Let us know how it is going

Wamkelekile

Ngoku ubhalise ngempumelelo kwaye sele ukulungele ukuqala inyathelo lakho lokuqala kwinkqubo yokufunda enomdla kunye nezakhono. Le khosi iyakukubonelela ngezixhobo onokuzisebenzisa ebomini bakho.

Le khosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, ngokulandelana kokufunda kunye nokuzilolonga ekufuneka ukwenzile. Kwaye njengoko ikhosi iphela inayo yonke into efunekayo ngaphakathi kwayo ukusuka kwisingenisi sakho, ungangena, nangaliphi na ixesha ukuze uqhubeke ngeziqwenga zomsebenzi owunikiwe ukuba uwenze uwugqibe.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

Inqaku Elibalulekileyo

Ngokwenza le khosi, qiniseka ukuba akugqithi gama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi.

Ukubhideka okanye ukungakwazi ukuqonda okanye ukufunda kuza EMVA kwegama ongalazanga intsingiselo yalo. Isenokungabi ngamagama amatsha nangaqhelekanga kuphela ongazange uwaqonde.

Enye yezona zinto zibalulekileyo kwisihloko sonke sokufunda kukuba ungaze ugqithe igama ongaliqondiyo.

Kwisifundo ngasinye osithathileyo wasishiya singagqitywanga, uyakufumanisa ukuba kukho amagama owafundileyo kodwa awazi ukuba athetha ntoni.

Ke ngelixa usenza le khosi qinisekisa ngamandla, okokuba awusoze ugqithe igama ungaliqondiyo ngokupheleleyo.

Ukuba le nto uyifundayo iyakubhida okanye kubonakala ngathi awuyiqondi, kuyakubakho iGAMA ngaphambili othe wangaliqondi.

Sukuya phambili, kodwa buyela umva apho NGAPHAMBI kokuba ungene engxakini kwaye ufumane igama ongaliqondanga ngokupheleleyo. Nanini na xa ubona igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi, unganqakraza kulo kwaye liza kukunika ngoko nangoko intsingiselo yeli gama.

Njengoko uqhubeka nekhosi, unganqakraza kwimenyu ephezulu kwiphepha ngalinye lwekhosi apho lithi "Glossary" (olu luluhlu lwamagama kunye neentsingiselo zawo) kwaye kuya kukusa kuluhlu lwamagama asetyenzisiwe kwikhosi kwaye ikunike intsingiselo yegama nganye.

Ukuba awulifumani igama olikhangelayo kwaye alidweliswanga kwi-glossary, fumana isichazi-magama esilula kwaye ujonge intsingiselo yalo apho.

Wamkelekile kwiKhosi seZiseko Zokucwangcisa kwi-Intanethi

Sonke siyabona ukuba xaizinto bezicwangciswe ngcono, abantu bebeyakuphila ngcono. Sonke sinamava ngeshishini okanye urhulumente, isikolo okanye iqela elingacwangcisekanga kakuhle saze sadideka, salibaziseka kwaye sakhathazeka sizama ukumelana nokokungabikho kulungiselela.

Ukuzama ukuqalisa into—isicwangciso, umbono omtsha owawunawo, mhlawumbi ukuqala ishishini elitsha—ngaphandle kokulungiselela kunokuba yinto eyoyikekayo. Ukulungiselela yeyona nto yenza impumelelo yomntu kwishishini, kubomi bosapho, kwizinto zokuzonwabisa nakwezinye izinto zeqela onokuthi uzibandakanyeke nalo. Ukufezekisa iinjongo zakho, nokuba zikhulu okanye zincinci kangakanani, kufuneka ukwazi ukucwangcisa izinto.

Kule khosi, uzakufunda ngemithetho ngokubanzi yokulungiselela, ukuba ungayisebenzisa njani na kunye namanyathelo ngqo onokuwathatha ukulungiselela ubomi bakho, iqela, umbutho okanye ishishini. Ngokufunda uze usebenzise olu lwazi, uyakubanakho ukuphumelela ngakumbi kuyo yonke into oyenzayo.

