Let us know how it is going

Wamkelekile

Ngoku ubhalise ngempumelelo kwaye sele ukulungele ukuqala inyathelo lakho lokuqala kwinkqubo yokufunda enomdla kunye nezakhono. Le khosi iyakukubonelela ngezixhobo onokuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kokufunda kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.

Wamkelekile kwiKhosi IziXhobo zeNdawo yokuSebenza kwi-Intanethi

Isixhobo yinto onokuyisebenzisa ukuphucula izinto okanye ukwenza into.

Kulemihla, zininzi kakhulu iingxaki emsebenzini. Uhlala usiva ngabantu abagxothwayo okanye abayekiswa okwethutyana emsebenzini baze bangaqesheki. Nabo basebenzayo bahlala bekhalaza ngomsebenzi nangabo basebenza nabo okanye abaphathi.

Kwabanye, umsebenzi ufana nento ekufuneka beyenzile ukuze bafumane imali yokuhlawula amatyala baze baphile. Xa besiva ngolohlobo, akubimnandi emsebenzini.

Baze abaninzi bathetha ngokudinwa ngumsebenzi wabo. Bafike ebusuku emakhaya, badle isidlo sangokuhlwa, babukele umabonwakude bayokulala.

Kodwa akumelanga kuba njalo. Kukho iindlela zokukunceda ukuba udlamke kwaye ahlaziyeke ungazivi udiniwe xa ubuya emsebenzini. Kukho izinto onokuzenza ukunceda ukwenza indawo osebenza kuyo ibe yindawo yolonwabo apho wenza khona umsebenzi wakho kwaye uzive wonwabile emva komsebenzi. Esi sahluko sizakukunika izixhobo zokwenza oku kwenzeke.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

1.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Ukuqubisana Nokubhideka Emsebenzini

Omnye umntu unokuxelela ukuba kukho into ebhidayo malunganomsebenzi wakhe. Kwaye ukuba akakwazi ukuqubisana noko kubhideka, ngokuqinisekileyo uziva ngolohlobo kuba akanayo indlela yokukusombulula. Ukubhideka yinto ebonakala ngathi ayinakusombululeka msinya.

Umzekelo, ukuba ubuhamba ngaphandle kwendlu yakho suka ngequbuliso kwakho umoya onamandla ovuthuza amagqabi, amaphepha kunye nenkunkuma kuyo yonke indawo, oko ingakukubhideka.

Omnye umzekelo ingangowokuba usebenza kwikhompyuter yakho suka ngequbuliso isikrini siqale ukudanyaza umfanekiso unyamalale.

Xa ujonga izinto ezininzi ezinokuthi zikuphembelele zize zikukhathaze ebomini bakho, ngamanye amaxesha kubonakala ngathi bonke ubunzima bubangelwa luhlobo oluthile lokubhideka. Umsebenzi unokuqaphela ukuba kukho into eyenzekayo embhidayo, kodwa xa engazi ukuba ayisingathe njani, uzama nje ukuqhubeka, suka ngandlela ithile aphume kokokubhideka ephilile.

Xa uneengxaki ezininzi ezingasonjululwanga, zidibana zibekukubhideka okukhulu. Ngamanye amaxesha, umsebenzi unokufumana imiyalelo eyahlukileyo ngamanye amaxesha ade xelelwe ukuba enze into ekhabanayo—loo nto inokumenza abhideke kakhulu.

Umzi-mveliso walemihla unokulawulwa ngendlela engalunganga kangangokuba ungabonakala wonke ngathi ukukubhideka okukhulu—ukubhideka kangangokuba akubonakali ngathi ikho indlela yukukusingatha nokuyiphucula.

