabantu abathatha inxaxheba kuqhankqalazo bangaphinda bavisisane ukuba ungafumana umntu ozakumela icala ngalinye abacele ukuba baxelelane izinto abazixelelweyo nokuba bazixelelwe ngubani.

Iingqungquthela ezinjalo ziphela kutyholwana okanye kugxekwana. kufuneka banamathele ekuthetheni izinto ezithethwe ngabanye abantu, ukuze baphumelele ukufumana i Third Party.

Umthetho we Third Party awuthethi ukuba azikho iimeko ezimbi ezinokudala ungquzulwano. Zikho. Zodwa ezi iznto zisoloko zikwazi ukulungiswa yintlanganiso ngaphandle kokuba kukho i Third Party esebenzela ukugcina ungquzulwano lungapheli.

Kwimbali, ngamanye amaxesha sifumana uluvo olubi lwexesha elidlulileyo xa ibaliswa ngabantu ababini ababekana ityala ibe i Third Party ephembelela le ngxabano yabo engakhange abonwe okanye aqatshelwe. Xa sithetha ngoonobangela bemfazwe noko kwakufihlwe emva kwabo, kufanele ukuba sithi Abantu Besithathu.

Akukho zimbambano zingena kusonjululwa ngaphandle kokuba abantu abaziphembelelayo—abantu besithathu—bahlala befihliwe.

Nguwo lo umthetho wendalo.

Kubalulekile ukuba waziwe.

Wusebenzise kuyo nayiphi na ingxabano okanye indawo ozama ukuzisa uxolo kuyo.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.