Let us know how it is going
5.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Ukucwangcisa kunye Nomdla Wokusebenza

Njengoko sele kuchaziwe ngaphambili kule khosu, umdla wokusebenza kukucinga kwengqondo kunye neemvakalelo zomntu okanye iqela kunye nobungakanani bomdla abawubonisayo kumsebenzi ababandakanyeka kuwo.

Iziseko zokucwangcisa njengoko zifunyenwe kule khosi ziyakunceda ukubuyisela umva ukudodobala kwalo naliphi na ishishini elinengxaki kwaye zincede naliphi na ishishini elikhulayo nelandayo ukuba lenze ngcono. Zinokusetyenziswa ekhaya, esikolweni okanye emsebenzini. Umntu unokuzuza buqu ngokucwangcisa imisebenzi yakhe.

Ukuba ucwangcisa kakuhle nangokucokisekileyo, uyakuba nomdla wokusebenza olungileyo kwishishini okanye inkampani yakho. Nanini na xa ufumanisa ukuba umdla wokusebenza weshishini okanye umsebenzi wakho uyehla, impendulo kukulungiselela.

Uvavanyo olunononophelo lwabantu lubonisa ukuba uqhankqalazo lwabo olusisiseko luchasene nokungabikho kokulungiselela. “Ayihambi kakuhle!” sisizathu sokuba bachase izinto.

Ukufaka ubuxhaka-xhaka balemihla bokucwangcisa kunokuphelisa uqhankqalazo, kuzise imveliso eyandisiweyo kwaye kuphakame nomdla wokusebenza.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.