Let us know how it is going
7.‎1 FUNDA ELI NQAKU

I Locational Assist

Enye yezona assists zilula yi Locational Assist. I Locational Assist yenziwa ngokuqondisa ingqalelo yomntu isuke kwindawo ebuhlungu yomzimba wakhe okanye ubunzima bakhe kwaye kwizinto ezisendaweni ezikufutshane naye.

Masithi ukuba ufuna ukunika i assist kumntu onobunzima obungenasiphelo. Yeyona inzima ukwenza i assist kuyo. Umntu unentlungu, kodwa akakwazi ukuba atsho uba phi. Akazi ukuba kwenzeke ntoni kuye. Uziva nje kakubi. Sebenzisa i Locational Assist. Uya kufumanisa ukuba le assist iya kusebenza xa ezinye ii assist zingazusebenza.

INKQUBO

1. Wena nomnye umntu niyahlala okanye niyahamba, icala ngecala, ngaphakathi okanye ngaphandle.

2. Xelela umntu uza kwenza i Locational Assist kwaye umchazele ngokufutshane ukuba uya kukhomba izinto kwaye umcele ukuba azijonge:

“Ndiza kukubuza, ngapha nangapha, ukuba ujonge izinto ezahlukeneyo apha. Ndizakukhomba entweni xa ndikuxelela ukuba uyijonge.”

3. Khomba into uxelele umntu:

“Jonga la nto (into).”

Khetha izinto ezahlukeneyo oza kuzisebenzisa kumyalelo. Umzekelo, umnyango, udonga, umthi, njl.

4. Xa loo mntu enze njalo, acknowledge ngegama elithi “Enkosi” okanye “Kulungile” okanye “Kuhle.”

5. Qhubeka ngokunika umyalelo ngokutsha ngexesha ngalinye kwaye ukhomba izinto ezahlukileyo endaweni. Qiniseka uku acknowledge umntu ngalo lonke ixesha emva kokujonga into omxelele ukuba ajonge kuyo.

6. Qhubeka usenza oku de umntu alumke okanye abe nokuphucuka okanye ukukhululeka kohlobo oluthile.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.