Let us know how it is going
2.‎1 FUNDA ELI NQAKU

Iimpawu zoMntu Ongakufuni Ukwazintlalo

Umntu Ongakufuni Ukwazintlalo unezi mpawu zilandelayo:

1. Uthetha kuphela ububanzi ngokubanzi (iingxelo ezinganiki zinkcukacha). “Bathi…,” “Wonke umntu ucinga…,” “Wonke umntu uyazi…” kunye neengxelo ezifanayo zisetyenziswa rhoqo, ngakumbi xa kusasazwa amarhe. Umzekelo, Umntu Ongakufuni Ukwazintlalo unokusasaza amarhe, anjengokuthi, “Akukho mntu uthanda ukuya kulandawo yokutyela; wonke umntu uyithiyile.” Xa ubuzwa “Ngubani uwonke umntu?” ucinga ukuba luluvo loluntu luphela. Ngokwesiqhelo kuvela ukuba ngumntu omnye othethileyo kwaye lomntu omnye nguMntu Ongakufuni Ukwazintlalo buqu.

Oku kuyindalo kuMntu Ongakufuni Ukwazintlalo, kuba kuye uluntu lonke luyinto enkulu, enobutshaba ngokubanzi, iqokelelwe ngokuchasene naBantu Abangafuni Ukwazintlalo ngqo.

2. Umntu onjalo usebenza ikakhulu kwiindaba ezimbi, intetho egxekayo okanye enobutshaba, ukungasebenzi (ukwenza umntu abonakale engalunganga okanye engafanelekanga) kunye noxinzelelo ngokubanzi (izenzo ezigcina abanye bephansi, zibenze basilele, njl. njl.).

Akukho ndaba zimnandi okanye ukuncoma edluliswa ngumntu onjalo.

Umzekelo, masithi intombazana encinci yayifunda ukudlala ipiyano. Umntu Ongakufuni Ukwazintlalo anganakho ukwenza izimvo malunga nendlela intombazana yayisenza ngayo iimpazamo kunye nokudlala amanqaku amaninzi angalunganga (kuba egxeka) kwaye esithi ipiyano sisixhobo asithiyileyo (intetho enentiyo) aze axelele intombazana ukuba akanayo italente esisiseko kwaye engasoze akwazi ukudlala ipiyano ngokufanelekileyo (uxinzelelo).

3. Umntu Ongakufuni Ukwazintlalo wenza lube lubi unxibelelwano xa edlulisa umyalezo okanye iindaba. Iindaba ezimnandi zimisiwe kwaye ziindaba ezimbi kuphela, ezihlala zongezwa kuzo, zidluliswa.

Umntu onjalo uzenza ngathi udlulisa “iindaba ezimbi,” kanti eneneni yenziwe nguye.

4. Enye yezona zinto zibuhlungu malunga noMntu Ongakufuni Ukwazintlalo kukuba akaphucuki okanye aphile kakuhle ngenxa yempatho ayifumanayo.

5. Ukujikeleza ubuntu obunjalo, sifumana ukoyika okanye ukugula kwamalungu osapho okanye abahlobo abathi, xa bangenziwanga ngokwenene ukuba baphambuke, bayasilela.

Abantu abanjalo abaye boyike okanye benziwa uba bagule nguMntu Ongakufuni Ukwazintlalo benza ingxaki kwabanye.

Xa bephathwa okanye befundisiwe, abantu abadibene noMntu Ongakufuni Ukwazintlalo ababingcono kwaye bahlala ngaloo ndlela okanye abazivi kamnandi okwethutyana kwaye bahlala beziva kamnandi. Kungekudala baqala ukuziva begula kwakhona okanye bengonwababga, kuba bephantsi kwempembelelo yoMntu Ongakufuni Ukwazintlalo.

Aba bantu kwakhona abaqheleki ukuphola kwixesha elilindelekileyo kwizigulo, nangonyango. Endaweni yoko ziba mbi kakhulu kwaye babe nokuphola okubi.

Elona nani liphezulu labantu abaphambeneyo baba ngabantu abaphambeneyo ngenxa yolo nxulumano lokungakufuni ukwazintlalo kwaye abaphili ngokulula ngesizathu esifanayo.

6. Umntu Ongakufuni Ukwazintlalo uqhubeka ngokuhlala ekhetha ithagethi engalunganga (unobangela wezinto) womsindo wakhe.

Ukuba ivili lemoto yakhe lityhafile kukuqhuba ngaphezulu kwezipikili, uqalekisa umntu ahamba naye—umthombo ongalunganga wengxaki. Ukuba unomathotholo wommelwane unengxolo enkulu, ukhaba ikati yakhe.

Ukuba ngu-A unobangela ocacileyo, Umntu Ongakufuni Ukwazintlalo ugxeka u-B okanye u-C okanye u-D.

7. Umntu Ongakufuni Ukwazintlalo akakwazi ugqiba iprojekthi okanye isenzo.

Ujikelezwa ziiprojekthi ezingaphelelanga kunye nezinto ezaqalwa ezingazange zigqitywe.

8. Uninzi lwaBantu Abangafuni Ukwazintlalo luya kuvuma ngokulula kwezona zenzo zoyikisayo, kodwa abayi kuba nayo ingqondo yoxanduva kuzo.

Izenzo zabo azinanto yakwenza nokukhetha okanye izigqibo abazenzayo. Izinto “zenzekile nje.”

Abanantsingiselo yokuba babangele into kwaye abanakuziva beneentloni okanye benetyala xa benze into engalunganga.

Umzekelo, Umntu Ongakufuni Ukwazintlalo unokuphosa ngokungakhathali into enzima ngaphandle ngefestile esakhiweni kwaye ngokwenene kwenzakalise umntu omi ngaphandle. Akazukuvakalelwa ukuba wenze into ephosakeleyo. Uya kuthyola nje umntu ngokuhamba ngaphaya kwefestile xa ephosa into ngaphandle kwayo.

9. Umntu Ongakufuni Ukwazintlalo uxhasa kuphela amaqela atshabalalisayo kwaye uhlasele naliphi na iqela elakhayo okanye iqela elisebenza ukunceda abantu.

10. Olu hlobo lobuntu luvuma kuphela iintshukumo ezonakalisayo kunye nokulwa ngokuxhasene nezenzo ezakhayo okanye imisebenzi.

Igcisa, ngakumbi, lihlala lihlaselwa kwaye licinezelwa ngaBantu Abangakufuni Ukwazintlalo, ababona kubugcisa bakhe into ekufuneka itshatyalalisiwe kwaye, “njengomhlobo,” uzame ukwenza oko ngasemva kwakhe.

11. Ukunceda abanye ngumsebenzi ophantse uphambanise Umntu Ongakufuni Ukwazintlalo. Imisebenzi eyonakalisayo ngegama loncedo, nangona kunjalo, ixhaswa ngokusondele kakhulu.

12. Umntu Ongakufuni Ukwazintlalo unoluvo olubi lokuba ngubani ongumnini wepropathi kwaye ucinga umbono wokuba nabani na ungumnini wento bubuxoki obenziwa ngenjongo yokuqhatha abantu. Kuye, akukho nto inomnini wayo.

Qaphela: Ukuze uqhubeke, kufuneka ugcwalise onke amanyathelo angaphambili kule khosi. Inyathelo lakho lokugqibela elingaphelelanga ngu
QAPHELA: Uneempendulo ezininzi ebezingachanekanga. Ukuze uqhubeke, kuya kufuneka ufunde kwakhona inqaku Kwaye uvavanye ukuqonda kwakho kwakhona.