Let us know how it is going
3.‎1 FUNDA ELI NQAKU

I Contact Assist

I Contact Assist yenziwa ngokubeka ilungu lomzimba elonzakeleyo ngqo kulendawo ibinokonzakala. Yeyona assist eqhelekileyo kwezingozi kunye nokwenzakala.

Impendulo esisiseko ebomini kukuphepha iindawo apho wenzakaliswa khona. Oku kwenzelwa iinjongo zokusinda, kodwa ayisekelwanga kwingcinga ezingqiqileyo. Umzekelo, ukuba umntu uthe wabalekela etafileni wazenzakalisa, udlangokuthintela ukungasondeli kuloo ndawo kwakhona. Uya kucinga ukuba uthintela itafile, kodwa eneneni uthintela ngqo landawo yengozi. Nokuba itafile ingathathwa, uya kuqhubeka nokuthintela indawo awalimala kuyo. Esi sisizathu esisisiseko se Contact Assist.

Xa indawo ngqo yengozi okanye eyokwenzakala ikhona, soloko usenza i Contact Assist. Inokulandelwa zezinye iinhlobo ze assists, kodwa i Contact Assist kufuneka yenziwe kuqala.

INKQUBO

1. Thatha naluphi na uncedo lokuqala oludingekayo kwaye ulungise indawo ngaphambi kokuqala i assist.

2. Thatha umntu ngqo kulendawo apho yenzeke khona ingozi. Ukuba into ishushu, uyiyeke ipholile kuqala. Ukuba into yeyombane, cima umbane.

3. Xelela umntu ukuba uza kwenza i Contact Assist. Cacisa ngokufutshane inkqubo:

“Ndizokucela ukuba uhambe kancinci kule ngozi njengoko yenzekile.”

4. Yenza umntu aba angene kwindawo awayekuyo ngaphambi kokuba ingozi yenzeke. Ukuba wayephethe isixhobo esandleni sakhe, okanye esisebenzisa, kuya kufuneka ukuba agqithe kwiintshukumo ezifanayo kunye nayo.

5. Xelela umntu:

“Hamba kancinci kwingozi njengokuba yenzekile.”

Menze ukuba enze ngqo lento eyenzeka ngexesha lokwenzakala ngokumenza ukuba achukumise ngqo lendawo ngelungu lakhe lomzimba elonzakeleyo. Menze ukuba achukumise ngobunono lento eya monzakalisayo.

Ukuba uqhwaye umnwe wakhe kwimeva kwigadi ye rose, umenza ukuba achukumise ngobunono kwinxalenye enye yomnwe ofakwe kwimeva ngqo elifanayo. Ukuba uvale isandla sakhe ngomnyango, uya kufuna ukuba abuye, nesandla sakhe esenzakeleyo, uchukumise kanye kuloo ndawo akuyo, wenze ezo ntshukumo ngqo ezenzeka ngexesha lokwenzakala.

Akukho nayiphi na imiyalelo inenxaxheba kuyo. Okuncinci okutshoyo, kokhona kuzakulungela ngakumbi.

6. Xa umntu ewenzile umyalelo, acknowledge ngokuthi: “Enkosi” okanye “Kulungile” okanye “Kuhle.”

7. Phinda lento ngapha nangaphaya, ngalo lonke ixesha uphinda-phinda ukuyalela kwaye acknowledging.

8. Qhubeka de iintlungu ngqo yomzimba zivuka kwaye emva koko zimke kwaye loo mntu abe nokuqonda (ukuqonda okuqinisekileyo malunga nento). Kuya kufuneka ukuba uchukumise eyona ngongoma ukuvelisa ngqo esi siphumo. Xa oku kusenzeka, yiphelise nge assist ngokuxelela umntu:

“Isiphelo se assist.”

IINKCUKACHA EZONGEZELELWEYO

Sukunyanzela uMntu

I Contact Assist kufuneka ngamanye amaxesha yenziwe ngendlela ethe chu. Masithi umntwana ubethekise uxhongo lwakhe kumatshini wokucheba ingca ngoku akafuni kusondela kwafutshane kwe khulu yeemitha (malunga neemitha ezingamashumi amathathu) ukusuka kuloo matshini wokucheba ingca. Ungamenza enze i Contact Assist nge shin yakhe kunye nomzimba wakhe kwelo nqanaba (ikhulu leemitha ukususka kwakulo matshini wokucheba ingca ofanayo), umenze ukuba agqithe kwiintshukumo zengozi.

Ngokuthe ngcembe, uyawucutha umgama azimisele ukusondela kuwo kwaye ekugqibeleni uzonyuka enze i Contact Assist kumatshini ocheba ingca. Ungaze umtsale ngokunyanzela umntu kwindawo apho kwenzeke ukwenzekala okanye ingozi.

Ii “Solo” Contact Assist

Ii Contact Assist zinokwenziwa solo (ngokwakho), kodwa umntu kufuneka aqiniseke ukuba uyenza de iphele loo ntlungu.

Naluphi na uhlobo lokulimala lunokuphathwa nge Contact Assist. Ihlala ilolona hlobo luhle kakhulu lwe assist yokwenzakala xa kufumaneka ngqo lendawo ifanekeleyo. Ii Contact Assist zisebenza ngokunga linganiselwanga. Ngamanye amaxesha ziyamangalisa—kodwa ziyanceda njalo.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.