Let us know how it is going
2.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Ukufikelela kunye nokuRhoxa

Ngokuqonda ukubhideka kunye nokufuna ulawulo olulungileyo lokuzisa ucwangco, umntu angababona lula abasebenzi kunye nablawulayo abenza ukubhideka ngolawulo olubi. Kukho indlela elula kakhulu, kodwa enamandla amakhulu, yokuphucula ulawulo lomntu. Ibizwa ngokuba ukuFikelela kunye nokuRhoxa.

UKUFIKELELA kuthetha ukuchukumisa okanye ukuyibamba into. Kukwathetha ukufikelela, ukufika okanye ukufika kwindawo ethile.

UKURHOXA kuthetha ukubuyela umva okanye ukuyiyeka into.

Ubungenakulindela ukuba umntu abe nolawulo olubambekayo okanye ukuqonda, okanye abe nesakhono kwinto angayiqhelanga. Eyonanto ibalulekileyo ekuqheleni into kukuba nonxibelelwano nayo.

Xa umntu enganxibelelani nento, uyarhoxa kuyo kwaye akazukufikelela okanye aqhagamshelane nayiphi na into edibene nayo.

Ukuba umntu akakwazi ukuFikelela aphinde aRhoxe kwinto ethile, akanako ukuyilawula.

Umzekelo, ukuba umntu uphumile kunxibelelwano nemoto, uyakuba nobunzima bokuyiqhuba ngokufanelekileyo kwaye unokuba nengozi.

Kodwa ukuba umntu unokufikelela ayifune into aphide arhoxe kuyo, kunokuthiwa unonxibelelwano na loo nto.

Ukunxibelelana nento ethile kukuba kwimo yokukwazi ukuyilawula.

Inkqubo yokuFikelela kunye nokuRhoxa inceda umntu ukuba akwazi ukunxibelelana, kwaye azilawule ngcono izinto, oomatshini, abantu, izithuba kunye neendawo ezikufutshane naye.

Ukunceda umntu ukuba aphucule unxibelelwano lwakhe nezinto, oomatshini, kunye nezithuba, eyonandlela ingcono kukwenza unxibelelwano ngokwasemzimbeni kunye nezozinto nezozithuba.

Ukufikelela kunye nokuRhoxa sisixhobo esibalulekileyo esisetyenziswayo ekwenzeni umntu ukuba abe nonxibelelwano olufanelekileyo nendawo asebenza kuyo, ngakumbi oomatshini nezinto azisebenzisayo ukwenza umsebenzi wakhe.

Umqhubi wenqwelomoya unokwenza ukuFikelela kunye nokuRhoxa kuzo zonke izinto nezithuba zenqwelomoya, kuquka nendawo yakhe yokugcina inqwelomoya kunye nomhlaba. Unobhala angenza ukuFikelela kunye nokuRhoxa kwikhompyuter yakhe, umnxeba, isitulo, idesika, njl. njl.

Ukuziva ukhululekile ngokusebenzisa izixhobo zokwenza umsebenzi wakho linyathelo elibaluleke kakhulu ekuwenzeni kakhuhle umsebenzi wakho. Ungabonyusa kakhulu ubungakanani bomsebenzi owenzayo ngokulandela nje inkqubo yokuFikelela kunye nokuRhoxa.

Umzekelo, igosa lomkhosi womoya lisebenzise inkqubo ukuFikelela kunye nokuRhoxa neqela lakhe labaqhubi beenqwelomoya kwaye unyaka wonke zange kubekho nengozi enye, nokukrwecana kwencam zamaphiko oku. Kungenzeka ukuba lilo kuphela iqela labaqhubi beenqwelomoya zomkhosi womoya ezimbalini elaqhuba unyaka wonke ngaphandle nakwencinci ingozi.

INKQUBO

Inkqubo yokuFikelela kunye nokuRhoxa ifundwa lula. Inokwenziwa kuyo nayiphi na into okanye indawo. Inokwenziwa kwindawo umntu asebenza kuyo, kwisixhobo esitsha, kumatshini, nakwintoni na. Iyenziwa ade umntu abe nonxibelelwano olufanelekileyo nendawo asebenza kuyo.

