Let us know how it is going
9.‎1 FUNDA ELI NQAKU

I Unconscious Person Assist

Umntu ongazinto, nokuba ngubani obethongile (imeko yokungazi apho umntu engakwazi ukuvuswa khona) ixesha elide angancedwa ngokusebenzisa i Unconscious Person Assist. Ngake assist unganceda umntu ukuba anxibelelane nawe kunye nendawo akuyo kwaye umbuyise ukungazi nto abuyele empilweni. Yi assist elula ukuyifunda kwaye nokuyenza.

ITHIYORI

Ngokumenza umntu ongazi nto ukuba achukumise izinto ezikufutshane njengomqamelelo, umgangatho okanye umzimba wakhe (ngaphandle kokonzakalisa ilungu lomzimba elonzakeleyo), unokumnceda azise ingqalelo yakhe phantsi kolawulo kwaye umbuyisele kwixesha langoku.

INKQUBO

1. Thatha isandla somntu ngobunono ngesandla sakho kwaye umxelele:

“Ndiza kukunceda ukuba uphile.”

2. Emva koko xelela lo mntu:

“Yiva la _____ (nto).”

3. Ngobunono susa isandla somntu kwaye usicinezele entweni kwaye umnike ixesha elifutshane kakhulu ukuba ayive. Sebenzisa into yokwambathisa ibhedi, umqamelo, ibhedi, njl. Awulindi mpendulo, kodwa uyamnika umntu umzuzwana ukuba ayive into.

4. Acknowledge umntu ngokuthi “Enkosi.”

5. Nikeza umyalelo olandelayo kwaye ushukumise isandla somntu ukuba sichukumise enye into.

Umzekelo:

“Yiva into yokondlala ibhedi.”

(Beka isandla somntu ongazi nto kwinto yokondlala ibhedi.)

(Yima kancinci)

“Enkosi.”

“Yiva loo mqamelo.”

(Hambisa isandla somntu esinguvileyo aze asibeke phezu komqamelo.)

(Yima kancinci)

“Enkosi.”

Kwaye nangokunjalo.

6. Qhubeka nokunikeza imiyalelo, ususa isandla somntu ongazi nto kwinto elandelayo kwaye acknowledging.

7. Xa umntu sele ephapheme, ugqibelisa ngokuthi:

“Isiphelo se assist.”

Ukuba uphatha umntu okwi coma, ungangambuyiseli ezingqondweni nge assist enye. Into oyijongileyo kwimeko enjalo njengophawu lokuphelisa i assist kukuphucuka kwi meko yomntu. Kukho impawu nemimiqondiso ezahlukileyo eza kukuxelela xa ufumene uphucuko. Ukuphefumla komntu kunokuba lula, umbala wakhe wolusu ungaphucuka, angabonakala ebhetele okanye ukhululekile kunakuqala ngaphambi koba uqale i assist. Bukela ngocoselelo olu tshintsho. Zibonisa ukuba uqhubela phambili. Xa uba nokuphucuka komntu okwi coma, gqibelisa ngokuthi “Yiyo yanamhlanje” uze umazise loo mntu ukuba uza kumbona nini nge assist elandelayo.

Inkqubo yoMqondiso weSandla

Inkqubo yomqondiso ingasetyenziswa kunye nomntu ongazi nto ukuze umbuze kwaye ufumane impendulo “Ewe” okanye “Hayi.” Inkqubo yomqondiso ilula: Bamba isandla somntu ngobunono kwesakho ukuze akwazi ukusicinezela. Mxelele:

“Ungandiphendula ngokucinezela isandla sam. Cinezela kube kanye ngo ‘Ewe’ kwaye kabini ‘Hayi.’”

Emva koko ungabuza imibuzo elula ukufumana ukuba sele ulufumene uphuculo:

“Uyandiva?”

okanye

“Ngaba uyazi ukuba uphi?”

Umntu uya kuphendula, nokuba uphuthile, nokuba engazi nto. Ukuba akukho mpendulo okanye impendulo engentle, qhubeka nge assist.

Le nkqubo ibaluleke ngokukodwa xa unika i assist kumntu okwi coma. Umzekelo, unokuqaphela utshintsho emntwini ngexesha le assist, njengezintolo zenkophe zakhe ziphongoza zishukuma kancinci. Inkqubo yomqondiso ingasetyenziswa kweli nqaku ukubuza umntu:

“Uziva ngcono?”

okanye

“Ngaba uyazazi ukuba uphi?”

Ukuba ufumanisa ukuba uphucukile, uphelisa i assist. Kungenjalo qhubekela phambili de abe nophucuko.

Omnye umzekelo wokusetyenziswa kwale nkqubo kukuqalisa i assist kumntu okwi coma owawumnika ii assist rhoqo. Ekuqaleni kwe assist enjalo unokuseka inkqubo yomqondiso wesandla kwaye ubuze umntu:

“Ngaba wenza bhetele namhlanje?”

okanye

“Ngaba uqhuba ngcono kunangexesha lokufika kwam?”

Nokuba yeyiphi impendulo oyifumanayo (ngaphandle kwalomntu ubuyela ezingqondweni kwangoko), usaya phambili nge Unconscious Person Assist lomntu ongazi nto de ube nophucuko kulo seshoni.

Assist igqityiwe xa unokuthi umntu ebuyele ezingqondweni. Oku kungenzeka ngokukhawuleza okanye ngamanye amaxesha kunokudingeka ii assist ezininzi ngaphambi kokuba lufezekiswe.

Umsebenzi wakho kukugcina, uthatha assist nganye kuphuculo lomntu. Xa umntu ephapheme kwakhona, assist iyapheliswa, kodwa esi ayisosiphelo sokumphatha kwakho. Kuthetha ukuba ngoku ungaqhubekela kwezinye ii assist.

Ukulawula Okusingqongileyo

Kunga kufuneka ubeke ulawulo kwindawo esingqongileyo ngaphambi kokuba i assist ingaqalwa. Umzekelo, ukuba ubusenza i assist esibhedlela, kuyakufuneka uqiniseke ukuba abaqeshwa bezonyango abayi kukuphazamisa xa unika assist.

Isishwankathelo

Le assist elula ingabuyisa ubomi kunye ne livingness kumntu ongazi nto. Xa yenziwe kakuhle, iziphumo zingaba ngumlingo omkhulu owakha wawubona!

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.