Abantu badla ngokuxhomekeka kwithamsanqa ukubanceda ukuba baphume nakokuphi na ukubhideka okukhulu kakhulu kunokuba benokukusingatha. Ithamsanqa lithetha ukuxhomekeka kwinto engesosigqibo osenze ngokwakho malunga noko kuya kwenzeka kwikamva lakho, ube wena ungenalawulo kuyo. Ukuba ubunokuyeka ivili lokuqhuba ngelixa uqhuba imoto ngethemba lokuba imoto izakuhlala endleleni ngethamsanqa, ubuyakuphoxeka. Kwaye kunjalo ebomini. Ezozinto ongazisingathiyo uthembe nje ukuba ithamsanqa lizakuzisombulula azifane zizisombulule ngokwazo.

Usenokuba ukhe weva okanye wabona umhlobo ongawahoyiyo amatyala ekufuneka ewahlawule ebambe amazinyo ngelixa enethemba lokuba uyakuphumelela ilotto okanye umdyarho wamahashe abenemali eninzi yokusombulula zonke iingxaki zakhe. Usenokuba wazi abantu ababuqhuba ngoluhlobo ubomi babo iminyaka. Kodwa ukuxhomekeka kwithamsanqa ukukukhupha ekubhidekeni kuyafana nokungalibambi ivili lokuqhuba uyiqhube ngokwakho imoto yakho. Ukubhideka akuyi kuzisingatha.

Iyakuba bubulumko, ke, ukuqonda kakuhle ukuba yintoni ukubhideka nokuba kungasingathwa njani.

UKUBHIDEKA NEDATUM EZINZIILEYO

Njengoko sele kukhankanyiwe apha ngasentla, ukubhideka yinto ebonakala ngathi ayinakusombululeka msinya.

Kodwa ukukunika intsingiselo ebanzi, UKUBHIDEKA KUXA KUSENZEKA INTO ONGAKHANGE UYIQIKELELE (ONGAKHANGE UCINGE UKUBA IZAKWENZEKA).

Ukuba ubunokuma endleleni ephithizela iimoto, ubunokuziva ubhidekile kukuthsawuza kwazo ngakuwe. Ukuba ubunokuma kuqhwithelo olumandla, olunamagqabi namaphepha abhabhayo, ubunokuziva ubhidekile.

Ingaba kunokwenzeka ukuba ukuqonde ngokwenene ukubhideka? Ingaba ukubhideka kungahlulahlulwa kube ngamalungu awohlukeneyo? Ewe, ewe.

Umzekelo, ukuba ubungumamkeli kwinkampani enkulu kwaye uneminxeba elishumi engena ngaxeshanye, ubunokuziva ubhidekile. Kodwa ingaba ikhona impendulo kule ngxaki?

Okanye, ukuba ubungumphathi weworkshop ube unemisebenzi emithathu engxamisekileyo kwenzeke nengozi kwangeloxesha linye, ingaba ikhona impendulo kulonto?

Ewe ikho. Unokusingatha nakuphi na ubhideka xa nje usazi ukuba kuyintoni ubhideka nokuba ungakusingatha njani.

Ukubhideka kukubhideka kuphela xa zonke iziqwenga okanye inxalenye yento isahamba. Ukubhideka kukubhideka kuphela ngelixesha kungekho nxalenye yayo icacileyo okanye iqondakalayo kuwe.

Ukubhideka sisizathu esisiseko sobudenge. Kuye nabani na osisidenge, zonke izinto ngaphandle kwezona zilula kakhulu ziyabhidekisa. Ke ukuba uyayazi ukuba ukubhideka kwenziwa yintoni, nokuba ukrelekrele kangakanani, ungakrelekrele ngakumbi.

Ukuba wakhe wafundisa umntu ongekho krelekrele kakhulu, uyakuyiqonda kakuhle le nto. Uzama ukucacisa ukuba into isebenza njani. Uyiphindaphinde. Emva koko umthume ukuba ayokwenza loo nto aseke ayone kwangoko. Uthi “akaqondanga” okanye “akayibambanga.” Inyaniso kukuba ebebhidekile.

