Let us know how it is going

Wamkelekile

Ngoku ubhalise ngempumelelo kwaye sele ukulungele ukuqala inyathelo lakho lokuqala kwinkqubo yokufunda enomdla kunye nezakhono. Le khosi iyakukubonelela ngezixhobo onokuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kokufunda kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.

Wamkelekile kwiKhosi Iziseko zoBudlelwane boLuntu kwi-Intanethi

Ubudlelwane boluntu bukunika indlela yokunxibelelana ngezimvo zakho kwaye uzenze zamkelwe. Sisakhono esifunekayo xa uzama ukufumana inkxaso yeeprojekthi zakho kunye nezinto ofuna ukuzifezekisa.

Xa usiva amagama athi “ubudlelwane boluntu” unokucinga ngamaphepha-ndaba, umabonwakude okanye iingxelo zikanomathotholo ngomntu okanye into, efana nomdlali weqonga okanye umlingisi ekhuthaza iifilimu zabo ezizayo. Okanye ukhe wabona abantu kunye nemibutho zizama ukusebenzisa ubudlelwane boluntu ngee purpose ezingalunganga, njengo sopolitiki owenza izithembiso ezingeyonyani ukuze nje afumane iivoti. Okanye ishishini elikhulu elizama ukulawula okanye ukutshintsha oko abantu abakucingayo ngemisebenzi yalo yokunganyaniseki.

Enyanisweni, ubudlelwane boluntu yinto onokuyisebenzisa ukufumana inkxaso yabanye abantu kwiiprojekthi zakho, ukulungiselela okanye imisebenzi.

Abantu ababhalileyo kwaye bathetha malunga nobudlelwane boluntu kwixesha elidlulileyo, khange baqonde izinto ezithile ezisisiseko ngalo mbandela. Ngoku, kwi Scientology, izinto ezibalulekileyo ezifunyenweyo zenze ukuba kube nokwenzeka ukuphucula wonke lo msebenzi kwaye ube luncedo ngakumbi kwaye usebenze.

Umsebenzi ka L. Ron Hubbard kwicandelo lobudlelwane boluntu lwenza uBudlelwane boLuntu bube yinto enokusetyenziswa nangeliphi na iqela okanye umntu ngokulula. Nangona iindlela ngeendlela ezahlukeneyo ezenza lo mbandela zibanzi, izimvo ezisisiseko kunye neendlela ezichaziweyo apha ziya kuba ngezexabiso kakhulu kuwe ekufezekiseni iinjongo zakho okanye iinjongo zokulungiselela kwakho, iprojekthi okanye umsebenzi.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

1.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Buyintoni uBudlelwane boLuntu?

Xa ujongene nabanye ukuba uzuze isivumelwano sabo okanye intsebenziswano (ukuzimisela ukusebenza kunye), okanye inkxaso yabo kwinto ethile, usebenzisa iindlela (iindlela zokwenza into) zobudlelwane boluntu, nokuba uyayazi le nto okanye awazi.

Inyathelo lokuqala lokusebenzisa ngempumelelo ubudlelwane boluntu, okanye i PR ngokufutshane, kukwazi inkcazo ye PR. Ngoku ichazwe kakuhle, yile: IMISEBENZI EMIHLE IPAPASHWE KAKUHLE.

Ngemisebenzi emihle kuthetha izenzo okanye imisebenzi oyenzayo ukunceda abanye.

Ukwenza imisebenzi elungileyo akwanelanga ukuba ufuna ukwandisa umsebenzi wakho. Kuya kufuneka ngokwenene uyipapashe ukuze ufumane intsebenziswano okanye isivumelwano. Papasha kuthetha ukwenza into yaziwe ebantwini, ngokwesiqhelo ngentengiso kunye nezinye iindlela zokukhipha umyalezo kwindawo yakho yonke.

