Let us know how it is going
6.‎1 FUNDA ELI NQAKU

I Body Communication Assist

I Body Communication Assist isetyenziselwa ukwenza umntu akwazi ukuba amisele kwakhona unxibelelwano nomzimba wakhe.

I Body Communication Assist ayitshintshi okanye ingene endaweni ye Touch Assists okanye ii Contact Assist. Apho umntu enzakeke khona okanye eneendawo ezithile zomzimba apho kudingeka khona i assist, yi Touch Assist yodwa okanye i Contact Assist efanele isentyenziswe.

I Body Communication Assist isetyenziswa kuphela xa umntu ephumile kunxibelelwano nomzimba wakhe okwexeshana, njengasemva kokugula okanye ukwenzakala, okanye ebengasebenzi ixesha elide. Kodwa le assist ingenziwa kuphela emva kokuba nayiphi na ingqaleo yonyango oluyimfuneko okanye ezinye ii assist eziyimfuneko zenziwe. Ayenziwa endaweni yezi.

INKQUBO

1. Menze umntu alale ngomqolo. Naziphi na iimpahla okanye izihlangu eziqinileyo kufuneka zisuswe okanye zikhululwe. Akunyanzelekanga ukuba ususe nayiphi na impahla yokunxiba ngaphandle kwezi ezinzima okanye ezinkulu kakhulu (ezinje ngejakethi okanye idyasi).

2. Mxelele umntu ukuba uza kwenza i Body Communication Assist kwaye umchaze ngokufutshane ngenkqubo. Mxelele ukuba uya kuba uzakumbuza “Yiva izandla zam” kwaye uza kukwazisa ngexesha ngalinye xa enze njalo:

“Ndiza kukubuza, ngapha nangaphaya, ukuba uve izandla zam. Rhoqo undazise xa wenze njalo.”

3. Mxelele umntu, “Vala amehlo akho” kwaye acknowledge ngokuthi “Enkosi” xa esenza njalo:

“Vala amehlo akho.”

“Enkosi.”

4. Beka izandla zakho emagxeni omntu ngokuqinileyo kodwa ngokuthambileyo. Jonga nomntu ukuba ukhululekile na ngayo.

5. Nika umyalelo “Yiva izandla zam.” Soloko unika imiyalelo kuqala, uze ubeke izandla zakho:

“Yiva izandla zam.”

Ungabeki izandla zakho kwaye emva koko unike umyalelo; oko kungangasemva.

6. Xa umntu ebonakalisa ukuba uwenzile umyalelo, acknowledge ngokuthi, “Enkosi” okanye “Kuhle,” “Kulungile,” “Konke Kulungile” “Kulungile,” njl.

7. Qhubeka nokunika umyalelo, uchukumisa kwaye acknowledging xa umntu ebonakalisa ukuba uwenzile umyalelo.

8. Qhubeka nokwehla ngomziba, ngaphezulu kwesifuba, amacala esifuba, izandla kumacala omabini esisu (ilungu lomzimba elisezantsi apho isisu sikhona) esinqeni.

9. Ngesandla esinye, sijikeleze isisu kwindlela eya ngasekunene (ngasekunene kuba le yindlela yokuhamba kwethambo elikhulu). Ithumbu yityhubhu ende ethwala inkunkuma eqinileyo ephuma esiswini ikhiphela ngaphandle emzimbeni.

Xa usebenzisa isandla esinye ukujikeleza ithumbu, umyalelo ngu “Yiva isandla sam.”

10. Qhubeka ngezandla zozibini kwisincinci esincinci ngasemva, esinye kwicala ngalinye, kwaye uphakamise ngokuqinileyo.

11. Beka isandla phezu kwe nyonga nganye ngoxinzelelo oluqinileyo kula malungu anamathambo.

12. Ngezandla zozibini, yehla ngomlenze omnye uye edolweni, emva koko wehle komnye umlenze uye edolweni.

13. Ngezandla zozibini ke yehla emlenzeni omnye ukusuka edolweni uye ezinzwaneni. Emva koko yehla komnye umlenze ukusuka edolweni uye ezinzwaneni.

14. Sebenza ngokunyuka uye emagxeni ngezandla zozibini, ukusuka ezinzwaneni ukuya edolweni kuyo yomibini imilenze.

15. Yenyuka ngomlenze omnye ukusuka edolweni uye kwi nyonga uze unyuke omnye umlenze ngendlela efanayo.

16. Beka isandla phezu kwenyonga nganye ngoxinzelelo oluqinileyo.

17. Qhubeka ngezandla zozibini kwesincinci somva, esinye kwicala ngalinye, kwaye uphakamise ngokuqinileyo.

18. Yijikeleza isisu ngesandla esinye njengaphambili ngendlela eya ngasekunene.

19. Qhubeka ngokunyuka nomzimba, ngezandla macala omabini esisu esinqeni, amacaleni esifubeni, ngaphezulu kwesifuba.

20. Yehla ingalo nganye kwaye uphumele kwiminwe.

21. Beka izandla zozibini ngasemva kwentamo, enye kwicala ngalinye.

22. Beka izandla zakho macala omabini obuso, ibunzi, ngasemva kwentloko nakumacala wentloko.

23. Qhubeka nokubeka izandla zakho kwiindawo ezahlukeneyo kude nentloko ukuya eziphelweni zomzimba.

Iindidi ezininzi ezahlukeneyo zokubeka izandla zingenziwa, uthintela, kakade, ukunqanda, ngokuqinisekileyo, iindawo zesini okanye impundu kuzo zombini isini kunye namabele wamabhinqa. Qhubeka nokuhla komzimba kwaye usoloko usuka entloko usiya kwiziphelo.

24. Ukuba nangaliphi na ixesha uphawula ukuba kukho into eyenzekayo emntwini (aphumle ixesha elide ekuphenduleni, iintlungu zomzimba okanye ukungakhululeki emzimbeni okanye ukujijeleka komzimba, utshintsho oluncinci kumbala wobuso) buza “Kwenzeke ntoni?”

Umntu uya kuchaza into eyenzekileyo okanye eyenzekayo. Shiya izandla zakho zikwindawo, ngoxinzelelo ngqo olufanayo, ngelixa esathetha. Acknowledge kwaye uqhubeke nge assist.

I Body Communication Assist iyaqhubeka de umntu aze aqonde okanye afumane isiqabu. Ngeli xesha, uthi “Enkosi” kwaye ugqibelise ngokuthi:

“Isiphelo se assist.”

Awuphazamisi unxibelelwano okanye ukuqonda oko, kodwa umntu makayigqibe into ayithethayo ngaphambi kokuba uphelise.

Assist akufuneki iqhubekiswe ngaphaya kokuqonda okanye kwesiqabu.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.