Amashumi asithoba anesithoba eepesenti kuyo yonke imfundo ayiphumeleli, ayiphumeleli kuba umfundi ubhidekile. Akabhideki kuphela koko uzama ukufunda ukwenza, kodwa ebomini uqobo. Xa umntu engaphumeleli, kuyenzeka kuba loo mntu ebhidekile. Ukuze ufunde ngomatshini okanye uphile ubomi, kufuneka ukwazi ukuthatha lento yenza ukubhideka uyisingathe ukuze iyeke ukubakukubhideka kuwe.

Xa usingatha ukubhideka, kukho umgaqo onokuwulandela. Ubizwa ngokuba YIMFUMDISO YE DATUM EZINZILEYO. Imfundiso ithetha umthetho lona i datum eluzinzileyo luthetha inyani okanye inxalenye yolwazi okanye into ethembekileyo nengaguqukiyo. Ungayisebenzisa ukukunceda ukuba ususe ukubhideka okanye ukuthintele.

Umzekelo, ukuba ubone amaphepha amaninzi kakhulu ebhabha egumbini, ebeyakukhangeleka esenza ukubhideka de ube ukhetha iphepha elinye ukuba libe lilo ozakulijonga. Wawunokubona ke ukuba yonke enye into esegumbini yayishukuma (ihamba). Ngamanye amagama, intshukumo ebhidayo inokuqondwa ngokufumana nokuthatha isigqibo sokuba into enye ayishukumi.

Ungayenza le nto ngokwakho ukuba uthatha amaphepha amancinci uwaphose emoyeni. Ngoku thatha elinye leziziqwengana zamaphepha ulenze libemnyama. Phinda uziphose phezulu iziqwengana zamaphepha ukhangele esi simnyama. Kubonakala ngathi kuthothile ukubhideka ngenxa yokuba usebenzisa i datum ezinzileyo olunye ukulungelelanisa (ukuzisa ucwangco) kokokubhideka.

Kwindawo ehamba iimoto, zonke iimoto ezihambahambayo zingenza ukubhideka ngaphandle kokuba ungajonga imoto enye ugqibe kwelokuba imile xa uyijonge nezinye iimoto. Unokuzibukela ezinye iimoto ngokuthelekisa nale uyikhethileyo uze ubone ukuba zihamba njani iimoto.

Umamkeli ofumana iminxeba elishumi ngaxeshanye usombulula ukubhideka ngokuthatha umnxeba omnye njengowokuqala anokuwuthathela ingqalelo. Akukhathaliseki nokuba uphendula owuphi kuqala. Ukubhideka “kweminxeba elishumi yonke ngaxeshanye” kuyancipha xa ekhetha umnxeba omnye ozakuphendulwa.

Umphathi wendawo yokusebenzela, ovelelwe ziimeko zikaxakeka ezintathu kunye nengozi, kufuneka nje athathe isigqibo sokuba yeyiphi na azakuyisingatha kuqala ukuthomalalisa ukubhideka aze abuyisele izinto zibephantsi kolawulo lwakhe.

Ude kube ukhetha isiqwenga esinye solwazi, into enye, into enye kukubhideka—i datum ezinzileyo—ukubhideka kuyaqhubeka. Le nto uyikhethayo uze uyisebenzise iba i datum ezinzileyo kwintsalela yezinto ezikukubhideka.

Nasiphi na isiqwenga solwazi—umzekelo, indlela yokubhaka iqebengwana—sakhiwe kwi datum olunye. I datum ezinzileyo lwayo olo.

Ekubhakeni iqebengwana, i datum ezinzileyo ingakukuba xa ufaka zonke izithako kwi-ovini, iyabhaka ipheke kuphume iqebengwana. Ukuba uzama ukwenza i datum ezinzileyo gwenxa okanye ngobuxoki, lonke ulwazi obunalo lungadala ukukubhideka. Umzekelo, ukuba umntu uthe i-ovini yinto engalunganga kwaye amaqebengwana akufuneki aphekwe eovinini, yonke loo nto inokudala ukubhideka kuwe.

I datum ezinzileyo akunyanzelekanga ukuba lube loluchanekileyo. Yinto enye engqamanisa zonke ezinye ithintele izinto ekubeni zibekukubhideka okupheleleyo.

