Let us know how it is going

Wamkelekile

Ngoku ubhalise ngempumelelo kwaye sele ukulungele ukuqala inyathelo lakho lokuqala kwinkqubo yokufunda enomdla kunye nezakhono. Le khosi iyakukubonelela ngezixhobo onokuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kokufunda kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.

Wamkelekile kwiKhosi Amacandelo Okuqonda kwi-Intanethi

Kubo bonke ubomi bethu, sizama ukuqonda abantu kunye nezinto ngcono ukuze sihlalisane ngcono nabanye, sikwazi ukusebenzisa ngcono umatshini okanye ukwazi ngokulula ukuba kuqhubeka ntoni kwihlabathi.

Kodwa ngaphandle kweenjongo zethu ezilungileyo, ngamanye amaxesha sidibana nezinto ezicaphukisayo, izimvo ezahlukileyo kunye nokungaqondani.

Ukuba bekukho indlela ethile yokwandisa ukuqonda kwethu ngabantu kunye neengxaki, inokuba yinto ebaluleke kakhulu leyo ukuyazi.

Kwi Scientology, kwafumaniswa ukuba bonke ubudlelwana boluntu—enyanisweni, nawuphi na umsebenzi ebomini—ungaphucuka xa usazi ukuba yintoni ukuqonda ngokwenene.

U L. Ron Hubbard wahlula-hlula awona macandelo okuqonda. Ngokwazi la macandelo kunye nendlela anxibelelana ngayo kunye nendlela ongeza ngayo ukuqonda, unokwenza into ngayo nayiphi na ingxaki, enkulu okanye encinci.

Olu lulwazi olusisiseko, luqhelekile kuzo zonke iinkalo zobomi, ukusuka kubudlelwane nabanye abantu, ukuqhuba iinkampani, ukuba ngamalungu amaqela, ukufunda kunye nemfundo, urhulumente, imboni—yonke loo nto.

Le khosi ikunika isingeniso kwezi zilula kodwa ezinamandla izinto ezisisiseko ukuze uqale ukuzisa ukuqonda ngakumbi nakweyiphi na indawo ebomini bakho okanye kubomi babanye.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

1.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Umanyano, Inyani kunye noNxibelelwano

Kwi Scientology, sinoxanduva olukhulu lokwenza kulombandela ubizwa ukuqonda. Ukuqonda kuqulethe iindawo ezithe ngqo. Ezindawo zezi: UMANYANO, INYANI kunye NONXIBELELWANO.

Ukuqonda iziphumo zokudityaniswa komanyano, inyani kunye nonxibelelwano. Umzekelo, umntu kufuneka abenomanyano oluthile (ukuthanda into), unxibelelwano oluthile kunye nengcinga ethile yenyani (azi into ngayo) ngaphambi kokuba ayiqonde. Ke ukubanako kwakhe ukuqonda nawuphina umntu, ingcinga okanye into kuxhomekeke kumanyano lwakhe naloo nto, unxibelelwano kunye nenyani yakhe.

Ukuze ukwazi ukuphucula okanye ukwandisa ukuqonda, kuyimfuneko ukuba uqhelane ngokupheleleyo kwaye uqonde okuqulathwe licandelo ngalinye kula.

UMANYANO

Igama elithi umanyano lisetyenziswa apha ukuthetha uthando, ukuthanda okanye nasiphi na isimo sengqondo. Ngaphantsi “komanyano” sinakho nokuba siyabathanda abantu okanye asibathandi, nokuba singahlala kufutshane nabantu, nokuba siziva okanye asiziva sinovakalelo ngabantu. Iimvakalelo ezahlukeneyo ezinje ngokungakhathali, umsindo, isithukuthezi, intshisakalo zibonakalisa amanqanaba ahlukeneyo omanyano.

Ubungakanani bomanyano bunokulinganiswa ngendlela umntu azimisele ngayo ukuba kwindawo efanayo nokuba abe nje (afane) ngomnye umntu. Ukuba uthi, “Ndiyakuthanda,” uthi, “Kulungile, ndingakhawuleza ndibe nguwe.” “Ndiyakuthanda” uya kuthetha nokuthi, “Ndingathanda nje ukuthatha indawo yakho.” Xa abantu ababini benga thandani, oko kuthetha ukuba ngekhe babe kwindawo enye, abayi kuthanda ukuthatha uluvo lomnye umntu. Abafuni ukufana nomnye umntu. Ukuba omnye unxibe umbala oblue, omnye uziva ngathi kufanele anxibe oluhlaza. Ukuba amadoda amabini athetha omnye nomnye kungekho umanyano omnye komnye, baya kuhlala bephikisana okanye bohlukane kuloo ndawo bebekuyo.

INYANI

Inyani sithetha “izinto eziqinileyo, izinto zokwenene ebomini.” Inyani yinto ebonakalayo (iyabonwa, ukuyiva, ukuva, njalo njalo). Inyani sisivumelwano malunga nokuba iyintoni loo nto okanye yintoni ekhoyo. Into eyinyani yinto esivumayo ukuba ikhona kwaye siyayiqonda. Umva uya kuba kukungavisisani, apho abantu ababini okanye ngaphezulu bengavumelani ngenyani okanye ngento eyinyani.

Oko kuyinyani kuyinyani ngenxa yokuba kuvunyelwene ngako kungekho esinye isizathu.

UNXIBELELWANO

Unxibelelwano lolona lubaluleke kakhulu kwezindawo zithathu ukuzisa ukuqonda.

Unxibelelwano ngumyalezo okanye isuntswana elihamba umgama kwicala elithile phakathi kwamanqaku amabini.

Indlela elula yokutsho ukuba unxibelelwano luthetha ntoni lutshintsho (okanye intshukumo) lwento ethile ukusuka kwinxenye yesithuba ukuya kwenye inxenye yesithuba. I particle, yilonto idluliswayo. Ingaba yinto, umyalezo obhaliweyo, ilizwi elithethiweyo okanye umbono.

Umzekelo, ukuba uthathe i baseball kwaye wayiphosa komnye umntu ukuze ayibambe, loo nto iya kuba lunxibelelwano oluvela kuwe ukuya komnye umntu. Ukuba uthe “molo” komnye umntu, loo nto iyakuba lunxibelelwano, ilandela ngqo le ntsingiselo ingentla.

Unxibelelwano lunokuba ngamacala amabini, xa umntu efumana umyalezo wokuqala aze athumele owakhe umyalezo kumntu wokuqala. Oku kudala ukutshintshiselana (ukunika kunye nokwamkela okanye ukutshintshiselana) ngezimvo okanye ii particles.

Unxibelelwano ayikokuthetha nje nomntu. Zininzi iindlela zokunxibelelana. Abantu ababini banokuhlala, bajongane kwaye babe nonxibelelwano. Enye yeendlela zokunxibelelana kukuchukumisa. Unokuyiphulula ikati ukuze ngequbuliso ikati iqale izolule. Unonxibelelwano nekati. Ungasolula isandla ukuxhawula omnye umntu kwaye unxibelelane naye. EFrance, eItali naseSpain abantu bahlala bephosa izandla ukwangana xa bebulisana. Bahlanga ngoluhlobo ukunxibelelana.

Ngelixa kubalulekile ukuqonda nganye yezi zinto zintathu zahlukeneyo, zinobudlelwane obuthe ngqo enye kwenye ukuze xa zidityaniswa zongeze ukuqonda okukhulu okanye okuncinci kwabantu, izinto kunye nobomi uqobo. Lo ngumxholo wesifundo esilandelayo.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.