Let us know how it is going
4.‎1 FUNDA ELI NQAKU

I Organizing Board

Eli candelo likubonisa i Organizing Board okanye i Org Board ngamafutshane. Yasungulelwa ukuba isetyenziswe yimibutho ye Scientology. Ihlengahlengisiwe ukuze uyisebenzisele nawuphi na umsebenzi, inkampani okanye umbutho. Le bhodi inokusetyenziswa ngumbutho omncinci kakhulu okanye ngonamawaka abantu ngaphandle kokuyitshintsha. Zimbalwa okanye zingaphezulu izikhundla ezinabantu. Lolo utshintsho kuphela. Ngapha koko, inokusetyenziswa ngumntu ukucwangcisa nokuphucula ubomi bakhe.

Amagqabantshintshi

I Organizing Board yahlulahlulwe yangamacandelo asixhenxe ahlukeneyo abizwa ngokuba luhlulu. Abalwa ukusuka ku-1 kuye ku-7. Ngalinye lenza imisebenzi eyimfuneko yokuvelisa imveliso ethile eyenziwa kwelo candelo.

Ukuze naliphi na ishishini liphumelele, yonke imisebenzi equkwa ngamagama alamacandelo kufuneka yenziwe. Zezi: Olawulayo, Unxibelelwano, Ukusasaza (ukukhuthaza kunye nokuthengisa iinkonzo kunye neemveliso zeshishini), iSebe lezemali, eleMveliso, iziQinisekiso (ukuqinisekisa umgangatho weenkonzo nemveliso zeshishini), kunye noLuntu (ukwazisa uluntu ngeenkonzo neemveliso zelishishini).

Ishishini elingenalo elinye okanye nangaphezulu icandelo elikolu luhlu liyakungaphumeleli.

Nangona ibhodi enamacandelo asisixhenxe ibonakala ngathi inenani lamacandelo elinokulungela iqela elikhulu, iyakwazi, njengoko kukhankanyiwe apha ngentla, ukulingana naliphi na ishishini nokuba lingakanani na.

Le Organizing Board kungenwa kuyo ngase khohlo kwaye iqhubeka iye ngasekunene, iqala ngeCandelo loku-1 kwaye iqhubekeka ngokwamacandelo ukuya kwiCandelo le-6 ize iphumele ngaphandle. Umntu okanye isuntswana aliphumeli kwiCandelo le 7. Eli candelo lilungelelanisa imisebenzi yeshishini lonke, oko kuthetha ukuba liqinisekisa ukuba abantu kunye namacandelo awohlukeneyo basebenza kunye ngokukuko.

Umzekelo, thabatha “i salon” enkulu yokuhombisa iinwele:

Umntu obhinqileyo uyangena kwi “salon” aze abuliswe ngumamkeli okwiCandelo lezoNxibelelwano.

Umthengi anganemibuzo malunga neenkonzo ze salon aze abhekiswe komnye wabaqeshwa besalon ukuba achaze iinkqubo ezahlukeneyo zokuhombisa ezenziwa e “salon”—ukufaka imibala, ukucheba njl. njl. Lo mntu uya kuba kwiCandelo lokuSasaza.

Intlawulo yenziwa kwi “cashier” kwiCandelo loLawulo-mali.

Umthengi emva koko ubona “i stylist” kwiCandelo le 4, Icandelo lokuvelisa, ehombisa iinwele zakhe.

Phambi kokuba ahambe, omnye wabaqeshwa, osebenza kwiCandelo loluntu le “salon,” umxelela ngokudibana nabahlobo bakhe ukuba abaxelele nge “salon” kwaye amnike isaphulelo xa ephinde wabuya ukuba omnye wabahlobo bakhe uzisebenzisile iinkonzo ze “salon.”

Ke lo umthengi uhambe inyathelo ngenyathelo kwi Org Board ye “salon.” Ukusetyenziswa ngokuthe ngqo kwale Org Board ukulungela ishishini nokuba lingakanani na kunokubonwa lula.

