Let us know how it is going
3.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Ukusingatha ukudinwa kwiLizwe le Workaday

Ukusebenza okanye ukungasebenzi? Umbuzo ngulowo. Impendulo yabantu abaninzi kukungasebenzi yaye isizathu KUKUDINWA. Ukudinwa kuthetha ukuziva udiniwe kakhulu okanye ubuthathaka.

Xa usebenze ixesha elide emsebenzini kwaye ubuphethwe kakubi ngelixa usebenza, unokuziva ngathi akunakuphinda usebenze kwakhona. Udiniwe. Kwanengcinga yokwenza izinto ezithile ikwenza udinwe. Uzama ukwandisa amandla akho ngokuphunga ikofu uzinyanzele ukuba uye phambili nje kancinci. Kodwa ukuba wenza oko, awucingi ngokuchanekileyo kuba impendulo yokudinwa ayinayo nentwana yokwenza namandla.

Ukudinwa sisifundo esibaluleke kakhulu kungekuphela nje kumntu osebenzela ukuphila, kodwa nakwindlela avakalelwa ngayo.

I Scientology ifumanise ukuba umntu uya esilela xa engakwazi ukusebenza.

Umxholo wokudinwa ikwangumxholo wabantu abayekiswa ukusebenza ngandlela ithile. Umzekelo, amajoni nomatiloshe abonzakeleyo abathunyelwa esibhedlele ngexesha lemfazwe. Kwafunyaniswa ukuba emva kokuhlala iinyanga ezimbalwa kwisibhedlele somkhosi, ijoni okanye umatiloshe uziva elusizi engathi akanakamva. Inokubambi kangangokuba loo mntu usenokungakwazi ngokwaneleyo ukubuya ayokulwela ilizwe lakhe. Oko akusosiphumo sobuchule bakhe obucuthekileyo. Sisiphumo sokwenzakala kunye nokungakwazi kwakhe kwenza nto. Ijoni elonzakeleyo laza lakhathalelwa kwisibhedlele esisebaleni—esimiswe kufutshane nalapho kulwelwa khona—lize libuyiselwe emsebenzini xa linokwenza imisebenzi ethile linokufunyaniswa lonwabile yaye lizithembile. Ewe kona, ingozi elayifumanayo idla ngokulenza lingakwazi ngokupheleleyo ukwenza izinto belizenza okanye ukwenza izinto ebelikade licinga ukuba zezona-zona. Kodwa nangona kunjalo, likwisimo esihle kunejoni elithunyelwe kwisibhedlele esikude emfazweni. Ijoni elithunyelwe kwisibhedlele esikude nedabi liyaziswa, ngokwendlela elicinga ngayo, ukuba alifuneki nganto emfazweni.

Kwi Scientology kwafunyaniswe ukuba awudinwa kuba usebenze ixesha elide okanye usebenze kakhulu. Udinwa xa usebenze ixesha elide kangangokuba ude ukhumbule ukwenzakala okanye iintlungu okanye iimvakalelo ezimbi zexesha elidlulileyo ezazibangelwa yinto ethile edlulileyo. Xa oku kusenzeka rhoqo, umntu uziva engakwazi ukwenza kangangoko, njengoko ehlala ediniwe. Kukho isigaba, nangona kunjalo, esingaphantsi kokudinwa. Esi sisigaba sokuba ungazazi nokuba udiniwe. Ungaqhubeka usebenza yaye usebenze usebenze, ungaziqapheli nokuba uyasebenza, usuke ngequbuliso uwe phantsi ngenxa yokudinwa obungakuvi nokubuva. Xa oku kusenzeka emntwini, uye wasilela ukulawula izinto. Ekugqibeleni, akakwazi ukuphatha nantoni na enjengezixhobo azifunayo ukwenza umsebenzi wakhe aze angakwazi kusebenza. Umntu anganezinto ezininzi ezimbi ezithethwayo ngaye. Kungathiwa “uyonqena,” kuthiwe “livila,” unokubizwa ngokuba “sisaphula-mthetho.” Kodwa inyaniso kukuba akasakwazi ukulungisa ubomi bakhe ngokwakhe—ngaphandle koncedo lweengcali—kunokuba ekwazi ukuziphosa kumbindi woMhlaba.

Ngethamsanqa, zikho iindlela zokubuyisela amandla akho kunye nemincili yakho ekusebenzeni. Zilula kwaye kulula kakhulu ukuziqonda nokuzenza.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.