Let us know how it is going
5.‎1 FUNDA ELI NQAKU

I Nerve Assist

Phakathi kweentlobo ezininzi ze assists kwi Scientology yeyona enoba luncedo eyolula amalungu nomqolo.

Ibizwa ngokuba yi Nerve Assist.

ITHIYORI

Imithambo-luvo ithwala ukothuka kwefuthe. Ukothuka okunjalo kuya kufuneka kumke, kodwa kunqabile kuba yenzeke kwaphela. Imithambo-luvo inika imiyalelo kwizihlunu. Ngefuthe, ukunyuka kwe energy luqala ngaphambi kwendlela yemithambo-luvo. Emva koko ukunyuka kwe energy kuyajika. Oku kunika into esiyibiza ngokuba liliza elimileyo. Imile nje apho, ayiyi ndawo.

Kukho imithambo-luve elishumi elinambini ezihamba phantsi komqolo womntu, zisasaza kuwo amacala omabini egxalaba nomqolo. Le mithambo-luvo elishumi elinambini zisebenza kwiindlela ezincinci kwaye kwiziphelo zemithambo-luvo. Imithamo-luvo zichaphazela izihlunu kwaye ezi, iqinisiwe, zinokutsala zisuse umqolo kunye namanye amalungu obume omzimba endaweni.

I Nerve Assist ibandakanya ukukhulula ngobunono amaza amileyo kwimithambo-luvo yomzimba.

INKQUBO

1. Lalisa umntu ngobuso phantsi.

2. Mxelele umntu ukuba uza kwenza i Nerve Assist kwaye umchazele ngokufutshane ngenkqubo. Mxelele ukuba uza kushukumisa iminwe kunye nezandla zakho kumalungu ahlukeneyo omzimba wakhe:

“Ndizakuhambisa iminwe yam kunye nezandla kumalungu omzimba wakho azahlukeneyo.”

3. Ngeminwe yokolatha emibini, yehla ezantsi kufutshane nomqolo macala omabini, ngokukhawuleza kodwa hayi ngamandla. Esisenzo siphindaphindwa kabini.

4. Emva koko buyisela isenzo sakho sokuqala, ulandele indlela ezifanayo ngeminwe yakho emibini phezulu emqolo. Esisenzo sphidaphindwa amaxesha amabini kwakho.

5. Ngoku, sasaza iminwe yakho njenge fan, hambisa iindlela zemithambo-luvo, usebenzisa izandla zombini ngaxeshanye. Hambisa kude komqolo kwaye uyemacala omzimba.

6. Gquma wonke umqolo ngale ndlela (sebenza usehla usuka phezulu emqolo uze ufikelele ezantsi komqolo). Phinda eli nyathelo kabini kwakho.

7. Jika indlela yomvimbo yakho ukuze iibuyele phezulu emqolo (uhambisa kumacala womabini womzimba ubhekisa emqolo). Phinda eli nyathelo kabini kwakho.

8. Umntu makaguquke elele phansi ajonge phezulu. Nge minwe yakho isasazeke njenge fan, usebenzisa izandla zozibini ngaxesha elifanayo, qhubeka uhambelana neendlela zemithambo-luvo zijikeleze umphambili womzimba. Gquma umphambili womzimba ngale ndlela (usebenza ukusuka phezulu uye ezantsi). Phinda eli nyathelo kabini kwakhona.

(Qaphela: Ngokulandela imigudu ye nerve ejikelezile ukuya phambili emzimbeni, hambisa kuphela ukuya kufikelela kumanqaku eentolo kumzekeliso obonisiweyo. Iitshaneli zemithambo-luvo xa ziphathwayo azandiseli ngaphaya esifubeni okanye kwisisu, ke ukuhambisa akunakwenziwa kuzo zonke iindawo. Akukho qhakamshelwano olwenziwa namabele wamabhinqa okanye namalungu esini nakwesiphi na isini.)

9. Jika ulwalathiso lwemivimbo yakho kulama jelo emithambo luvo afanayo. Qalisa ngokubetha amabala aboniswe ngamanqaku weentolo kulo mfanekiso ungasentla, ubethela ubhekise ngasemva kwaye usebenzela phambili komzimba. Phinda eli nyathelo kabini uphindaphinda.

10. Emva koko chukumisa ingalo nganye, enye ngexesha (kathathu nganye).

11. Emva koko chukumisa umlenze nganye, omnye ngexesha (kathathu nganye).

12. Guqula umntu alale phansi kwakho ajonge phansi, nge sisu sakhe. Qalela phansi kwakho kwi nqanaba lesithathu.

I assist yenziwa ade umntu aqonde okanye afumane isiqabu. Angeva ithambo lomqolo libuyela endaweni, rhoqo likhatshwa sisandi esingaqhelekanga. Ngoku kufuneka uphelise i Nerve Assist.

I Nerve Assist kufuneka iphindwe yonke imihla kude kukhutshwe onke amaza amileyo.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.