Let us know how it is going
2.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Isithako Esilahlekileyo

Kukho isithako esilahlekileyo kuphononongo nasekusetyenzisweni kobudlelwane boluntu ngalo lonke ixesha lombandela ubukho. Oku kushiywa sesinye sezizathu ezibaluleke kakhulu ezenze ukuba ubudlelwane boluntu bungapheleli njengesifundo kwaye, ngenxa yoko, into enokuba yingxaki kuye nakubani na osebenzisa unxibelelwano boluntu.

Ke sesiphi isithako esilahlekileyo? Yinyani.

Inyani kuthetha izinto esiziqondayo (qaphela okanye siziqaphele) ngeemvakalelo zethu, ezinjengokubona, ukuva, ukunukisa nokuchukumisa. Ezi zizinto eziyinyani. Inyinyani sisiseko isivumelwano sento ebonwa ngabantu kunye nolwazi kwizinto ezibambekayo zomhlaba. Linqanaba lesivumelwano ekufikelelwe kuso phakathi kwabantu. Usesivumelwaneni naba bantu abakungqongileyo kwindawo yakho okanye awuvumelani nabo, kwaye njengoko uvuma okanye ungavumelani, ubangela eyakho inyani.

Umzekelo, ukuba wena nomnye umntu benisolwandle kwaye nobabini nithanda iphunga elitsha kunye nesibhakabhaka kwaye nivumelane ukuba kumnandi ukuba lapho, nobabini niyokwabelana ngokwenyani.

Ezo zinto nina kunye nabanye enivumelana ngazo ziyinyani. Ezo zinto eningavumelaniyo ngazo aziyonyani.

Umzekelo, ukuba ubunepurpose yokuba ngumdanisi, kodwa abazali bakho babefuna ukuba ube ngugqirha kwaye babezimisele ukuxhasa loo nto kuphela, oku kunokubangela ukucaphuka. I purpose yakho isenokungabi yeyokwenyani kubo kwaye ke banokungahoyi, benze ngathi khange ibekho kwaye bangakuxhasi ekufezekiseni loo goal. Ukufikelela kwelonqanaba, awuyonyani kubo. Kwaye abazali bakho banokuyeka ukuba ngabokwenyani kuwe.

Kwafunyaniswa kwi Scientology ukuba inyani iqhagamshelene (inxulumene okanye idibene) namanye amalungu amabini (amalungu enza iphelele). Ezi zinto zimbini zongeziweyo lu manyano kwaye nokunxibelelana.

Ngo manyano sithetha “ukuphendula ngokweemvakalelo.” Sithetha “imvakalelo yothando okanye ukusilela kwayo, iimvakalelo ezimnandi okanye imvakalelo engathandekiyo enxulumene nobomi.”

Umanyano buhlobene kakhulu nesithuba. Ngapha koko, umanyano ungachazwa ngokuthi “yingqalelo yomgama,” kuba abantu abakude kakhulu okanye abasondelene kunye baneendlela ezahlukeneyo ababonisa ngazo umanyano komnye nomnye. Cinga ngomntu othanda ukuba kwisithuba esinye naye kunye nothelekiswa nomntu ongafuni ukuba kunye naye okanye ozama ukumphepha. Oku kunxulumene no manyano lwakho naba bantu.

Njengomzekelo, ukuba udibene nomhlobo ofikayo kwisikhululo seenqwelomoya ongakhange umbone ixesha elide, ubuya kumbulisa ngentshiseko kwaye umange. Leyo lumanyano ephakeme kakhulu. Njengomzekelo ochaseneyo, ukuba ubizelwe kwi-ofisi yenqununu esikolweni sakho kwaye waziwa njengomntu ongqongqo nongenabuhlobo, ubuya koyika kwaye ukufumanise kunzima ukuba kwigumbi elifanayo. Lena lumanyano oluphantsi kakhulu.

Unxibelelwano kukutshintshiselana (ukunika kunye nokwamkela into phakathi kwabantu) kwezimvo kwisithuba sonke.

Ezi zinto zintathu—umanyano, inyani kunye nonxibelelwano—zibumba i ARC (ebizwa ngokuba yi A-R-C) Unxantathu we Scientology kunye nezi zinto ziinxalenye zamacandelo okuqonda.

Ukuba ikona enye yale nxantathu (yithi ngu-A) iphakanyisiwe, amanye amabini nawo anokuphakama. Ukuba ikona enye ihlisiwe, ezinye ezimbini ngokunjalo.

Ke, ngo manyano oluphezulu, unenyani ephezulu kunye nonxibelelwano oluphezulu. Ngo manyano oluphantsi unenyani ephantsi kunye nonxibelelwano oluphantsi.

Ngo-R ophezulu okanye ophantsi uno-A no C eziphezulu okanye phantsi.