Imisebenzi eyenziwa licandelo ngalinye kwi Org Board iphinde yahlula-hlulwe ibengamasebe, adla ngokuba mathathu ngenani, abengamashumi amabini ananye xa ewonke. Icandelo ngalinye linemveliso okanye iimveliso ezithile, xa zidityaniswe zibe yimveliso epheleleyo yelo candelo.

Umzekelo, iCandelo lezoNxibelelwano linemveliso egqibeleleyo yabasebenzi abasebenzayo, abanemveliso nabaziphethe kakuhle. Ukuziphatha apha kuthetha ukwenza okulungileyo nokulungele iqela kunye nabo bonke abachaphazelekayo.

Isebe lokuqala kweli candelo liCandelo lokuKhombisa kunye nabaSebenzi. Likhombisa abasebenzi abatsha izithuba abazabelweyo. Inemveliso yabasebenzi abaphumelelayo abanikwe izikhundla okanye imisebenzi baza baqeqeshelwa ukwenza imisebenzi yabo. Eminye imisebenzi yeli sebe yile ilandelayo:

  • liqesha abasebenzi;
  • lijonga ukuba bangasetyenziswa ngokugqwesileyo njani abaqeshwa abakhoyo lize libabeke ngokuchanekileyo kwi Org Board ukuncedisa ukukhula kweshishini;
  • liqinisekisa ukuba abasebenzi abatsha kunye nabakhoyo bafunda iminqwazi yabo kwaye libafundise (ukusebenza phantsi komntu onamava ngakumbi) ukuba benze imisebenzi yabo.

Icandelo lesibini, liSebe lezoNxibelelwano, lisingatha lonke unxibelelwano ngaphakathi nangaphandle kweshishini, kunye nonxibelelwano phakathi kwabaqeshwa neshishini. Imveliso yalo lunxibelelwano olwamkelwa lula kwaye luhanjiswe ngokukhawuleza. Yenza oku kulandelayo:

  • iphendula iminxeba ize iyidlulisele kumntu olungileyo;
  • ifumana imbalelwano engenayo ize iyise ngokukhawuleza kubaqeshwa kulo lonke ishishini;
  • iqinisekisa ukuba ishishini ulithumela unxibelelwano kubantu eshishina okanye abanokushishina nalo;
  • imisela inkqubo yonxibelelwano yeshishini ukuze aqeshwa balo kunye nabalawulayo bathumele kwaye bafumane unxibelelwano phakathi kwabo.

ISebe loHlolo kunye neeNgxelo, elinemveliso engabasebenzi abaziphethe kakuhle, nabasebenzayo, lisebe lesithathu. Yenza oku kulandelayo:

  • ihlola naziphi na iiprojekthi zombutho kunye nengxelo ngenkqubela yazo kubalawuli ukuze, apho kukho imfuneko, amanyathelo athatyathwe ukulungisa naziphi na iingxaki;
  • ikuqokelela gcine umkhondo weenkcukacha-manani zeshishini. Inkcukacha-manani ngumlinganiselo womgangatho wemveliso ezahlukeneyo eziveliswa lishishini ngeveki nganye. Abalawulayo bayaziqwalasela ezi baze bathathe naliphi na inyathelo elifunekayo ukuphucula ukuvelisa kunye nokusebenza kakuhle;
  • ibona ukuba kukho inqanaba eliphezulu lokuziphatha kakuhle kwishishini.

I Org Board yeCandelo lezoNxibelelwano ikhangeleka ngoluhlobo:

Icandelo ngalinye lilandela le nkqubo enentloko yecandelo kunye namasebe amathathu ilelo elinentloko yesebe. Inguqulelo eyenziwe lula ye Org Board enamaCandelo Asixhenxe iyalandela. Ichaza imisebenzi yamacandelo njengoko inokusetyenziswa lilo naliphi na ishishini, inkampani okanye iqela.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.