Let us know how it is going
4.‎2 FUNDA ELI NQAKU

Unyango Lwesibini Lwesithintelo Sokufunda Sesibini:
Ukuthambeka Kakhulu Inqanaba Lokufunda

Ukuba ufunda ukwenza into kwaye uqala ukuziva uluhlobo lokubhideka okanye ukuhexa, uyazi kwangoko ukuba ubethe kakhulu kwi nqanaba elithambekileyo. Udlule kwinto ungakhange uyiqonde, kwaye waqala kwinto elandelayo ebuye yathambeka kakhulu kwaye uhambe ngokukhawuleza.

Unyango lwesithintelo lwe nqanaba elithambekileyo lumi ngolu hlobo lulandelayo:

1. Sika umva kwi nqanaba. Oku kuthetha ukuba yeka ukuzama ukuya phambili kwaye ubuyele apho ubugqibile ukwenza kakuhle khona.

2. Fumanisa ukuba kuphi apho ubungabhidekanga khona kwi nqanaba.

3. Emva koko fumana isenzo esitsha osenzileyo.

4. Fumanisa ukuba sesiphi na isenzo ubusenza obusiqonda kakuhle.

5. Uya kufumanisa ukuba awukhange uyiqonde kakuhle. Ikhona into ongakhange uyibambe kwisiphelo somsila wento ubuyiqonda kakuhle kwaye emva koko uye wadlula inqanaba.

6. Cacisa into obungakhange uyiqonde.

7. Nje ukuba uyicacise into obungakhange uyiqonde, qhubeke ukusuka apho.

Kwi nqanaba, zizenzo onomdla kuzo. Unoluhlu oluthile lwamanyathelo ekufuneka uwenzile. Kwaye ukuba utsiba inqanaba ngokwenza loo manyathelo, ungabaleka ungene engxakini. Kodwa ukuba ulandela amanyathelo endlela yokuphatha ukutsiba inqanaba, uya kuphuma kuyo.

Kumzekelo wokuqala womntu oselula ofunde ukukhwela ibhayisekile kwi-nqanaba, masithi uye wathambeka kakhulu kwi-nqanaba kwaye waqalisa ukuzama ukukhwela ibhayisekile ngaphambi kokuba aligqibe inyathelo langaphambili emva koko wangena engxakini.

Masithi ubonakalisile oku ngokungakwazi ukubamba indlela yokugcina ulungelelwaniso kunye nokukhwela kunye nokuqhuba ibhayisekile zonke ngaxeshanye. Yithi uvele wabanohlobo lokubhideka okanye ukuhexa (waziva enesiyezi kwaye engazinzanga) kwaye wayeqhubeka esiwa kwibhayisekile. Ubungamyeka asike umva inqanaba kwaye abuyele kwinyathelo lokuqala apho ebe qhuba kakuhle—inokuba yelungelelanisiweyo ibhayisekile enamavili amabini axhasa ngasemva.

Uya kumncedisa ngokufumanisa apho aqhuba kakuhle kumanyathelo angaphambili we nqanaba kwaye emva koko ufumanise ukuba yintoni le angazange ayiqonde ngokupheleleyo malunga nenyathelo lokuqala. Xa sele icacisiwe kwaye wavuya ngokwenza loo manyathelo, uya kumqhubela phambili abuyele kwi nqanaba elandelayo kwakhona. Angenza kakuhle.

Kumzekelo apho unokwenzeka ungene kwelithambeke kakhulu inqanaba lokufunda indlela yokufaka okanye yokusebenzisa inkqubo entsha yekhompyuta, uya kubuyela emva kwinxalenye yenkqubo yekhompyuta yakho owawuyisebenzisa uyiqonda kakuhle kwaye iqhuba kakuhle, ngaphambi kokuba ube nengxaki. Ke uya kuyicacisa into obungayiqondi, uqhubekele phambili usuka apho.

Lo mgaqo-siseko ukutsiba inqanaba kunye namanyathelo okuphatha zizi zixhobo onokuzisebenzisa kuyo nayiphi na into oyifundayo okanye ofunda indlela yokuyenza.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Isithintelo Sesibini sokuFunda:
Ukuthambeka Kakhulu Inqanaba Lokufunda
Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.