Let us know how it is going
5.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Ukubaluleka Komsebenzi

Umsebenzi yi datum ezinzileyo loluntu. Ngaphandle kwento yokwenza, akukho nto yokuphilelwa. Indoda engenakusebenza ifana nefileyo kwaye idla ngokukhetha ukufa.

Kwi Scientology iimfihlakalo zobomi azisafihlakelanga kakhulu. Akukho mfuneko yakuba kubekho mfihlakalo malunga nobomi. Kuphela ngabantu abangenzi okanye abacinge ngokuchanekileyo abafuna ukubaneemfihlo ezininzi ezifihlwe kubo. I Scientology isuse izinto ekwakunzima ukuziqonda ebomini yaze yafumana nezisombululo kwiingxaki zobomi. I Scientology, okokuqala kwimbali yoMntu, inokukhulisa ubukrelekrele, yandise ukubanako kwaye ibuyise ukubanako ukudlala umdlalo wobomi. Nkqu nomsebenzi ngokwawo unokuba yinto emnandi enokwenza wonwabe kwakhona.

Kukho into enye kuphela efundwe kwi Scientology ebaluleke kakhulu kwindlela umsebenzi acinga nazibona ngayo izinto. Usoloko esiva ekuhlaleni ukuba usebenzela umvuzo azawunikwa kwangoko kwaye akukho kwanto ibalulekileyo ayenzayo. Ukutshintsha indlela akujonga ngayo oku, kufuneka azi izinto ezininzi. Enye yazo yindlela abambalwa ngayo abasebenzi abasebenza kakuhle. Kwinqanaba labalawulayo, kunika umdla ukuqaphela ukuba ixabiseke kangakanani indoda ekwaziyo ukujongana nokulawula imisebenzi kunye namadoda ngokwenene kuyo nayiphi na inkampani enkulu. Abasebenzi abalungileyo abanjengaba kunzima kakhulu ukubafumana. Enye into ebaluleke kakhulu yinto yokuba umhlaba namhlanje kuthiwa mawukholelwe—ziifilosofi zengqondo (izinto ezingeyonyani ezithethwe ngabantu abasebenza ngengqondo ezinje ngeengcali zokusebenza kwengqondo)—kukuba xa ufile, kuphelile ngawe kwaye akukho nto unoxanduva ngayo. Akunakwenzeka ukuba yinyani le.

Enye into esiyaziyo kukuba abantu baxabisekile kwaye izinto azinakwenziwa ngaphandle komsebenzi wabo. Abanye abantu bathi “Ukuba abantu bacinga ukuba baxabisekile kwaye babalulekile, kufuneka baye emangcwabeni bajonge—loo madoda ayebalulekile efuneka.” Bubudenge ukuthetha le nto. Ukuba ubujonge ngenyameko emangcwabeni, ubuya kufumana umntu obesebenzisa umatshini owawusenza izinto kwiminyaka engaphambili, kwaye ngaphandle kwakhe, ngekungekho mzi-mveliso okanye ivenkile zomatshini namhlanje. Kuyathandabuzeka ukuba le nto yenziwe yila ndoda yayinika uluntu ngexesha eyayiphila ngalo yinto eyenziwa ngomnye umntu namhlanje.

Umntu osebenzayo akangomntu nje usebenzayo. Umsebenzi akangomsebenzi nje. Umsebenzi waseofisini akangomsebenzi waseofisini nje. Baziintsika ezibalulekileyo eziphilayo, eziphefumlayo (izinto eziphakamise into) apho kwakhelwe khona sonke isakhiwo somhlaba wethu. Abazozinto zokuhambisa (amavili) kumatshini omkhulu. Bangumatshini ngokwawo.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.