Let us know how it is going
3.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Umsebenzisa Kanjani uNxantathu we ARC

Ngelixa ungasoloko unxibelelana nomntu ukuzama ukusombulula iingxaki, kunokuba nzima ukuthetha nomntu ukuba sele kukho inzondo okanye uloyiko phakathi kwakho nalomntu, okanye kubonakala ngathi akukho nyani iqhelekileyo yokuxoxa.

uNxantathu we ARC unokukunceda ukuphendula le mibuzo: “Ndifanele ndithethe njani nabantu?” Ndingabathengisela njani abantu izinto? Ndingazinika kanjani izimvo ezintsha ebantwini? Ndingayifumana njani into abantu abacinga ngayo? Ndingawusingatha njani umsebenzi wam ngcono?

Ngokusekwe kwindlela asebenza ngayo uNxantathu we ARC, indlela ongathetha ngayo naye nawuphi na umntu kukufumana into ongayithanda ngaye kunye nokuxoxa ngento eninokuthi nivumelane ngayo.

Ukuba uneengxaki zokufumana umbono omtsha wamkelwe okanye uqondwe ngomnye umntu kungenxa yokuba ungaqalanga wathetha ngezinto azaziyo. Kuya kufuneka uqale uqiniseke ngokufumana inyani enivumelana nobabini ngayo. Ke uya kuzama ukugcina umanyano bukwinqanaba eliphezulu kangangoko, ngokwazi ukuba kukho into onokuyithanda ngaye. Kwaye ke uyakukwazi ngokwenene ukuthetha naye. Ukuba awuqalanga ufumane into onokuyithanda ngaye kunye nento enivumelana ngayo, akuyi kuba lula ukuthetha naye.

Ngokusebenzisa uNxantathu we ARC, unganyusa okanye ufumane amandla okubanako ukulawula izixhobo zakho emsebenzini kunye nentshisakalo yomsebenzini wakho. Ngokuthatha nje isenzo sokuchukumisa uphinde uyeke izixhobo zakho zomsebenzi, uphinda-phinde—unonxibelelano nazo—unokutshintsha isimo sakho sengqondo malunga nomsebenzi wakho (umanyano) kwaye uqhelane ngakumbi (inyani) nezixhobo zakho.

Ukusetyenziswa kukaNxantathu we ARC akunamda njengoko kusakha isiseko sokuqonda kunye nobomi uqobo.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.