Umzekelo, xa kwakufuneka uye kwi-ofisi yenqununu. Nangona amarhe okuba kunokwenzeka ukuba wayengqongqo kwaye engenabuhlobo, ungasebenzisa uNxantathu we A-R-C. Ukuba ungajonga kwi-ofisi yenqununu unokuqaphela into enokunika ithuba lokudala inyani. Masithi ubone iindebe ezimbalwa kwi shelufa yakhe kwaye waqaphela ukuba zezokuzithandela ekulweni imililo kunye nenkonzo ebalaseleyo eluntwini. Ngoku bonakalisa nje umdla kwaye umbuze ngala mabhaso, uya kwandisa unxibelelwano. Inqununu inokuthetha malunga neziganeko kwaye unokufumana umdla oqhelekileyo wokugcina amahlathi kwindawo ohlala kuyo. Umanyano phakathi kwenu nobabini luyonyuka nonxibelelwano kwaye nobabini ninokuvumelana (okwenyani) ngesihloko, ke i A-R-C iyanda kwaye oku kuzisa ukuqonda okungcono.

Kwaye kuhamba njalo ke ngo Nxantathu we ARC. Iyenyuka kwaye iphinde yehle njengesiqwenga esinye. Umntu akanakuba no-R ophantsi kunye no-A no-C ophakamileyo.

Ubudlelwane boluntu bufanele ukuba yindlela yokwenza ukuba unxibelelwano lwakho lufikelele kwabanye. Inxibelelana imibono. Masithi ubuzama ukunxibelelana inyani (R) eguqulwe ngandlela thile, oko kuthetha ukuba ayiyonyani. Kwimeko enjalo unxibelelwano luya kuthi lufikelele ekuqaleni, kodwa ke luya kubuyela kuwe ngendlela embi ngenxa yenyani eguqulweyo.

Umzekelo, umthengisi weziyobisi okhuthaza “iingqondo yokwandisa imincili” yesiyobisi esitsha kubafundi esikolweni unokuphulaphulwa kuqala ngabafundi abathile. Nangona kunjalo, kungekudala kuya kuxelelwa amapolisa ambambe.

Ebomini uye wabona imizekelo emininzi yamaziko, amashishini kunye namagcisa anganyanisekanga athe akhuthaza iimveliso zawo ngezithembiso angazimiselanga ukuzigcina. Imiyalezo yabo inokufikelela ekuqaleni, kodwa ngenxa yomonakalo abawubangelayo, baphelela kumonakalo wokwenyani—iimfanelo ezisemthethweni, bevalelwa entolongweni kwaye uluhlu luyaqhubeka. Ukuxoka kuya kuhlala kubangela ubunzima kwabo banganyanisekanga.

Olu qhagamshelo lonke phakathi ko manyano, inyani kunye nonxibelelwano kunye nendlela enye exhomekeke okanye echatshazelwa ngayo zezinye, ngokuqinisekileyo, yinkqubela phambili eyenziwe kwa Scientology. Ayifumanekanga kubantu abathathe inxaxheba ekuqaleni kobudlelwane boluntu. Baye bathetha kwaye basathetha ubuxoki.

Abasebenzi abadala be PR bakufumanise kulula ukuba bathethe nje ubuxoki. Banokuthi into ibingcono okanye inkulu kunokuba injalo, njengokuphakanyiswa kwi sekisi esineeringi ezintathu. Okanye basasaza ubuxoki ngasese okanye bathetha ngokuchasene nomntu ngobuxoki ngenjongo yokutshabalalisa igama labo. Amagcisa amadala e PR azame zonke iintlobo zeendlela ezininzi ukumangalisa okanye ukwenza abantu babe nomdla koko bakuthethayo. Kwaye indlela elula yokwenza oku yayikukutshintsha “iinyani” ukwenza into ibonakale inkulu kwaye ingcono okanye benze into ibembi kakhulu kunokuba yayinjalo.

Umzekelo, “impilo yengqondo” ubudlelwane boluntu ngokubanzi buzenzele “amanani” zamageza, ngaphandle konxibelelwano lwento eyayikho okanye eyenzekileyo ngokwenene. Isiteyitimenti se PR esithi “Abalithoba kwabalishumi elinesihlanu baseNgilani baya ku phambana ngamanye amaxesha ebomini babo” bubuxoki ngokupheleleyo. La manani abubuxoki avela kwii PRs zisetyenziselwa ukuphembelela oorhulumente abenza umthetho ukuba bafumane imali ngokukhawuleza kwiinkqubo zabo “zempilo yengqondo.”

Iindlela imali nabantu abasetyenziswa ngayo ngabantu bonxibelelano boluntu, nokuba baqeshiwe nguzwilakhe, inkosi, umongameli okanye inkampani, kubonisa ukuba basetyenziselwe ukusasaza ubuxoki obubi kunye nobubi.

Umzekelo, umongameli wase-US uye wanika amanani amabini ahlukeneyo ukuba iindleko zikarhulumente zonyuke kangakanani ngonyaka—kwaye zizonke kwiinyanga nje ezimbini. Kuyacaca ukuba umntu wakhe wobudlelwane boluntu wayezama ukuphembelela i Congress.