Inqaku Elibalulekileyo

Ekwenzeni le khosi, qiniseka ukuba akusoze udlule igama ongaliqondi ngokupheleleyo. Esona sizathu singunobangela wokuba umntu ayeke ukufunda okanye abhideke okanye angakwazi ukufunda kuxa egqithe igama engaliqondi. Kaninzi

1.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Yintoni Ukulungiselela?

Ukuba uzama ukwenza into, ungangena engxakini ukuba awukwazi ukuwucwangcisa loomsebenzi, projekti okanye inkampani obandakanyeka kuyo okanye oyilawulayo.

Igama elithi ukucwangcisa lithetha ukuhlengahlengisa izinto kunye nezenzo ukuze kuphume into efunwa ngumntu okanye liqela.

Ukulungiselela kukwahlula-hlulwa kwezenzo nemisebenzi eyahlukeneyo ukuze ibeyekhethekileyo. Ezikhethekileyo zithetha ukuba iintlobo ezithile zezenzo, uxanduva okanye imisebenzi ibekwa yonke kwicandelo elinye kwaye ezinye iintlobo zezenzo, uxanduva okanye imisebenzi zibekwa kwelinye icandelo njalo-njalo.

Ungacwangcisa inani lezenzo ozakuzenza ngokwakho. Ukwenza oku, uyakuqala ngokujonga ukuba yintoni ekufuneka yenziwe. Uyakwenza into onokuyenza kuqala. Emva koko uyakuqhubeka nokwenza zonke ezinye izinto ebekufuneka uzenze xa ubunako ukuzenza.

Ngokuthatha la manyathelo, uyakuba nakho ukuyigqiba into oyiqalileyo.

Iqela linokucwangciswa ukuze ilungu ngalinye lelo qela lizigqibe izenzo ezikhethekileyo zalo. Ezi zenzo zincinci zidibana zenze imveliso egqibeleleyo.

Imveliso yinto egqityiweyo ekunokutshintshiswa ngayo. Ukutshintshisa kuthetha ukunikezela ngento exabisekileyo ukuze ufunane into yexabiso. Oku kunokuba yiyo nayiphi na inkonzo okanye into. Imveliso iba yimveliso xa ithe yathunyelwa komnye umntu ngaphandle kombutho. Okanye inokudluliselwa kwelinye ilungu elingaphakathi lombutho.

Ngale ndlela, iqela lingafezekisa injongo yalo enkulu ebanzi—enje ngokudala okanye ukwenza into okanye ukuhambisa inkonzo.

Kukho umahluko phakathi kokubona ukuba abantu bayayenza imisebenzi yabo kunye nokuwenza ngokwakho umsebenzi. Abanye abantu banengxaki ngale nto. Umntu ophethe into ngamanye amaxesha akayazi indlela yokuyicwangcisa kakuhle. Ke uzama ukwenza yonke into ngokwakhe. Ukuba uqhubeka ezama ukuyenza yonke ngokwakhe, iqela lakhe liyakuqhekeka lingaphumeleli. Ngoba? Kuba bonke abantu abakulomsebenzi abasenamsebenzi okanye xanduva okwenyani. Imisebenzi yabo ithathwe ngulomntu uphetheyo.

Kuyinyani ukuba umntu onobuchule obukhule bokwenza into angayenza ngcono. Nangona kunjalo, akanakuze enze ngaphezu kwamandla akhe. Kodwa iqela elicwangciswe kakuhle linokuwuphinda-phinda umsebenzi onokwenziwa ngumntu omnye.

Umntu onobuchule obukhulu bokwenza into angaphoxeka xa abantu abamsebenzelayo bengayenzi into alindele ukuba bayenze. Angazama ukuyenza ngokwakhe yonke into kunokuba acwangcise iqela lakhe ukuze lisebenze kunye.

