Let us know how it is going

II ASSIST UKUGULA NOKWENZAKALA

AMAGQABANTSHINTSHI NGEKHOSI

Wamkelekile kwiKhosi ii Assist zokuGula Nokwenzakala kwi-Intanethi

Abantu baphantsi kokonzakala, izifo kunye nokukhathazeka okukhulu ngokweemvakalelo.

Kwiminyaka emininzi, iinkolo zazama ukuphelisa ukubandezeleka ko Luntu esiqwini kunye nokubandezeleka ngokweemvakalelo. Kukholeleka ngokubanzi ukuba, nokuba yeyiphi na indlela esetyenzisiweyo, umntu unokuphembelela umzimba kunye nentlalo—ntle yakhe, kokubhetele kwawo okanye kokubi.

L. Ron Hubbard uphuhlise ezininzi i applications zemeko zengqondo kunye nomzimba zobunzima bomntu kwaye enye yezi kwakuyi assists.

Iindidi ezininzi ze assists zikhona kwaye ezininzi ezisetyenziswa ngokubanzi zibandakanyiwe kule khosi ukuze ufunde ukuyisebenzisa nokuncedisa abo bakungqongileyo.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Kule khosi uya kufunda:

  • Ungamnceda njani umntu ukuba achache ngokukhawuleza kwingozi, ekuguleni okanye ekucaphukeni.
  • Buyintoni ubudlelwane bakho nomzimba wakho nengqondo yakho—kwaye kutheni unefuthe lokuphembelela impilo yakho.
  • Izakhono onokuzisebenzisa ukunceda ukunciphisa iintlungu zomntu kunye nokungonwabi.

Wamkelekile

Ngoku ubhalise ngempumelelo kwaye sele ukulungele ukuqala inyathelo lakho lokuqala kwinkqubo yokufunda enomdla kunye nezakhono. Le khosi iyakukubonelela ngezixhobo onokuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kokufunda kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.