Let us know how it is going
3.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Uyifumana Njani i Third Party

I Third Party ngumntu odala ingxaki phakathi kwabantu ababini, umntu neqela, okanye phakathi kwamaqela amabini ngokusasaza iindaba zobuxoki.

Injongo yophando kukufumanisa ukuba ngubani osasaze iingxelo ezingeyonyani ngenjongo yokudala ingxabano phakathi kwabantu okanye amaqela. Ukufumana i Third Party, kufuneka ubuze abo bangquzulwano imibuzo efana:

    1. Wakhe waxelelwa ukuba awuthandwa, awamkelekanga okanye usengxakini?
    2. Kwathiwani?
    3. Kwatsho bani?
    1. Wakhe waxelelwa ukuba umntu othile akalunganga?
    2. Kwathiwani?
    3. Kwatsho bani?
    1. Wakhe waxelelwa ukuba umntu othile wenze into engalunganga?
    2. Kwathiwani?
    3. Kwatsho bani?
    1. Wakhe waxelelwa ukuba liqela alilunganga?
    2. Kwathiwani?
    3. Kwatsho bani?

Kuyakufuneka ubuze kuphela malunga nendawo ozama ukufumana kuyo i Third Party. Umzekelo, kwiphepha lakho lemibuzo, uyakubuza, “Emsebenzini wakho, wakhe waxelelwa ukuba awuthandwa, awamkelekanga okanye usengxakini?” okanye “Emtshatweni wakho, ______?” okanye “Kolu sapho, ______?” njl.

Umbuzo unokuba neempendulo ezininzi, ngoko shiya indawo eninzi ukuze umntu aphendule umbuzo ngamnye.

Uyakufumanisa ukuba igama elinye livela kaninzi ngakumbi kunamanye.

Ngokulandela le nkqubo, uya kufumanisa ukuba ngubani kanye kanye obangele imbambano phakathi kwamalungu osapho, izihlobo, abasebenzi kunye namaqela kwaye ukwazi ukusombulula ezo ngxabano ukuze bahlalisane basebenze ngoxolo.

Akuzange kubekho sisombululo sempikiswano sinjengesi phambi kwe Scientology. Sisisombululo kubunzima obukhulu neengxaki ezininzi ezikhathaze abantu ixesha elide.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.