Let us know how it is going

AMACANDELO OKUQONDA

AMAGQABANTSHINTSHI NGEKHOSI

Wamkelekile kwiKhosi Amacandelo Okuqonda kwi-Intanethi

Kubo bonke ubomi bethu, sizama ukuqonda abantu kunye nezinto ngcono ukuze sihlalisane ngcono nabanye, sikwazi ukusebenzisa ngcono umatshini okanye ukwazi ngokulula ukuba kuqhubeka ntoni kwihlabathi.

Kodwa ngaphandle kweenjongo zethu ezilungileyo, ngamanye amaxesha sidibana nezinto ezicaphukisayo, izimvo ezahlukileyo kunye nokungaqondani.

Ukuba bekukho indlela ethile yokwandisa ukuqonda kwethu ngabantu kunye neengxaki, inokuba yinto ebaluleke kakhulu leyo ukuyazi.

Kwi Scientology, kwafumaniswa ukuba bonke ubudlelwana boluntu—enyanisweni, nawuphi na umsebenzi ebomini—ungaphucuka xa usazi ukuba yintoni ukuqonda ngokwenene.

U L. Ron Hubbard wahlula-hlula awona macandelo okuqonda. Ngokwazi la macandelo kunye nendlela anxibelelana ngayo kunye nendlela ongeza ngayo ukuqonda, unokwenza into ngayo nayiphi na ingxaki, enkulu okanye encinci.

Olu lulwazi olusisiseko, luqhelekile kuzo zonke iinkalo zobomi, ukusuka kubudlelwane nabanye abantu, ukuqhuba iinkampani, ukuba ngamalungu amaqela, ukufunda kunye nemfundo, urhulumente, imboni—yonke loo nto.

Le khosi ikunika isingeniso kwezi zilula kodwa ezinamandla izinto ezisisiseko ukuze uqale ukuzisa ukuqonda ngakumbi nakweyiphi na indawo ebomini bakho okanye kubomi babanye.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Kule khosi uya kufunda:

  • Ezi zinto zintathu zizisa ukuqonda kwayo nayiphi na into kwaye zinxibelelana njani.
  • Ungabuphucula njani ubudlelwane kunye nabani na.
  • Izixhobo ezichanekileyo ozidingayo ukwandisa ukuqonda kwakho nawo wonke umntu omaziyo kunye nehlabathi elikungqongileyo.

Wamkelekile

Ngoku ubhalise ngempumelelo kwaye sele ukulungele ukuqala inyathelo lakho lokuqala kwinkqubo yokufunda enomdla kunye nezakhono. Le khosi iyakukubonelela ngezixhobo onokuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kokufunda kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.