Let us know how it is going
4.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Ungawenza Njani Umsebenzi

Indlela yokwenza umsebenzi kukuwenza NGOKU!

Enye yeendlela ezilungileyo zokucutha umsebenzi wakho ngesiqingatha kukungawenzi kabini.

Lo ngowona mthombo wakhe wamkhulu wenkcitha xesha—ukuphinda-phinda umsebenzi wakho.

Nantsi indlela ophinda-phinda ngayo umsebenzi wakho: Uthatha umsebenzi omnye uwujonge emva koko uwubeke ecaleni ukuze uwenze ngelinye ixesha. Ethubeni uwuthathe uphinde uwufunde ibe kungona uwenzayo.

Oku kuwuphinda kabini umthwalo wake emsebenzini nje ngolo hlobo!

Enye yeendlela zokumelana nomsebenzi omninzi kukuqinisekisa ukuba awenzi nayiphina into kabini. Yenza umthetho ongqongqo wokuba xa uphethe umsebenzi, uyawugqiba kwaye akuwubeki phantsi ukuze uwenze ngelinye ixesha.

Ukuba unikwe umyalezo okanye ulwazi olufuna ukuba wenze into ethe chatha, uyenza loo nto kwangoko ukuwunikwa kwakho.

Le yindlela yokuthenga “ixesha lokunyotha.”

Akukho mfuneko yokukhangeleka uxakekile ukuba awuxakekanga.

Akukho mfuneko yokuphatha-phatha ucofa-cofe umsebenzi kuba unqongophele.

Kusoloko kukho umsebenzi omninzi ekufuneka wenziwe. Eyona ndlela yokusingatha umsebenzi walo naluphi na uhlobo kukuwenza.

Ukuba wenza wonke umsebenzi oza kuwe XA usiza, kwaye ukuba usoloko usenza owakho umsebenzi endaweni yokuwudlulisela komnye umntu ukuba awenze, soze kubekho mntu ubuyisela umsebenzi kuwe ukuba awulungise okanye uwenze kwaye nomsebenzi wakho awusoze ufike emva kwexesha.

Nantoni na efanele ukuphathwa nguwe oyidlulisela komnye umntu ukuba ayenze kufuneka ifundwe nguwe kwakhona, iqondwe kwakhona, kwaye iphinde iphathwe; ungaze udlulisele komnye umntu umsebenzi ekufanele ukuba uwenze kuba iyakubuya ngawe loo nto. Suka uwenze uwugqibe.

Ke ukuba uthanda ukukhululeka, uhlobo lomntu oxhoma izihlangu edesikeni, ukuba umnqweno wakho wenene wokuphumelela ebomini ixesha elide elimnandi njenge ntwasahlobo (imvakalelo emnandi umntu ayiva xa kuse ntwasahlobo), uyakwenza yonke into eza kuwe isafika ungalibazisi—awusoze unike nabani na into ongayenza kwangoko ngokwakho.

Ukuba abantu bakhe bakubona njengomzekelo wendlela yokwenza izinto kakuhle okanye njengomntu olindeleke ukuba aphule irekhodi lesantya sehlabathi okanye ekuphuma ngaye amanqaku kumaphephandaba nasezincwadini ngezinto ezintle ozenzayo—ezi zinto azinako ukwenzeka ngebhaqo. Uyazi ukuba uyenzile unakho ukonqena kwaye ungasebenzi. Kuba kunokutshiwo ngokuqinisekileyo ukuba indlela eya kumsebenzi ongenasiphelo kukudukisa xa umyalezo wokwenza into uwufumene uze udlulisele umsebenzi wakho komnye umntu. Yindlela eya ebukhobokeni, kwizihlunu ediniweyo kunye nakwintaba yomsebenzi ongenziwanga.

Yenza umsebenzi xa uwubona kwaye uwenze ngokwakho.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.