Let us know how it is going
4.‎1 FUNDA ELI NQAKU

I Touch Assist

I Touch Assist ingasetyenziselwa ukuqaqanjelwa, iintlungu okanye ukuphazamiseka phantse kulo naliphi na ilungu lomzimba. (I Touch Assist ayisetyenziselwa intloko ebuhlungu.)

ITHIYORI

I Touch Assist imisela kwakhona unxibelelwano kunye nomzimba. Izisa ingqalelo yomntu kwiindawo ezichaphazelekayo zomzimba. Oku kwenziwa ngokuphindaphinda uchukumisa umzimba womntu nokumfaka kunxibelelwano namalungu omzimba amchaphazelayo. Unxibelelwano olongezelelekileyo nomzimba wakhe lunceda ukwehlisa iintlungu zomzimba okanye ukungaphatheki kakuhle.

INKQUBO

0. Nika umntu naluphi na uncedo lokuqala olufunekayo ngaphambi kokuba uqale assist.

1. Menze loo mntu ahlale phantsi okanye alale phantsi—nasiphi na isikhundla esiya kukhululeka ngakumbi kuye.

2. Xelela umntu ukuba uza kwenza i Touch Assist kwaye umchazele ngokufutshane ngenkqubo. Mxelele ukuba uza kumbuza, kaninzi, ukuba “Yiva umnwe wam” kwaye uya kukwazisa ngalo lonke ixesha xa enze njalo:

“Ndiza kukucela, ngapha nangaphaya, ukuba uve umnwe wam. Ixesha ngalinye, ndazise xa wenze njalo.”

3. Nika umyalelo othi “Yiva umnwe wam,” emva koko uchukumise inqaku, usebenzisa uxinzelelo lomnwe oluphakathi:

“Yiva umnwe wam.”

Suku chukumisa kwaye emva koko unike ukuyalela; ezakubuya umva.

Chukumisa ngomnwe omnye kuphela. Ukuba usebenzisa iminwe emibini, umntu unokubhideka malunga noko ebefanele ukuba akuve.

4. Xa umntu ebonakalisa ukuba uwenzile umyalelo, acknowledge ngokuthi “Enkosi” okanye “Kulungile” okanye “Kuhle.”

5. Nika umyalelo olandelayo, uchukumise kwaye acknowledging xa loo mntu ebonakalisile ukuba uwenzile umyalelo.

Xa uchukumisa, thintela iindawo zangasese okanye iimpundu kuzo zombini isini kunye namabele omfazi.

6. Uhlala ulungelelanisa amacala asekhohlo nangasekunene omzimba. Xa uchukumise icala lasekhohlo lomntu, ngokulandelayo chukumisa icala lakhe lasekunene.

Oku kubalulekile kuba inkqubo yokunxibelelana yobuchopho kunye nomzimba ziyaqhakamshelana (tshixa kunye). Ungafumanisa ukuba intlungu kwicala lasekhohlo iyahamba xa uchukumisa icala lasekunene, kuba icala lasekunene liyibambe kulondawo.

7. Uyaqhubeka nokunika umyalelo, uchukumisa kwaye acknowledging ngexesha ngalinye.

8. Qiniseka ukuba ubandakanya iingalo, iingqiniba, iisihlahla nezandla…

9. …kunye ne ncam zeminwe.

10. Chukumisa iinzwane, iinyawo, amadolo kunye nemilenze.

11. Ukongeza ekuphatheni amacala asekhohlo nasekunene omzimba, kufuneka ujonge ngasemva nangaphambili amacala omzimba. Ngamanye amagama, ukuba unike ingqalelo kumphambili womzimba, kufuneka unike ingqalelo nomva womzimba.

Oku kubandakanya amacala asekhohlo nasekunene komqolo…

12. …kwaye nomva kwamadolo.

13. Qhubeka nge assist ade umntu aqonde okanye afumane isiqabu.

I TOUCH ASSIST YELUNGU ELITHILE LOMZIMBA

Ukuba lo mntu unobunzima obuthile okanye ukungaphatheki kakuhle, unokumnika i Touch Assist ukujongana nelo candelo lithile lomzimba.

1. Xa uchukumisa, usondela kwindawo echaphazelekayo.

2. Emva koko usuke kwindawo echaphazelekayo. Emva koko yiya kuyo kwakhona.

3. Suka kwindawo echaphazelekayo kwakhona. Emva koko sondela kuyo kakhulu.

4. Emva koko uye kude kakhulu kwindawo echaphazelekayo. Emva koko sondela kwindawo apho uchukumisa ngokwenyani indawo echaphazelekayo.

