Let us know how it is going
2.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Ukunceda uMntu aziPhilise

Ukwenzakala, ukuthungwa, ukuzalwa kweentsana, ukugula kunye namaxesha weemvakalelo ezinzulu, njengokuphulukana nomntu omthandayo, zonke ezi zinto zinokuqwalaselwa ngokugqibeleleyo nangezipheleleyo ii assist.

Xa kufuneka, yenza uvavanyo lwezonyango okanye ukuxilonga lwenziwe. Apho unyango luye luphumelele rhoqo kufuneka uqiniseke ukuba lwenziwa kuqala kumntu owenzakeleyo okanye ogulayo. Ngenxa yokuba i assist ngamanye amaxesha inokugubungela ukulimala okanye ithambo elaphukileyo, akukho thuba lifanele lithathwe, ngakumbi ukuba imeko ayibingcono kalula. Ngamanye amagama, apho into ithathwa njengokukruneka esincinci, ukuze ikhuseleke, kufuneka kwenziwe i X-ray. I assist aziyithathi indawo yonyango kodwa zinokunceda kakhulu ukuba uchache kamsinyane.

Ubomi bunokuba nzima kumntu owenzakeleyo okanye ogulayo, okanye umfazi osandula ukuzala umntwana. Akukho sizathu sokuba umntu ahlupheke iiveki, iinyanga okanye iminyaka xa enokuncedwa ngokumangalisayo ukuba abuyele kwiiyure, iintsuku okanye iiveki. Ungafunda kwaye uziqhelanise kwaye ubonelele ngoncedo ngokunika assists kuloo mntu onjalo kwaye ukhawulezise ukuchacha kwabo.

Umntu akanyanzelekanga ukuba abe ngugqirha ukuze athathe umntu amse kwagqirha. Kwaye omnye akunyanzelekanga ukuba abe ngugqirha ukuze aqwalasele ukuba unyango kungenzeka uba alumncedi umntu.

I assist ayikokuzibakanya ekuphiliseni kwaye ayikokuzibandakanya kunyango. Into eyenzayo kukunceda umntu aziphilise.

Umntu onika i Scientology assist anganceda ukwehlisa ukubandezeleka: angabenza ubomi bube nenjongo yokuphila. Unakho nokwehisa ixesha lokuchacha kwaye unokwenza ukuchacha kwenzeke xa kusenokungabi njalo.

Kukho ii assist ezininzi kwi Scientology onokuthi ufunde ukuzenza ukunceda ukuphelisa ukubandezeleka kwaye uncede umntu ukuba aphile ngokukhawuleza kwimeko yengozi, ukugula okanye ukuphazamiseka. Ii assist zihlala zinceda kwaye zineziphumo ezimangalisayo.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.