Let us know how it is going
2.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Ukulungiselela Okusisiseko

Yintoni ukulungiselela?

Uninzi lwabantu luneembono ezininzi malunga negama elithi “Ukulungiselela” kangangokuba abacingi ngalo njengento ebandakanya abantu abasebenza kunye ukwenza into yenzeke.

Masijonge ukuba yintoni kanye ukulungiselela.

Masiqale ngokuthatha imfumba yeentsimbi ezibomvu, ezimhlophe kunye neziluhlaza ezisetyenziselwa ukwenza into. Masizicwangcise.

Kuqala sizoba i Org Board. “I Org Board” ayikokubhekisa ngokufutshane kwibhodi yombutho kodwa kwi Organizing Board. I Org Board yibhodi ebonisa ulungelelwano olucwangcisiweyo lokucwangcisa ukuvelisa imveliso. Kwakhona, imveliso yinto egqityiweyo—inkonzo okanye into—enokutshintshiswa.

Imibutho kunye neenkampani zivelisa iimveliso—iimoto, ubucwebe, iimpahla, izinto zokudlala, ukutya, njl. iKulo naliphi na ishishini okanye inkampani, umntu ngamnye osebenza apho uvelisa into.

Umzekelo, umamkeli uvelisa iminxeba ephendulwa ngembeko ize idluliselwe kumntu olungileyo.

Umsebenzi wendawo yokwakha uvelisa inxenye yesakhiwo, njengokwakha iindonga okanye imigangatho.

Umpakishi ufaka nantoni na inkampani eyivelisayo ngokucwalileyo kwiphakheji efanelekileyo.

I organizing board isetyenziswa lishishini ukuvelisa iimveliso zalo ukuze liphumelele.

Makhe sijonge ukuba isebenza njani.

Sinenqwaba yeentsimbi. Masilahle zonke iintsibi phezu kwe “In-Charge,” umntu ophetheyo, zonke zidityaniswe kwisiphithiphithi.

Ngokucacileyo u “In-Charge” kufuneka enze into ngazo zonke ezi ntsimbi okanye uzakuziva edidekile kwaye engakwazi ukujongana nokukudideka. Ke kufuneka ukuba azihambise iintsimbi—azithumele ngendlela okanye umjelo othile. Enye indlela anokwenza ngayo oku kukuqala ngokuzohlula ukuba zibe ziintlobo: iintsimbi ezibomvu, iintsimbi ezimhlophe kunye neentsimbi eziluhlaza.

Iyakukhangeleka ngolu hlobo:

Le yinto umntu ophetheyo kulo naliphi na ishishini, inkampani okanye umsebenzi ekufuneka ayenze. Wenza indlela. Wahlula izinto eziza kuye zibe ziindidi okanye iintlobo zento okanye iintlobo zesenzo.

Kodwa ukuza kuthi ga ngoku iintsimbi zibekwe nje ngonkweendidi zazo—ezibomvu, ezimhlophe kunye neziluhlaza.

Azikayi ndawo.

Kwakhona, ishishini kufuneka livelise into. Masithi iimveliso zeshishini ziintsimbi zigqojoziwe, zahlohlwa zaze zafakwa ebhokisini yentsimbi. Besiyakufumana oku:

Okanye besiyakufumana:

Okanye besiyakufumana:

Akubalulekanga kangako ukuba yeyiphi ipateni ye Org Board esiyisebenzisayo ukuba nje ithatha inani leentsimbi.

Ukuba sinomntu omnye kuphela kweli “shishini,” kuyakufuneka abe ukuba abenofifi lokucwangcisa kunye ne Org Board ethile.

Kodwa ukuba sinamanani aphezulu abantu okanye izinto ekufuneka sizilawule, kufuneka songeze abantu bokwenza umsebenzi. Nangona kunjalo, ukuba songeza nje abantu ngaphandle kwe Org Board, siyakongeza nokudideka okuninzi.

Ishishini elingena Org Board liyakuqhekeka ngenxa yokubanomsebenzi omninzi kunokuba linokuwulawula. Isiphumo siyakuba kukudideka.

