Let us know how it is going
7.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Ukwenza Ukubuyisela Kwakhona Okugcweleyo

Kukho inyathelo elinye emva kwe Purification Program ukuze kufezekiswe ngokupheleleyo ukuphuma kwiziyobisi.

Inkululeko epheleleyo kwiziphumo ezonakalisayo zeziyobisi ifuna ukuba umntu ajongane nemifanekiso yengqondo xa ethathe iziyobisi. I Purification Program isusa iintsalela zeziyobisi ezigcina imifanekiso yemifanekiso yengqondo kwi restimulation. Kodwa imifanekiso isekhona. Zingaba restimulated ngengcinga zoko kukungqongileyo kwaye zibe nesiphumo esibi emntwini. Oku kunokwenzeka ngaphandle kolawulo kunye nangaphantsi kokuqonda kwakhe. Inokumenzakalisa ngendlela engacacanga, ngesizathu esifihlakeleyo kuye.

I processing ejongana nale mifanekiso ibizwa ngokuba yi Rundown Ngeziyobisi. Ihanjiswa zii practitioners kwi Scientology Churches kunye nee Missions.

I rundown luthotho lwamanyathelo okuphatha inxenye yobomi bomntu okanye ubunzima kwaye isiphelo sakhe esaziwayo. Iziphumo ze Rundown Ngeziyobisi zikhululekile kwiziphumo eziyingozi zeziyobisi, notywala kunye nonyango kwaye zikhululekile kwizidingo zokuzithatha.

Iimbono zomntu kunye nokurekhodwa izinto ezibambekayo zomhlaba azichanekanga ngqo njengoko zidityaniswa nezehlo zangaphambili, imibono kunye neziganeko ezenzeke ngelo xesha. Umntu unokuba nemifanekiso namava exesha elidlulileyo adibanise ixesha langoku neembono zakhe. Yiyo loo nto inkumbulo yakhe kunye nokubanako kwakhe ukucinga zombini zincinci kunokuba bezifanele kwaye kufanele abe uyakwazi.

I Rundown Ngeziyobisi iphatha ukusetyenziswa kweziyobisi kwangaphambili ngeendlela ezininzi. Okokuqala, iinkqubo ngqo zisetyenziselwa ukujongana namava umntu awayenawo ngelixa ethatha iziyobisi. Oku kukhulula ingqalelo eye yanamathela kula mava.

Okukhona ingqalelo yomntu ikhululeka kwiziganeko zangaphambili, kokukhona esiba nako ukuphatha ubomi bakhe. Uziva ebonakala eqaqambile, ekhulisa ukuqonda, ekwazi ukulawula ubomi bakhe kunye nezinto ezikwindawo akuyo, aze akwazi ukuba nolwalamano oluhle nabanye.

Umntu othathe iziyobisi unezinto ezininzi ezingonwabisiyo emzimbeni, ngokweemvakalelo nasengqondweni ezinxulumene nazo. Ngexesha le Rundown Ngeziyobisi ufumana kwaye ahlole imvelaphi yazo. I energy eyingozi engqondweni edibene nawo iyakhutshwa.

Ekugqibeleni, umntu, nge processing, uyakwazi ukufumana phandle esona sizathu sokuba aqale ukuthatha iziyobisi kwasekuqaleni. Umntu uphendukela kwiziyobisi ngenxa ye sizathu—esithile sokubandezeleka emzimbeni okanye ukuphelelwa lithemba. Ingxaki yeziyobisi ngoko ke yeyomoya. Isidalwa siyesabandezeleka ngandlela ithile kwaye iziyobisi zaba yindlela yokunciphisa oku kubandezeleka.

Umntu ujonga iziyobisi, utywala okanye iyeza njengeyeza lokunyanga iimvakalelo ezingafunekiyo okanye iimeko-ezinokuthi zibandakanye uluhlu olungenasiphelo lwezinto ukusuka kubuhlungu bokomzimba ukuya kwixhala nokungazithembi. Umntu kuya kufuneka afumanise ukuba yintoni kanye kanye eyayiphosakele ngaphambi kokuba iziyobisi zibe sisisombululo okanye “unyango.”

Ukuba isizathu sokuthatha iziyobisi kwindawo yokuqala asifumaneki, isidingo sokuthatha iziyobisi okanye amayeza okanye utywala siyahlala. I processing kwi Rundown Ngeziyobisi ayijongani kuphela neempembelelo zeziyobisi, kodwa yenza ukuba umntu lowo afumane kwaye azisuse izizathu ezamkhokelela ukuba azisebenzise kwasekuqaleni. Ngokwenza oku ususa ngokupheleleyo nawuphi na umnqweno ekusenokufuneka awusebenzise okanye axhomekeke kwiziyobisi kwixa elizayo.

I Rundown Ngeziyobisi ijongana kwaye isingathe iimvakalelo ezingafunekiyo umntu awayenazo ngexesha kunye nangaphambi kokuba asebenzise iziyobisi, utywala okanye amayeza. Ngokugqiba le processing, umntu uyakhululeka ekugqibeleni nakweyiphi na imiphumela yeziyobisi.

Ukuvuselelwa ngokupheleleyo komonakalo nasengqondweni ngokusetyenziswa kwesiyobisi esidlulileyo kufuna onke la manyathelo.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.