Let us know how it is going

IZISEKO ZOBUDLELWANE BOLUNTU

AMAGQABANTSHINTSHI NGEKHOSI

Wamkelekile kwiKhosi Iziseko zoBudlelwane boLuntu kwi-Intanethi

Ubudlelwane boluntu bukunika indlela yokunxibelelana ngezimvo zakho kwaye uzenze zamkelwe. Sisakhono esifunekayo xa uzama ukufumana inkxaso yeeprojekthi zakho kunye nezinto ofuna ukuzifezekisa.

Xa usiva amagama athi “ubudlelwane boluntu” unokucinga ngamaphepha-ndaba, umabonwakude okanye iingxelo zikanomathotholo ngomntu okanye into, efana nomdlali weqonga okanye umlingisi ekhuthaza iifilimu zabo ezizayo. Okanye ukhe wabona abantu kunye nemibutho zizama ukusebenzisa ubudlelwane boluntu ngee purpose ezingalunganga, njengo sopolitiki owenza izithembiso ezingeyonyani ukuze nje afumane iivoti. Okanye ishishini elikhulu elizama ukulawula okanye ukutshintsha oko abantu abakucingayo ngemisebenzi yalo yokunganyaniseki.

Enyanisweni, ubudlelwane boluntu yinto onokuyisebenzisa ukufumana inkxaso yabanye abantu kwiiprojekthi zakho, ukulungiselela okanye imisebenzi.

Abantu ababhalileyo kwaye bathetha malunga nobudlelwane boluntu kwixesha elidlulileyo, khange baqonde izinto ezithile ezisisiseko ngalo mbandela. Ngoku, kwi Scientology, izinto ezibalulekileyo ezifunyenweyo zenze ukuba kube nokwenzeka ukuphucula wonke lo msebenzi kwaye ube luncedo ngakumbi kwaye usebenze.

Umsebenzi ka L. Ron Hubbard kwicandelo lobudlelwane boluntu lwenza uBudlelwane boLuntu bube yinto enokusetyenziswa nangeliphi na iqela okanye umntu ngokulula. Nangona iindlela ngeendlela ezahlukeneyo ezenza lo mbandela zibanzi, izimvo ezisisiseko kunye neendlela ezichaziweyo apha ziya kuba ngezexabiso kakhulu kuwe ekufezekiseni iinjongo zakho okanye iinjongo zokulungiselela kwakho, iprojekthi okanye umsebenzi.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Kule khosi uya kufunda:

  • Buyintoni uBudlelwane boluntu kwaye ungabusebenzisa njani ngempumelelo ukufumana inkxaso oyifunayo kwabanye.
  • Ungaluchonga njani ngokuchanelekileyo uluntu lwakho kwaye ufikelele kulo ngomyalezo oluya kuphendula kuwo.
  • Izixhobo ezininzi zexabiso onokuzisebenzisa ukwenza ukuba imisebenzi yakho elungileyo yaziwe kwaye yamkelwe kakuhle.

Wamkelekile

Ngoku ubhalise ngempumelelo kwaye sele ukulungele ukuqala inyathelo lakho lokuqala kwinkqubo yokufunda enomdla kunye nezakhono. Le khosi iyakukubonelela ngezixhobo onokuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kokufunda kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.