Let us know how it is going
4.‎1 ISAKHONO SOKWENZA

Umsebenzi Owenziwayo

Isakhono sesiqwenga somsebenzi owunikiwe

Qaphela: Ezi zakhono zokugqibela zisengakhethwa. Akunyanzelekanga ukuba uzenze. Zibandakanyelwe wena apha ukuba uzenze zikuncede kwaye ufumane ulwazi olongezelelweyo kunye nobunakho bokusebenzisa izixhobo zekhosi.

Sebenzisa iphepha lemibuzo elidweliswe kwinqaku elithi “Uyifumana Njani i Third Party” ukusombulula ukungaboni ngasonye phakathi kwabantu ababini ngokwenza oku kulandelayo:

1. Fumana umntu, isibini esitshatileyo okanye iqela elikwimbambano engasombululekiyo.

2. Yenza udliwanondlebe ngokwakho nabantu ababandakanyekayo ufumane iimpendulo zabo kwimibuzo edweliswe kwinqaku elithi “Uyifumana Njani i Third Party.” Thatha amanqaku udwelise onke amagama abakunika wona.

3. Xa ugqibile ukwenza udliwanondlebe uqinisekile ukuba uzifumene zonke iimpendulo kwimibuzo yakho, dibanisa inani lamaxesha igama ngalinye livela ngalo kuludwe olwenzileyo.

4. Xelela bobabini abantu oye wadlan'indlebe nabo igama lomntu elivele awona maxesha maninzi kumanqaku owathathileyo. Xelela umntu okay isibini esitshatileyo okanye iqela ukuba ngubani lo Third Party. Ukuba imbambano isombululekile, iyakuba kukuphela kwayo oko.

5. Ukuba imbambano ayisombululeki kwaye isekhona phakathi kwabantu abachaphazelekayo, phinda la manyathelo angentla ude uyifumane i Third Party echanekileyo imbambano iyakuba isombululekile.

QAPHELA: Phinda-phinda lo msebenzi kaninzi kangangoko ufuna ukuze ukwazi ukhululeka ngokupheleleyo ngemigaqo yenkqubo.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.