Let us know how it is going

IZISEKO ZOKUCWANGCISA

AMAGQABANTSHINTSHI NGEKHOSI

Wamkelekile kwiKhosi seZiseko Zokucwangcisa kwi-Intanethi

Sonke siyabona ukuba xaizinto bezicwangciswe ngcono, abantu bebeyakuphila ngcono. Sonke sinamava ngeshishini okanye urhulumente, isikolo okanye iqela elingacwangcisekanga kakuhle saze sadideka, salibaziseka kwaye sakhathazeka sizama ukumelana nokokungabikho kulungiselela.

Ukuzama ukuqalisa into—isicwangciso, umbono omtsha owawunawo, mhlawumbi ukuqala ishishini elitsha—ngaphandle kokulungiselela kunokuba yinto eyoyikekayo. Ukulungiselela yeyona nto yenza impumelelo yomntu kwishishini, kubomi bosapho, kwizinto zokuzonwabisa nakwezinye izinto zeqela onokuthi uzibandakanyeke nalo. Ukufezekisa iinjongo zakho, nokuba zikhulu okanye zincinci kangakanani, kufuneka ukwazi ukucwangcisa izinto.

Kule khosi, uzakufunda ngemithetho ngokubanzi yokulungiselela, ukuba ungayisebenzisa njani na kunye namanyathelo ngqo onokuwathatha ukulungiselela ubomi bakho, iqela, umbutho okanye ishishini. Ngokufunda uze usebenzise olu lwazi, uyakubanakho ukuphumelela ngakumbi kuyo yonke into oyenzayo.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Kule khosi uya kufunda:

  • Ungaziphepha njani iziphazamiso kunye nokusebenza kakhulu kwaye wongeze impumelelo yakho kuwo nawuphi na umsebenzi.
  • Inyathelo lokuqala ekufuneka ulithathele ukulungelelanisa nantoni na ngempumelelo, nokuba ngowakho umsebenzi okanye yinkampani iyonke.
  • Yintoni i Organizing Board kwaye ngokuchanekileyo uyenza njani ukuze wenze umsebenzi wakho, iprojekthi okanye iqela libe nemveliso ngakumbi.

Wamkelekile

Ngoku ubhalise ngempumelelo kwaye sele ukulungele ukuqala inyathelo lakho lokuqala kwinkqubo yokufunda enomdla kunye nezakhono. Le khosi iyakukubonelela ngezixhobo onokuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kokufunda kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.