Umzekelo, masithi ugqibe ngokuthi wenze iprojekthi yokucoca indawo ohlala kuyo kwaye waqalisa ukupeyinta igraffiti kwizakhiwo zikawonkewonke. Ukuba awuzange uxelele nabani na ngeprojekthi yakho, abantu bakubone usenza lo msebenzi banokucinga ukuba uyalelwe yinkundla yomthetho ukuba wenze le nto ngokufumana amatikiti amaninzi ezithuthi okanye enye into. Nangona kunjalo, ukuba uprinte izibonelelo Ezithile Ezikhuthaza iProjekthi yokucoca ubumelwane kwaye uyidlulisela ebantwini kwaye ubacele ukuba bathathe inxaxheba, abantu baya kuyazi into oyenzayo, kwaye kwiimeko ezininzi, banokuthatha isigqibo sokuthatha inxaxheba. Zininzi ezinye iindlela zokwenza ukuba iprojekthi yakho yaziwe ngokubanzi kwaye ufumane isivumelwano kunye nentsebenziswano. Konke okhu kukwiindawo zobudlelwane boluntu.

Kubudlelwane boluntu ufikelela ngokusiseko ebantwini ngombono wohlobo oluthile lokufumana isivumelwano kunye nenkxaso. Impumelelo yakho ekusebenzeni nabanye, ke, ixhomekeke kwindlela ufikelela kuluntu ngombono wakho.

Ubudlelwane boluntu sisixhobo esiyimfuneko sokukunceda ukuba ukwazi ukugqithisa izimvo zakho. Kwaye nawuphina umntu osebenzela ukwenza umhlaba ube yindawo engcono angaba nempumelelo enkulu kakhulu ekusebenziseni ubudlelwane boluntu.

Nokuba wenza ntoni—ukusuka ekuthabatheni amanyathelo okuphucula indawo kwingingqi yakho ukuba uncede abantu bahlukane neziyobisi—ngokusebenzisa izixhobo zobudlelwane boluntu ungafikelela kwabanye ngomyalezo wakho. Uya kuthi ke ufumane isivumelwano kunye nentsebenziswano yabo kuso. Ubudlelwane boluntu benza ukuba kwenzeke ukuba ufumane ukwamkelwa kunye nenkxaso yomsebenzi ofuna ukuwenza.

Ubudlelwane boluntu ayiyonto intsha. Yayikhona njengomxholo owamkelweyo ngokusemthethweni ngamaxesha wamaRoma kumawaka ambalwa eminyaka eyadlulayo, xa wawusenzelwa ii purpose zokukhuthaza imicimbi eyahlukeneyo. Nkqu nangoko, imiyalezo yayiba kwiindonga zeColosseum (isakhiwo esikhulu, esingafulelwanga esinemigca yezihlalo esakhiwe eRoma sasisetyenziselwa ukonwabisa uluntu) ukuze abantu babone.

Ekudluleni kwamakhulu eminyaka i PR ihleli kuphela ngokuyinxalenye yokuqulunqwa njengesifundo kuba yayimiswa kwangaphambili kwabo babeneenjongo ezimbi. Babenomdla kuphela wokuyisebenzisa ekukhonzeni izizathu zabo ezifihlakeleyo zokwenza izinto eziluncedo kubo kwaye ngokuqhelekileyo zenzakalisa abanye.

Kwakungekho de i Scientology, kunye nokufumanisa kwayo malunga nonxibelelwano kunye nendalo yokwenyani (iimpawu ezisisiseko umntu anazo) zoMntu, ukuthi ubudlelwane boluntu bube ngumxholo opheleleyo onokunceda uluntu kunye nawuphina umntu.

Ubudlelwane boluntu yindlela yokwenza iiprojekthi zakho zaziwe kwaye inemithetho yayo.

Ukuqala ukufunda indlela yokwenza ubudlelwane boluntu, kufuneka uqale ngokuqonda ukuba loluphi unxibelelwano boluntu kwaye nokuba iqulathe ntoni.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.