Yintoni ukudideka? Ukudideka kukuhamba kwamasuntswana (abantu, unxibelelwano okanye ezinye izinto) ezingenasicwangciso okanye lungelelwaniso. Izinto ziyagilana zingqubane zize zihlale ngaphakathi KULO ndawo. Aziphumi ndawo.

Akukho mveliso, kuba ukuze kubekho nemveliso into ethile kufuneka IPHUME. Ukuba inkampani yenza iimpahla, iimpahla eziveliswa yinkampani kufuneka ZIPHUME, umzekelo, ziye kwenye inkampani ezakuzithengisela abantu.

Ngoku singabona izinto ezimbini. Sinezinto ezizinzileyo. Ezi ziindawo okanye imisebenzi okanye izikhundla kwiqela okanye kwishishini. Kwaye sinezinto ezihambayo. Ezi zizinto ezitshintshwa ngabantu abanomsebenzi okanye isikhundla.

Usebenzisa umzekelo wenkampani eyenza impahla, ingasebenza ngolu hlobo:

Ilaphu elingasetyenzwanga liziswa kwinkampani. Umntu othile kufuneka alisike. Ngumsebenzi wakhe lowo—umsiki. Wenze utshintsho elaphini—ulisikile.

Emva koko uyithumela komnye umntu kwaye umsebenzi walomntu kukuthunga ilaphu aze enze ihempe—umenzi wehempe. Ke loo msebenzi wenze olunye utshintsho.

Emva koko uthumela ihempe komnye umsebenzi othungela amaqhosha ehempeni—umthungeli wamaqhosha. Olunye utshintsho.

Ihempe egqityiweyo ngoku iya kopakishayo ayipakishe.

Kwinqanaba ngalinye, izinto (ilaphu kunye neehempe) ezihamba kule nkampani yempahla zitshintshiwe, zade zayimveliso egqityiweyo.

Imveliso egqibeleleyo yenkampani—ziihempe ezipakishiweyo zomgangatho ophezulu ezilungele ukuthengiswa—zingathengiswa ngoku kwenye inkampani enjengevenkile, ezakuzithengisa iihempe kubantu abazidingayo nabazifunayo.

Ke nabaphi na abasebenzi beshishini okanye inkampani batshintsha amasuntswana ahambayo.

Amasuntswana ahamba ngokulandelelana.

Izinto zingena kwishishini, zitshintshwe, ziphume kwishishini.

Ishishini elinohlobo olunye lwento, ezinjengeentsimbi ezibomvu, alikhombaxa njengelineentlobo ezahlukeneyo zezinto:

Nawuphi na umsebenzi unokulandelelana kwezenzo. Imelwe kukuba nendawo ezizinzileyo—abantu abasemisebenzini abasebenzayo—kwaye bangahambi ukuze baphathe izinto ezihambahambayo.

Akunyanzelekanga ukuba nabantu abakwiindawo ezinzileyo benze into enye kuphela. Kodwa kufuneka ukuba kubekho ukulandelelana ngokuthe ngqo, nokuchanekileyo kwezenzo.

Konke oku kuyinyaniso kwigumbi leinjini yenqanawa okanye kwiofisi yegqwetha, okanye naliphi na ishishini.

Umzekelo, kwigumbi leinjini yenqanawa, ipetroli iyangena ize itshintshwe ibe kukuhamba (amandla) iphume.

Umntu othile uqhuba oomatshini. Umntu ulungisa oomatshini. Konke kunokwenziwa ngumntu omnye kodwa nje ukuba umthamo inyuke, umntu kufuneka acwangcise amanyathelo, awohlule abeziindidi ezahlukeneyo aze awabeke kwi Org Board.

Oku kwenziwa ngokwahlulahlula ukusebenza kunye nokulungiswa kubezizenzo ezibini, ngokwenza imisebenzi emibini kwi Org Board enye.

Injineli eyiNtloko igcina umsinga uhamba kunye namadoda e “motor” esenza umsebenzi wawo.