1. Yisa umntu lowo kwindawo ozakwenza kuyo ukuFikelela kunye nokuRhoxa uze uchaze inkqubo.

2. Mxelele umkhombandlela oza kusetyenziswa kwaye uqiniseke ukuba uyawuqonda. Umkhombandlela ozakusetyenziswa ngulo ulandelayo:

A. “Fikelela kula ______.” (igama kunye nokubonisa into okanye umntu okanye indawo)

B. “Rhoxa kula ______.” (amagama kwaye ukhomba kwinto enye okanye umntu okanye indawo)

3. Mnike umyalelo wokuqala. Umzekelo, “Fikelela kwelaqhosha libomvu likhulu lingaphambili kumatshini.”

Ngalo lonke ixesha yikhombe into (okanye umntu, isithuba, njl. njl.) qho xa unika umkhombandlela ukuze angenzi mpazamo umntu owenza into.

4. Xa umntu ewulandele umkhombandlela, mbulele ngokuwulandela uthi “Enkosi,” “Kulungile,” “Wenze kakuhle,” njl. njl.

5. Mnike umkhombandlela wesibini. Umzekelo, “Rhoxa kwelaqhosha likhulu libomvu lingaphambili kumatshini.” Mbulele xa ekwenzile oko.

6. Qhubeka ngokutshintsha umkhombandlela u-A, B, A, B, njl. njl., umbulela qho xa elandela umkhombandlela omnika wona, ​​uthi umntu makaphathe iindawo ezahlukeneyo zento okanye indawo.

7. Qhubeka nokwenza inkqubo yokuFikelela kunye nokuRhoxa de iphucuke kancinci indlela umntu ayenza ngayo into, ade umntu afike, azive ngcono malunga nento leyo okanye indawo, okanye azive eyonwabele lento ayenzayo.

8. Khetha enye into, isithuba okanye umntu okwindawo akuyo uze uyiphinde inkqubo ide imxolise loonto okanye eso sithuba.

Sukumenza umntu ukuba enze ukuFikelela kunye nokuRhoxa okokoko kwindawo enye yayo nayiphi na into esetyenziswayo. Yenze kwiindawo ezahlukeneyo zalonto ayiphathayo.

Hambahamba nalomntu, uqiniseke ukuba wenza unxibelelwano kunye namalungu ezinto, izithuba okanye abantu.

Khetha izinto ngohlobo lokuba zikhule ukusuka kwizinto ezincinci ukuya kwizinto ezinkulu, uphathe iindawo ezahlukeneyo zento nganye, ade umntu azive onwabile ngokwenza inkqubo okanye de umnike iiseti zemikhombandlela u-A kunye no-B izihlandlo ezithathu kungabikho nto itshintshayo. Xa usenza ukuFikelela kunye nokuRhoxa, quka neendonga, imigangatho kunye nezinye iindawo zalapho uyenzela khona inkqubo.

Xa usenza inkqubo uyenzela esithubeni okanye egumbini, kunokusebenzisa into, mmeme umntu ukuba angene egumbini aphinde aphume, uthi makayiphindaphinde loo nto.

9. Qhubeka de umntu azive ngcono malunga nendawo yakhe yokusebenzela okanye zizinto ezikweso sithuba kwaye wonwabe kakhulu yiyo yonke loo ndawo enzela kuyo inkqubo. Ukuba ukuqonda komntu kuphucuke kakhulu, kangangokuba ade abe nolwazi olutsha ngendawo asebenza kuyo okanye ukuqiniseka ngomsebenzi wakhe, ukuFikelela kunye nokuRhoxa akunakuqhubeka ngaphaya kwesosigaba.

Ukufikelela kunye nokuRhoxa koomatshini, kwizinto, ebantwini, kwiindawo kunye nezithuba umntu asebenza kuzo akunceda kakhulu kulawulo, ukuqhela kunye nokuqonda.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.