Ukuba ubufundisa umntu ukuba usetyenziswa njani umatshini, ukuba akade aqonde alandele umkhombandlela wakho, wenze njalo ngoba ebengenalo i datum ezinzileyo. Kufuneka aqonde into enye kuqala. Esakuyiqonda ayibambe le nyaniso, unokubamba nezinye. Nabanina uyakuba nengxaki kwimeko ebhidayo ade abambe ngokupheleleyo inyaniso enye okanye into enye.

Ukubhideka, nokuba kukhangeleka kukukhulu kwaye kunzima kangakanani na ukuzoyisa, kwenziwe lulwazi, imithetho, imigaqo okanye iziqwenga zento. Bamba isiqwenga esinye okanye umthetho okanye umgaqo uyakuba nakho ukusingatha ukubhideka. Usakuyibamba indlela yokwenza inxenye enye isebenze, jonga ukuba zisebenza njani ezinye xa uzithelekisa nayo kwaye uyakube ukudambisile ukubhideka. Emva koko, ukwenza ezinye izinto zihambelane nale nto uyiqondileyo, uyakukwazi ukulawula kunye nokusingatha ukubhideka ngokupheleleyo.

Xa ufundisa umntu ukuba asebenzise umatshini, musa ukumnika ulwazi oluninzi uze emva koko umbonise izinto azenze gwenxa. Oko kuyakumbhida kwaye kuyakumenza abengathi usisidenge. Khangela kukubhideka kwakhe indawo yokuqala, i datum yokuqala. Umzekelo, mxelele, “Nantsi indlela oqala ngayo umatshini.”

Xa ufumana umntu obhidekileyo, kungenzeka ukuba wonke umkhombandlela waphoswa kuye, engaziqondanga, ke ngoku akanalo noluvo olucacileyo lokuba zintoni zinjani na okanye zisebenza njani. Ukuphatha umntu onje, ungaqala ngokonakulula, njengoku, “Ngumatshini lo.” Emva koko mqinisekise. Menze awuphathe, awuphathaphathe, awuthyale. Uya kumangaliswa kukuba kuthatha ixesha elingakanani, kodwa uya kumangaliswa kukuba ukuqiniseka kwakhe kuyanda. Kuzo zonke izinto ezimbaxa okanye ezinzima ekufuneka ezifundile ukuze akwazi ukusebenza ngomatshini, kufuneka aqale azi i datum enye. Akubalulekanga ukuba yeyiphi i datum ayifunde kuqala, oko nje elufunda kakuhle. Kusoloko kungcono ukufundisa umntu i datum esisiseko elula. Umzekelo, ungambonisa ukuba umatshini wenza ntoni, ungamcacisela ngokwenziwa ngumatshini okanye ungamxelela ukuba kutheni ekhethiwe ukuba asebenzise lo matshini. Kodwa kufuneka wenze i datum esisiseko elunye icace kuye okanye uyakubhideka.

Ukubhideka kukungaqiniseki. Ukubhideka bubudenge. Ukubhideka kukungazithembi. Xa ucinga ngokungaqiniseki, ubudenge kunye nokungazithembi, cinga ngokubhideka uyakuba uyichanile.

Yintoni ke, ukuqiniseka? Ukuqiniseka kukungabikho kokubhideka. Buyintoni ke ubukrelekrele? Ubukrelekrele kukubanako ukusingatha ukubhideka. Luyintoni ke ukhuseleko? Ukhuseleko kukubanako ukuphumela okanye uphephe ukubhideka okanye uzise ucwangco apho kukho ukubhideka. Ukuqiniseka, ubukrelekrele kunye nokhuseleko kukungabikho okanye kukubanako ukusingatha ukubhideka.

Ingaba ithamsanqa lingena njani kubhideko? Ithamsanqa lithemba lokuba ithuba elingalawulwayo elithile liyakunceda. Ukuthembela kwithamsanqa kukungaphumeleli. Akunakunceda ukuba uphumelele.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.