Kwiofisi yegqwetha sifumana iintshukumo ezahlukeneyo ezenza umsinga.

Oku kungasentla kuya kuba lulungelwaniso lokuhamba, mhlawumbi olunomntu owahlukileyo (onobuchule obahlukileyo) kwinto nganye.

Okanye sinokuba ne Org Board apho izinto zingahambiyo ndawo.

Kodwa ukuba senze loo nto kuya kufuneka sibeke izinto kwi Org Board ukuqala phezulu kwicandelo ngalinye, sibonisa izinto ezahlukileyo ekufuneka zenziwe kwaye sehle, siqhubeka nokudwelisa uluhlu lwesenzo ngasinye.

Ngale ndlela ukuhamba kuya kwenzeka ngabantu abohlukeneyo kwi Org Board. Ingabonakala ngolu hlobo:

Ii Organizing Boards ezinika kuphela amagama ezikhundla ezahlukeneyo zidla ngokungahambi okanye zisebenze kakuhle.

I Org Board eqhelekileyo yomkhosi yexesha elidlulileyo yayile:

Kodwa njengoko imikhosi yayinamadoda amaninzi ngakumbi kwafuneka babe ne Org Board ebonisa ukuhamba kwezinto.

Ke cwangcisa ngokuthatha la manyathelo:

1. Jonga ngononophelo iintlobo zamasuntswana—izinto ezibandakanyekayo xa ukuveliswa imveliso.

2. Ukufumanisa iinguqu ekufuneka zenziwe ukuze uhlobo ngalunye lesuntswana lenze imveliso.

3. Ukuqesha uze kubeke kwi Org Board abantu abaza kwenza utshintsho ngokulandelelana kweenguqu ezibekwe ebhodini.

Ibhodi nayo kufuneka ibandakanye ukwamkelwa kweentlobo zamasuntswana enani loku-1 apha ngasentla.

Kufuneka ibandakanye nomzila weentlobo ezahlukeneyo zezinto eziya kubantu abazitshintshayo. Ekugqibeleni kukho okunye ukuphuma okuziimveliso.

Umzekelo, umamkeli kwinkampani kufuneka akwazi ukubona iindidi ezahlukeneyo zeendwendwe eziza kwidesika yakhe. Indoda ehambisa izinto iya kugqithiselwa kumntu owamkela izinto ezizisiweyo. Umntu onokubangumthengi uyakudluliselwa kumthengisi. Njalo-njalo.

Ukuze isebenze kwaye isebenziseke, i Org Board kufuneka ibandakanye nokufumana izinto zokwenza imveliso kunye nezixhobo ezifunekayo zokuvelisa. Kufuneka ba ineendlela zokukhuphela imveliso yeshishini ebantwini abanokuthi bayifune, ezinjengentengiso kunye nabathengisi. Kufuneka ihlawulelwe iimveliso ezivelisayo. Kufuneka nokuba ibenabantu bokubeka umsebenzi esweni.

Inkampani ngokusisiseko yingqokelela yee Org Board ezincinci ezidityaniswe ukuze zisebenze kunye njenge Org Board enkulu.

Ukucwangcisa nawuphi na umsebenzi ofuna ukuwenza, kufuneka ukwazi ukwenza la manyathelo alula:

1. Yiba nomfanekiso ngqondweni (yakha umfanekiso engqondweni yakho) ukulandelelana kokuhamba kunye notshintsho ekufuneka lwenziwe kwinqanaba ngalinye.

2. Yiba nakho ukubona apho isuntswana (iphepha, umzimba, imali, njl. njl.) lingena nalapho liphuma khona umsebenzi wakho, inkampani, njl. njl.

3. Yiba nako ukufumana nayiphi na indawo apho izinto zime kwaye zingasebenzi khona uze wenze into yokulungisa loo ndawo yokuhamba kwezinto.


Ngamafutshane, i Org Board efanelekileyo yindibaniselwano eqhubekayo yokuhamba kwezinto zingagqubani kwaye zingene zive utshintsho olufunwayo zize ziphume njengemveliso.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.