I PR ekhuthaza imoto yakamva nje njenge-“Car of the Century” okanye eyokukhuthaza i skydiving ukunyusa i-“parachute engasokuze ivuleke” kwaye ezinye iintlobo ezininzi zeziganeko zonke zizenzo zonxibelelwano boluntu—kwaye uninzi luzaliswe bubuxoki.

Uthatha iphephandaba okanye umamele abantu PR—PR—PR—bonke ubuxoki.

Amandla amakhulu amaphephandaba, iimagazini, unomathotholo, umabonakude kunye nonxibelelwano lwe “ubunzima be zeendaba” lwanamhlanje lilawulwa ngamadoda e PR amaqela afuna izibonelelo ezinkulu kunye nonyango olulodwa nangona lunokwenzakalisa abanye abantu. Kwaye ukwenza oku kwenzeke i PRs zilawula imithombo yeendaba ngobuxoki.

Ke ngoko, ubudlelwane boluntu buguqulwe baba “yeyona ndlela iyiyo yokuxoka”—yindlela yokukholisa okanye yokuphembelela abantu ukuba bakholelwe nayiphina into ethethwa yi PR.

Kwenza umhlaba apho abantu abaninzi baziva bekholelwa kancinane ekunyanisekeni kwabantu kunye nokulunga. Yehlise amathemba okufezekisa ii goals eziphezulu, yenza buthathaka ukuthembeka kwabantu kumazwe abo kwaye yenza ukuba kube nzima ukuxela okuhle nokubi.

Kutheni le nto?

Xa umntu esebenzisa unxibelelwano ukuthetha ubuxoki kuphela, ke umanyano luyehla kwaye ufumane inzondo. Kungenxa yokuba i R (inyani) itshatyalalisiwe. Umzekelo, kwilizwe elisebenzisa amandla ngokomzimba ukwenza abantu ukuba balandele imithetho xa bengafuni okanye ukuba abantu besiva ukuba akulunganga, abantu banokucaphuka kakhulu kwaye baqale ukuziva benenzondo. Ekuhambeni kwexesha, inzondo isenokujika ibe sisiphithiphithi nemfazwe.

UBudlelwane boluntu obukhuthaza kuphela ubunyani bobuxoki, emva koko bube ngu A osezantsi, C osezantsi kwaye luya kubuya kuye nabani na olusebenzisa ngendlela engathandekiyo.

Ke isifundo sokuqala onokusifunda esinceda ukuba usebenzise i PR ngokukhuselekileyo kuku GCINA INYANISO EPHEZULU.

Ubuxoki obuninzi obusebenzisayo kubudlelwane boluntu kokukhona kunokwenzeka ngakumbi ukuba i PR iya kuba nesiphumo esibi, kungekuphela kwabanye kodwa nakuwe.

Kwaye ke umthetho:

UNGAZE WASEBENZISA UBUXOKI KWI PR.

Ingxaki kubudlelwane boluntu, ke, yaba kukusilela kwayo inyani. Ubuxoki, kakade, bubunyani bobuxoki.

Ingxaki nge PR kwakuyi NYANISO!

Xa ufumana ibali leendaba kwi opener entsha evula itoti ngokulula, kwaye ufuna ukuthi “Umntwana angayisebenzisa,” qala ufumanise ukuba iyinyani. Nika umntwana i opener kwaye umenze avule itoti. Emva koko ufumanisa ukuba, unakho, kuyinyaniso. Ngoku unokukhuthaza “Umntwana angayisebenzisa.” Kodwa ungayenzi ngaphezulu kunokuba injalo ngokubiza ngokuba “Opener yeToti Yale Nkulungwane.” Ayizukunxibelelana.

Ngenxa yokuba onomathotholo, oomabonakude kunye noonondaba zithulula imiyalezo ngalo lonke ixesha akuthethi ukuba banxibelelana nabani na. Unxibelelwano lokwenyani lithetha ukuba umntu othile ufikelelwa ngomyalezo.

Nabuphi na ubuxoki buyakunqumla u-C (unxibelelwano) okanye ngenye imini iya kuphelisa ngoku pheleleyo u-C kuba akusekho kuthembana okanye umanyano.

Ke kukho indlela yokwazi nokusebenzisa ubudlelwane boluntu. Kodwa ukuba umntu usebenzisa i PR ngobuxoki kuphela, uya kubangela iingxaki ezininzi kwaye ngo buqu alahlekelwe naliphi na ixabiso okanye ukuxabiseka.

Kodwa ukuba uqhubeka nenyaniso kwaye usebenzisa umanyano oluphezulu, uya kubanakho ukunxibelelana kwaye ugqithise umyalezo wakho.

Ukwazi oku, ubudlelwane noluntu buba yinto eluncedo ngakumbi.

Into elandelayo ekufuneka uyazi malunga yile “ngubani” okanye yintoni “kawonkewonke” ozama ukunxibelelana nayo. Kwaye ngokwazi olu lwazi, ungenza ukuba iiprojekthi zakho zenziwe ngempumelelo.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.