Ukuba iqela lakho aliphumeleli kangangoko ufuna kwaye ukuba abantu bakho abawenzi ngobuchule umsebenzi wabo, kufuneka uthathe amanyathelo amabini:

  1. Lawula ingxaki engxamisekileyo
  2. Cwangcisa iqela lakho ukuba lilawule izinto ezinjalo kwaye lenze umsebenzi walo

Ungaxinga kolo nombolo 1, ungentla. Ukuba uxingile uzama nje ukusombulula ingxaki engxamisekileyo, ungalindela ukubanengxaki kwaye uzive unomsebenzi omninzi. Kungenxa yokuba usilele ukwenza unombolo 2, cwangcisa iqela lakho.

Ke okona kungaphumeleli kukhulu kwalo naliphi na iqela kukungaphumeleli ukucwangcisa.

Esona sizathu siphambili sokungawucwangcisi umsebenzi, inkampani, kwanekhaya, kukungaqondi ukuba kucwangciswa njani.

Umzekelo, oluwulayo uxelelwa ukuba ulawula ukuqinisekisa ukuba iProjekthi X yenziwe. Akukho nto ingako ayaziyo ngayo. Unabasebenzi ababini abaziyo. Into engalunganga anokuyenza kukuzama ukwenza iProjekthi X ngokwakhe. Okanye ukunika imiyalelo emininzi engabhadlanga.

Into elungileyo ekufuneka yenziwe ngolawulayo kukuthatha lo msebenzi wazi kakhulu ngokufuneka kwenziwe aze amnike omnye njengomncedisi. Emva koko baxelele bobabini ukuba basebenze kwiprojekthi. Ke olawulayo kufuneka ngoku afunde ngakumbi malunga neProjekthi X kodwa angaphazamisani nabasebenzi abenza iprojekthi.

Xa olawulayo efunde ngakumbi ngeprojekthi, angabona ukuba yenziwe kwaye yenziwe kakuhle. Kodwa usabayekile abasebenzi ababeke kwi projekthi ukuba bayenze.

Ukuba une iprojekthi ofuna yenziwe, nantsi indlela yokuyenza:

Kuqala qokelela ulwazi malunga nazo zonke izinto eziza kwenziwa kwiprojekthi.

Emva koko dibanisa iindidi ezifanayo zezenzo ezifunekayo kwiprojekthi zibe yimisebenzi eminye.

Ngoku nika le misebenzi abantu ukuba bayenze.

Xa ubanikile abantu imisebenzi yabo, misela iindlela zonxibelelwano ezihamba phakathi kwamalungu eqela lakho.

Nika iqela lakho naziphi na izixhobo elizifunayo ukuze lenze imisebenzi yalo.

Cwangcisa unxibelelwano kunye nentsebenziswano nabanye abantu, amaqela okanye imibutho eyimfuneko ukuze iprojekthi yenziwe.

Emva kokuba yonke le nto yenziwe, into ekufuneka yenziwe kukuyeka amalungu eqela ukuba axakeke esenza imisebenzi yawo.


Nawuphi na umsebenzi, nokuba mncinci kangakanani, kufuneka ucwangciswe.

Nabani na ophethe abantu kufuneka akwazi ukucwangcisa izenzo ezahlukileyo okanye imisebenzi ekufuneka yenziwe kwaye akwazi ukusebenza enze umsebenzi wenzeke.

Ukusilela koko, umntu ophetheyo uyabanokuncinci kakhulu okwenziweyo aze asebenze kakhulu. Kwaye onke amanye amalungu eqela ayakungabinamsebenzi.

Kukho umxholo obizwa ngokuba kukulungiselela. Lo mbandela ngoku wenziwe wayinkqubo elungelelanisiweyo enokufundwa. Ngokuyifunda, ungaphumelela kwinto uzama ukuyiphumeza.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.