5. Nje ukuba uchukumise indawo echaphazelekayo, yiya kude kuyo uqhubeke ne assist.

6. Xa ujongana nelungu elithile lomzimba, uchukumisa ilungu langasemva ngokunjalo.

7. Nokuba leliphi ilungu lomzimba elincedwayo, i Touch Assist ihlala ibandakanya izandla neenyawo kunye nomqolo.

8. Qhubeka nge assist ade umntu aqonde okanye afumane isiqabu.

9. Xelela umntu:

“Isiphelo se assist.”

Kunga kufuneka unikeze ii Touch Assist imihla ngemihla ukuze ufezekise iziphumo. Ekuqaleni, unokufumana ukuqonda malunga nendawo apho ukugula okanye ukwenzakala khona. Ukunikeza enye i Touch Assist ngosuku olulandelayo, unokulindela ukuphucuka okungakumbi. Kungathabatha iintsuku ezininzi ngakumbi kunoku, nge Touch Assist enikezwa usuku ngalunye, ngaphambi kokuba kufumaneke isiphumo. Inqaku kukuba linani lee Touch Assist ongazenza kwinto enye azinamkhawulo.

UKUSETYENZISWA

Sebenzisa Kumonzakalo

Ungaze wenze i Touch Assist njengonyathelo lokuqala lomntu owenzakeleyo xa unokwenza i Contact Assist. Ukuba indawo ngqo apho ukwenzekala kwenzeke khona iyafumaneka, yenza i Contact Assist. I Contact Assist ingalandelwa yi Touch Assist okanye naluphi na inyathelo le assist. Ukuba indawo ngqo yokwenzakala ayifumaneki, i Touch Assist iyasetyenziswa.

Sebenzisa kuBantu Abangazi Nto

Ii Touch Assist zingenziwa nakomntu ongazi nto. Unxibelelana nalo mntu ngokuthatha isandla sakhe ngobunono kwaye umxelele:

“Xa uve umnwe wam, cinezela isandla.”

Umntu uya kukunika ukunyuka okuncinci koxinzelelo. Emva koko qhubeka phambili nge Touch Assist, uchukumisa amadolo, amathanga, iinyawo, intloko, iindlebe kwaye nakanjalo. Uza kuqala ukuqonda kwaye alandele into aza kuyenza emva kwethutyana.

Sebenzisa Kwizilwanyana

Ii Touch Assist ingasetyenziswa kwiziphumo ezilungileyo kwizilwanyana.

Ekwenzeni i Touch Assist kwegulayo okanye eyonzakeleyo inja okanye ikati, kuya kufuneka unxibe iigloves ezingqindilili, njengoko zisenokuqhwakraza kwaye zikrwele.

Sebenzisa kuBantu Abakwiziyobisi

I Touch Assist ingenziwa kumntu oye wanikwa i-pilisi zentlungu okanye ezinye iziyobisi. Oku ayiyonto ifanelekileyo, kodwa ngamanye amaxesha kuyadingeka phantsi kweemeko ezingxamisekileyo.

Apho umntu enzakele khona, i objective yakho kufuneka ibe kukufika kuye kwaye umnike i Touch Assist ngaphambi kokuba nabani na amnike ipilisi zentlungu. Ukuba umzimba wonzakele kakhulu, loo mntu usenokuba sezintlungwini emva kwe assist yakho, kodwa uyakube ususe ukothuka.

IZILUMKISO

Iintloko Ezibuhlungu

Ungayenzi i Touch Assist kumntu onentloko ebuhlungu. Uphando lubonakalisile ukuba iintloko phantse zihlala zibangelwa yinto eyenzeka ngengqondo ukuba i Touch Assist iyakuba ayilunganga ukuyiphathela.

Ukwenzakala Kwentloko

Ukuba umntu ufumene ngokwenyani ukwenzakala entloko, njengoku hlatywa esweni okanye ukubethwa entloko ngentonga, angayinikwa i Touch Assist. Oku kukwasebenza kukwenzakala kwamazinyo okanye umsebenzi wamazinyo obuhlungu.

ISISHWANKATHELO

I Touch Assist kulula ukuyifunda kwaye inokuphawuleka kakhulu kwiziphumo zayo. Inethuba lokuba lula ukufundisa abanye. Ke yisebenzise kakuhle ukunceda abo bakungqongileyo, kwaye ubafundise uba bancedise nabanye.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.